IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g04 11/8 iphe. 28-30
  • Ndingamxelela Njani Indlela Endivakalelwa Ngayo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ndingamxelela Njani Indlela Endivakalelwa Ngayo?
  • Vukani!—2004
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Sebenzisa Ubulumko
  • Indlela Ofuna Ukwaziwa Ngayo
  • Xa Engaphenduli
  • Ndinokumala Njani?
    Vukani!—2001
  • Kuthekani Ukuba Akavumi?
    Vukani!—2005
  • Ndifanele Ndiyijonge Njani Intombazana Ecela Uthando?
    Vukani!—2005
  • Ndenze Ntoni Ukuba Yena Akaluhoyanga Uthando Lwam?
    Vukani!—1998
Khangela Okunye
Vukani!—2004
g04 11/8 iphe. 28-30

Abantu Abaselula Bayabuza . . .

Ndingamxelela Njani Indlela Endivakalelwa Ngayo?

“Ndicel’ ukuphendulwa kulo mbuzo, Ngubani ofanele atsho xa ethanda omnye—ngumfana okanye yintombi?”—ULaura.a

A PHA kuthethwa ngomntu osandul’ ukudibana naye okanye umntu ekusenokwenzeka ukuba ubumazi kangangethuba—yaye ufuna angabi ngumhlobo nje. Weyisekile ukuba uvakalelwa kanye njengawe nto nje uyoyika okanye uneentloni zokutsho ngokwakhe. Ngoko uyazibuza ukuba kungaba njani xa umxelela ngokwakho.b

Ngaphambi kokuba sihlabele mgama, okokuqala masicinge ngendlela abavakalelwa ngayo abo uhlala nabo—intsapho yakho nabasekuhlaleni. Ngokomzekelo, ngaba isithethe sasekuhlaleni sithi ngabazali abafanele bakufunele iqabane?c Liyinyaniso elokuba, usenokuvakalelwa kukuba ukuthandana nokutshata ngumbandela wobuqu. Sekunjalo, amaKristu ayakuphepha ukukhubekisa abanye ngokungeyomfuneko. Kwakhona afuna ukuqwalasela indlela avakalelwa ngayo amalungu eentsapho zawo nabo abathandayo.

Noko ke, kumazwe amaninzi kuqhelekile ukuba izibini zithandane ngaphambi kokuba zigqibe enoba ziyafuna na ukutshata. Ngaba kuphosakele ukuba ibhinqa libonise kuqala ukuba liyamthanda umfana? Kwakhona, usenokucinga ngendlela eya kuvakalelwa ngayo intsapho yakho nabantu basekuhlaleni. Ngaba ngokwenjenjalo abanye baya kothuka okanye baya kucaphuka?

Ithini yona iBhayibhile kumbandela wokufaneleka kokuzithethela kwebhinqa? Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, ibhinqa eloyik’ uThixo uRute lacela umtshato kwindoda enguBhohazi. Yaye uYehova uThixo wayisikelela loo migudu yalo! (Rute 3:1-13) Kakade ke, uRute wayengengomntwana; wayengumhlolokazi, ngokucacileyo wayekulungele ukutshata. Wayengadlali ngoBhohazi. Kunoko, wayilandela ngokusondeleyo imithetho kaThixo ngokuphathelele umtshato.—Duteronomi 25:5-10.

Mhlawumbi ukhule ngokwaneleyo ukuba ucinge ngomtshato, yaye kukho umfana onomdla kuye. Nangona kunjalo, ukuzityand’ igila kumntu osenokungavakalelwa ngendlela ovakalelwa ngayo ngumbandela onzulu gqitha. Kufana nokuthabatha intliziyo yakho uze uyibeke esandleni somnye umntu. Ngaba uza kuyiphatha ngocoselelo okanye uza kuyijula phantsi? Ukuze uphephe ukuhlazeka okanye ukukhathazeka landela imigaqo yeBhayibhile.

Sebenzisa Ubulumko

Kulula ukuzibona sele ucinga ngomntu omthandayo. Usenokude ucinge ngemini yakho yomtshato nasemva kwayo. Noko ke, ngoxa usenokuzithanda iingcinga ezinjengezi, zingamaphupha nje. Zisenokuvuselela umnqweno ongenakuzaliseka. Kunjengokuba kanye iBhayibhile isitsho, “ulindelo olubanjezelweyo lugulisa intliziyo.” (IMizekeliso 13:12) Ukuphupha kunokuyiphazamisa indlela ozibona ngayo izinto. Noko ke, IMizekeliso 14:15 ithi: “Onobuqili uyawaqwalasela amanyathelo akhe.” Ukuba nobuqili kuthetha ukuba nengqiqo. Ungabubonisa njani ubuqili xa kukho umntu omthandayo?

