Ukufumana Injongo
UMOYA OMHLE, ubuzalwana, uxolo—ngubani obengayi kuzinqwenela iinjongo ezintle ngolo hlobo? Umvuseleli weeOlimpiki, uBaron Pierre de Coubertin, wayekholelwa kwelokuba le midlalo iya kuphelisa imilo yeentlanga ngokukhuthaza ukuhlonelwa kwabadlali kungakhathaliseki ukuba ngabaluphi na uhlanga, unqulo, okanye isini. Wavakalelwa kukuba “ihlabathi elilunge ngakumbi linokuziswa kuphela ngabantu abalunge ngakumbi.” Kodwa ngaba ngokwenene imidlalo inokuzisa uxolo lwehlabathi? Xa sikhangela emva kwimbali yayo, kuya kufuneka siphendule ngokuthi hayi.
Ngoxa imidlalo inayo indawo yayo, imfundo eseBhayibhileni isisikhokelo sokukhuthaza uxolo lokwenyaniso. Enyanisweni, imigaqo yeBhayibhile inokuvelisa “abantu abalunge ngakumbi,” ngokutsho kukaCoubertin. Khawuqwalasele ezinye izibhalo ezikhuthaza uxolo phakathi kwabantu abazisebenzisayo, kungakhathaliseki ukuba ngabaluphi na uhlanga.
“Ngako oko bonke baya kwazi ukuba ningabafundi bam, ukuba ninothando phakathi kwenu.”—Yohane 13:35.
“Ukuba kunokwenzeka, zamani ngokusemandleni enu, ukuba noxolo nabantu bonke.”—Roma 12:18.
“Lo gama ixesha lisasivumela, masenze okulungileyo kubo bonke.”—Galati 6:10.
“Ningenzi nanye into ngokusukuzana okanye ngokuzigwagwisa, kodwa ngokuthobeka kwengqondo, nibagqala abanye njengabongamileyo kunani.”—Filipi 2:3.
“Ingqeqesho yomzimba iyingenelo kancinane; kodwa lona uzinikelo lobuthixo luyingenelo kuzo zonke izinto, njengoko lusinika ithemba kobu bomi nakobo buzayo.”—1 Timoti 4:8.
Ngaba izinto ezandlalwe kwezi zibhalo ziyasebenza ngokwenene? Khawucinge nje ngoko kwenzeka eMunich, eJamani. Ngowe-1974, iminyaka nje emibini emva kokuba iMidlalo yeeOlimpiki eyayiqhutyelwa kweso sixeko yayizaliswe bubugrogrisi nokubulalana, amaNgqina kaYehova aqhuba indibano yezizwe ngezizwe kuloo Mabala eMidlalo yeeOlimpiki. Phakathi kwabantu ababekho kwakukho amaqela aseGrisi naseTurkey—amazwe awayesilwa. Eneneni, ngelo hlobo kanye, amajoni aseGrisi naseTurkey ayebandakanyeke kumlo ongesiqithi saseCyprus. Ngaba oku kwawachaphazela amaKristu awayekule ndibano? Nakanye! Hayi indlela ekwakuchukumisa ngayo kwabo babebukele ukubona abantu baseGrisi naseTurkey besangana yaye bebizana abazalwana noodade!
AmaNgqina kaYehova ayaziwa ehlabathini lonke ngokuba nobuhlobo oboyisa imida yobuhlanga, eyobuzwe nesithethe. Kambe ke, akazami kuthi anomanyano olugqibeleleyo. Njengaye nabani na, kuye kufuneke asebenze nzima ukuze alandele esi siluleko sompostile ongumKristu uPawulos: “Buhlubeni ubuntu obudala kunye noqheliselo lwabo, nize nambathe ubuntu obutsha.” (Kolose 3:9, 10) Noko ke, akholelwa ngokwenene kwelokuba ukulandela imigaqo yeBhayibhile kunokunceda abantu ukuba ‘bafune uxolo, baluphuthume.’—1 Petros 3:11.
Okulusizi kukuba, iiOlimpiki—nangona zineenjongo eziphakamileyo—ziye zavelisa iimpawu ezimbi gqitha kubantu abaninzi. Ngokwahlukileyo, iLizwi likaThixo elinamandla likhupha abona bantu balungileyo, likhuthaza umoya omhle noxolo ehlabathini lonke.
[Imifanekiso ekwiphepha 24]
IiOlimpiki zikhuthaza ukhuphiswano
[Inkcazelo]
Aus dem Fundus der MÜNCHNER OLYMPIAPARK GMBH, München
[Imifanekiso ekwiphepha 25]
IBhayibhile ikhuthaza uxolo