IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g01 9/8 iphe. 19
  • Xa Uhlaselwa Luloyiko

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Xa Uhlaselwa Luloyiko
  • Vukani!—2001
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Izinto Zahamba Kakuhle Emva Koko?
  • Uxinezeleko Lwasemva Kwesiganeko Esihlasimlis’ Umzimba—Luyintoni?
    Vukani!—2001
  • Ukuzimisela Ukukhonza UYehova!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
  • Utatomkhulu Nomakhulu “Abatsha”
    Vukani!—1999
  • Ukujamelana Nokungcatshwa Liqabane
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
Khangela Okunye
Vukani!—2001
g01 9/8 iphe. 19

Xa Uhlaselwa Luloyiko

“Ndinemela! Thul’ ufe, okanye ndakunquml’ umqala!”

LEYO YAYIYIMVA KWEMINI emyoli yehlobo, yaye uJanea oneminyaka eli-17 ubudala, ongomnye wamaNgqina kaYehova, wayerhuqa ngezihlangu ezinamavili kwipaki kawonke-wonke eVirginia, eUnited States. Ngequbuliso kwabonakala kuthe nkcwee kule paki, waza wagqiba kwelokuba emke apho. Njengoko wayehlala ngakwivenana yakowabo, ekhulula ezi zihlangu, kwathi gqi umntu angamaziyo. Ethetha la mazwi oyikisayo angasentla, wafuna ngenkani ukuba neentlobano zesini naye, wamthi nqaku uJane waza wazama ukumfaka ngaphakathi kule venana. Watsho ngesikrakra isikhalo kodwa loo nto ayizange imthibaze umhlaseli.

Kamva uJane ukhumbula oku: “Ndandiliathalala nje. Ndifana nomcikwane ezandleni zesigebenga. Kodwa ndaqhubeka ndigxwala ndizama ukuphuncula. Ekugqibeleni, ndakhala kuThixo, ndisithi, ‘Yehova, nceda ungakuvumeli oku kundehlele!’” Oku kwamothusa umhlaseli, owathi ngokukhawuleza wamyeka waza wemka apho.

Njengoko lo mntu wayephantse ukumdlwengula wayekhwela kwinqwelo-mafutha yakhe, uJane wazitshixela kule veni, esoyika. Wathabatha icell phone, ezama ukuthoba izibilini. Wabiza amapolisa waza wawanika inkcazelo efanelekileyo yenqwelo-mafutha yomrhanelwa nenombolo yayo yelayisensi, nto leyo eyakhokelela ekubanjweni kwakhe kwisithuba semizuzu embalwa.

Ngaba Izinto Zahamba Kakuhle Emva Koko?

Ewe, kodwa loo nto ayizange ikhawuleze. Kwakungona iqalayo ingxaki kaJane. Nangona amapolisa namaphephandaba amncoma ngokucinga ngokukhawuleza nangokusabela ngendlela eyiyo xa wayehlaselwa, emva kokuba umothuko uphelile, uJane wayeziva engenanto kangako. Ukhumbula oku: “Emva kweeveki ezimbalwa, ndaba buhlungu gqitha. Ndaphathwa lidyudyu ngokuqhubekayo, nto leyo eyayindenza ndingalali. Emva kweeveki eziliqela yenzekile le nto, ndandingakwazi ukufundisisa nokunikela ingqalelo. Ndandiphathwa luloyiko. Esikolweni omnye esasifunda naye owayenentsobi yalowo wandihlaselayo wandikrweca egxalabeni ebuza ixesha, yaye ndaphantsa andakwazi ukuzibamba.”

Uthi: “Ndandixinezeleke gqitha. Ndayeka ukunxibelelana nabahlobo bam, yaye ubulolo bathi chatha kolo xinezeleko. Ndazibeka ityala ngokuvumela olo hlaselo, ndibuhlungu kukuba ndandingasonwabanga, yaye ndingathembi mntu njengoko kwakunjalo ngaphambili. Ndandivakalelwa kukuba obona buntu bam babufile.”

UJane wayeneempawu zoxinezeleko lwasemva kwesiganeko esihambis’ umzimba (PTSD [post-traumatic stress disorder ]). Yintoni iPTSD, kwaye yintoni enokwenziwa ukuze kuncedwe abo bathwaxwa ziimpawu zayo ezibuhlungu? Inqaku elilandelayo liza kuyiphendula le mibuzo.

[Umbhalo osemazantsi]

a Eli gama litshintshiwe.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share