Okokuqala, zama ‘ukwenza ngokwazi.’ (IMizekeliso 13:16) Njengokuba ibhinqa eliselula latshoyo, “akukwazi ukumthanda umntu de umazi.” Ngaphambi kokuba uzinikele emntwini, zama ukwazi okuninzi ngaye. Qwalasela oko akwenzayo nendlela athetha ngayo. Phawula indlela abaphatha ngayo abantu. Omnye umfana uthi, “Buza abahlobo bakhe, buza nabanye abantu abakhulileyo abamazi kakuhle.” Ngaba ‘kunikelwa ingxelo entle ngaye’ ngabo bakwibandla lamaKristu? (IZenzo 16:2) Kwakhona, elinye ibhinqa eliselula elinguIsabel lithi, “ukuhamba ningamaqela nokuzama ukwazi intsapho yakhe kunokuba luncedo.” Kulula ukumfunda umntu ungangxamanga xa niliqela.

Ukuze umazi umntu ngale ndlela kuthabatha ixesha yaye kufuna umonde. Kodwa oko kuya kukunceda ubone isimo sengqondo, imikhwa neempawu eziya kukunceda uyiqonde indlela ovakalelwa ngayo okanye zikwenze utshintshe. IMizekeliso 20:11 ithi: “Kwangoqheliselo lwayo inkwenkwe [okanye umfana] izenza iqondwe enoba usulungekile na yaye uthe tye na umsebenzi wayo.” Ewe, ekugqibeleni izinto azenzayo ziya kutyhila oko akuko ngokwenene.

Ngoko ke, zama ukuba ungakhawulezi uzityhile iimvakalelo zakho lingekafiki ixesha. Ukuba uyangxama aze naye avume, usenokufumanisa kamva ukuba akakufanele njengeqabane lomtshato.d Emva kokuba sele uzibophelele kuye, ukwahlukana naye ngeli xesha kusenokumkhathaza umfana—mhlawumbi ngokunzulu.

Indlela Ofuna Ukwaziwa Ngayo

Kusenokwenzeka ukuba lo mfana naye ukujongile! Ngaba uziphatha ngendlela eya kwenza zibonakale iimpawu zakho zobuthixo? UIsabel uthi, “Ndiye ndaphawula ukuba amanye amantombazana akanxibi ngokundilisekileyo. Ukuba ufuna ukubonwa ngumntu othanda izinto zokomoya, ufanele unxibe ngokundilisekileyo.” Kungakhathaliseki ukuba yiyiphi ifashoni ekhoyo ehlabathini ukuzihombisa “ngesinxibo esilungiswe kakuhle, ngokuthozama nangengqondo ephilileyo,” kuya kwenza umfana oselula oneempawu zobuthixo atsaleleke kuwe.—1 Timoti 2:9.

Kwakhona xa iBhayibhile ikhuthaza amaKristu aselula ukuba ‘abe ngumzekelo ngokuthetha.’ (1 Timoti 4:12) Indlela othetha ngayo ityhila lukhulu ngawe. Yintoni omele uyenze xa livela ithuba lokuncokola nomfana? Ukuba uneentloni, usenokungakhululeki. Ibhinqa eliselula elinguAbbie lithi, “Kusenokufuneka uqalise incoko uze ubone indlela asabela ngayo.”

Unokuqalisa njani? Ukuba usoloko uthetha ngesiqu sakho, usenokucinga ukuba uyazicingela yaye akukho krelekrele. IBhayibhile icebisa ukuba ‘singanyamekeli izilangazelelo zobuqu kuphela, kodwa nezo zabanye.’ (Filipi 2:4) Ukubuza imibuzo nje embalwa efanelekileyo ngaye okanye izinto azithandayo kunokumnceda ukuba akhululeke kancinane.

Eli asiloxesha lokubhenela ‘kulwimi lwenkohliso’ okanye ‘kwimilebe yobuxoki’ okanye ukuqhatha. (INdumiso 120:2) Umfana okhulileyo uya kukuva ukunganyaniseki. Kwangaxeshanye, kuphephe ukuthetha izinto kuba nje ufuna ukukholisa yena. Oku kuyinyaniso ngakumbi ukuba niqalisa ukuxubusha izinto ezibaluleke gqitha njengosukelo onalo lokomoya. Zama ukusoloko unguwe, ngokuhlala unyanisekile. Kungale ndlela kuphela oya kubona ngayo ukuba ninosukelo olufanayo.

Xa Engaphenduli

Noko ke, kuthekani ukuba phezu kwayo yonke imizamo enjalo, akabonakalisi ukuba uyakuthanda? Mhlawumbi sekuphele iiveki—okanye iinyanga—kodwa sekunjalo akabonakalisi mdla kuwe. Ngaba ufanele ukhawuleze ugqibe kwelokuba uneentloni? Usenokuzibuza: ‘Ukuba uneentloni kangako ngaba ukulungele ukutshata? Ukuba besinokutshata ngaba ebeza kukwazi ukuba yintloko yentsapho, okanye ebeza kulindela ukuba mna ndibe yiyo?’ (1 Korinte 11:3) Nanku omnye umbuzo, ‘Ngaba ngokwenene uneentloni okanye akanamdla wokuthandana nam?’ Kunokuba buhlungu ukufikelela kwesi sigqibo. Kodwa ukukwamkela oku kungakusindisa ekuziveni uhlazekile xa uthanda umntu ongakuthandiyo.

Usenokucinga ukuba ubonile ukuba uyakuthanda. Uvakalelwa kukuba urhuq’ iinyawo nje ukukubonisa yaye uya kukubonisa xa umshukumisa. Mhlawumbi oko kunokwenzeka. Kodwa ukuba ucinga ngokumxelela ngokwakho, umele uqonde ukuba akulula. Ufanele uyicingisise kakuhle into oza kuyithetha ukhethe nexesha elifanelekileyo lokuyithetha.

Ngokomzekelo, usenokucinga ukuba kuya kuba bhetele ukumcela ukuba akhe akujonge ngakumbi kunokusuka nje ukhawuleze uthi “ndiyakuthanda.” Kwindawo ezolileyo nefanelekileyo usenokumxelela ukuba ufuna ukumazi bhetele. Ungakhathazeki xa indlela othetha ngayo ivakala ingaqhelekanga. Indlela onyaniseke ngayo yeyona ibalulekileyo ngaphandle kwamazwi ngokwawo. Kwakhona khumbula ukuba uvakalisa nje umnqweno wokumazi bhetele, akuceli mtshato. Noko ke, oku kusenokumothusa, ngoko mnike ixesha lokukwetyisa oko ukuthethileyo.

Ukuba uye wazipha ithuba lokumazi lo mfana wazibonela ukuba unobubele yaye unenyameko, akumele woyike ukuba angakuphendula ngendlela erhabaxa okanye akuhlaze. Kodwa ufanele usabele njani ukuba uyala kodwa ngendlela echubekileyo? Yena umfana ufanele asabele njani kwimeko enjalo? Inqaku elilandelayo liya kuxubusha le mibuzo.

[Imibhalo esemazantsi]

a Amanye amagama aguquliwe.

b Nangona eli nqaku libhekiswe kumabhinqa aselula, abafana kunye nabanye abantu abacinga ngokuthandana ngaphambi komtshato baya kuncedwa sesi siluleko seZibhalo.

c Ukufunelwa iqabane akusoloko kubangela ukungonwabi. Ngokomzekelo, ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, uIsake wafunelwa iqabane elinguRebheka, yaye uIsake “wamthanda.” (Genesis 24:67) Sifunda ntoni koku? Ungakhawulezi uzigatye izithethe zasekuhlaleni ingakumbi xa zingangqubani nomthetho kaThixo.—IZenzo 5:29.

d Kwisahluko sayo sama-28 ukusa kwesama-31 incwadi ethi Abantu Abaselula Bayabuza—Iimpendulo Eziluncedo, epapashwe ngamaNgqina kaYehova, inokukunceda ubone indlela yokufumana iqabane lomtshato elifanelekileyo.

[Umfanekiso okwiphepha 30]

Ukubona indlela aziphatha ngayo kunokuyitshintsha indlela ovakalelwa ngayo ngaye

[Umfanekiso okwiphepha 30]

Ukuba kukho umntu omthandayo, thetha nabantu abasele bekhulile abamaziyo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share