Ndomelezwa Kukuthembela KuThixo
NGOKUBALISWA NGURACHEL SACKSIONI-LEVEE
XA UMGCINI-MABANJWA WAYENDIQHWABA NGEMPAMA NGOKUPHINDAPHINDIWEYO NGENXA YOKUBA NDINGAVUMI UKUSEBENZA NGEZIXHOBO ZEEBHOMBU ZAMANAZI, OMNYE UMGCINI-MABANJWA WATHI KUYE: “UCHITH’ IXESHA LAKHO NGALOWO. EZO ‘BIBELFORSCHER’ ZIXOLELE UKUBETHELWA UKUFA NGENXA YOTHIXO WAZO.”
OKU kwenzeka ngoDisemba 1944 eBeendorff, inkampu yamabhinqa ekusetyenzwa nzima kuyo ekufuphi nemigodi yetyuwa kumantla eJamani. Mandikubalisele indlela ekwenzeka ngayo ukuba ndibe lapho nendlela endasinda ngayo kwiinyanga zokugqibela zeMfazwe Yehlabathi II.
Ndazalelwa kwintsapho yamaYuda eAmsterdam, eNetherlands, ngowe-1908, ndingowesibini kwiintombi ezintathu. UTata wayengumsiki wedayimani, njengoko amaYuda amaninzi aseAmsterdam ayesenza loo msebenzi ngaphambi kweMfazwe Yehlabathi II. Wafa xa ndandineminyaka eli-12 ubudala, yaye kamva uTatomkhulu waza kuhlala nathi. UTatomkhulu wayengumYuda ozinikeleyo, yaye wayeqiniseka ukuba sikhuliswa ngamasiko obuYuda.
Ndilandela emanyathelweni kaTata, ndafunda ubugcisa bokusika iidayimani, yaye ngowe-1930, ndazimanya ngeqhina lomtshato nomntu endandisebenza naye. Saba nabantwana ababini—uSilvain, inkwenkwe edlamkileyo neyayifun’ ukwazi yonk’ into, noCarry, intombazana enobubele nengenankathazo. Ngelishwa, umtshato wethu wakhawuleza waphela. Ngowe-1938, kungekudala emva kokuba ndiqhawule umtshato, ndatshata noLouis Sacksioni, naye owayengumsiki wedayimani. NgoFebruwari 1940, kwazalwa intombi yethu, uJohanna.
Nangona uLouis wayengumYuda, wayengazenzi izinto ezihambisana nonqulo lwakhe. Ngoko sasingayibhiyozeli imisitho yamaYuda endandiyithanda ndisengumntwana. Ndandiyikhumbula kakhulu le misitho, kodwa entliziyweni yam ndaqhubeka ndikholelwa kuThixo.
Ukutshintsha Unqulo
Ebutsheni bowe-1940, ngonyaka amaJamani aqalisa ngawo ukuthimba iNetherlands, kwankqonkqoza ibhinqa elithile emnyango laza lathetha nam ngeBhayibhile. Ndandingakuqondi kakuhle oko lalikuthetha, kodwa ndandizamkela rhoqo iincwadi elalindishiyela zona xa lisiza. Noko ke, ndandingazifundi kuba ndandingafuni kuba nanto yakwenza noYesu. Ndandifundiswe ukuba wayengumYuda owexukileyo.
Kwathi ngenye imini, kwafika ndoda ithile emzini wethu. Ndayibuza imibuzo efana nothi “Kwakutheni ukuze uThixo adale abanye abantu emva kokuba uAdam noEva bonile? Kutheni kukho ukubandezeleka okungaka? Kutheni abantu bethiyene kangaka ukusa kwinqanaba lokuba bade balwe iimfazwe?” Yandiqinisekisa ukuba xa ndinokuba nomonde, iza kuyiphendula ngokusekelwe eBhayibhileni imibuzo yam. Ngoko senza amalungiselelo esifundo seBhayibhile sekhaya.
Nalapho, ndandingafuni nokuva ukuba uYesu unguMesiya. Kodwa, emva kokuthandaza ngale meko, ndaqalisa ukufunda iziprofeto ezingoMesiya eziseBhayibhileni, ndaza ndawubona ngendlela eyahlukileyo lo mbandela. (INdumiso 22:7, 8, 18; Isaya 53:1-12) UYehova wandenza ndabona ukuba ezo ziprofeto zazaliseka kuYesu. Umyeni wam wayengenamdla koko ndandikufunda, kodwa akazange andithintele ukuba ndibe ngomnye wamaNgqina kaYehova.
Ukuzimela—Sekunjalo Ndaqhubeka Ndishumayela
Ixesha amaJamani athimba ngalo iNetherlands yayilixesha eliyingozi kakhulu kum. Kuba ndandingengomYuda nje kuphela, amaJamani awayewavalela kwiinkampu zoxinaniso, kodwa ndandikwangomnye wamaNgqina kaYehova, intlangano yonqulo awayezama ukuyiphelisa amaNazi. Sekunjalo, ndandichitha malunga neeyure ezingama-60 ngenyanga ndixelela abanye ngethemba lamaKristu endandisandul’ ukulifumana.—Mateyu 24:14.
Ngenye ingokuhlwa ngoDisemba 1942, umyeni wam akazange abuyele ekhaya emva komsebenzi. Kamva ndafumanisa ukuba uye wabanjwa emsebenzini kunye noogxa bakhe. Andizange ndiphinde ndimbone. Amanye amaNgqina andicebisa ukuba ndizimele nabantwana bam. Ndakwazi ukuhlala nomnye udade ongumKristu kwelinye icala leAmsterdam. Ngenxa yokuba kwakuyingozi kakhulu ukuba sihlale kwidilesi enye sobane, kwanyanzeleka ukuba abantwana bam ndibashiye nabanye.
Ndandidla ngokusinda ngokulambisa ukuze ndingabanjwa. Ngenye ingokuhlwa elinye iNgqina lalindisa kwindawo entsha yokuzimela ngesithuthuthu salo. Noko ke, isibane sesithuthuthu salo sasingasebenzi, yaye samiswa ngamapolisa amabini amaDatshi. Akhanyisa ebusweni bam ngezibane zawo aza abona ukuba ndingumYuda. Ngethamsanqa, asuka athi: “Qhubekani nihamba ngokukhawuleza—kodwa ngeenyawo.”
Ukubanjwa Nokuvalelwa
Ngenye intsasa ngoMeyi 1944 ngoxa ndandiza kuqalisa kubulungiseleli, ndabanjwa—ndingabanjwa ngenxa yokuba ndiliNgqina kodwa ngenxa yokuba ndingumYuda. Ndasiwa entolongweni eAmsterdam, apho ndahlala iintsuku ezilishumi. Ndandula ke ndahanjiswa ngololiwe, ndikunye namanye amaYuda, sasiwa kwinkampu yokulinda yaseWesterbork kwingingqi ekumntla-mpuma weNetherlands. Ukusuka apho, amaYuda asiwa eJamani.
EWesterbork ndadibana nosibali wam kunye nonyana wakhe, nabo ababebanjiwe. Yayindim kuphela iNgqina phakathi kwamaYuda, yaye ndandithandaza rhoqo kuYehova ukuba andixhase. Kwiintsuku ezimbini kamva, mna nosibali kunye nonyana wakhe, sasikhwele uloliwe wokuhambisa iinkomo owawusiya eAuschwitz okanye eSobibor, iinkampu zokubulala abantu zasePoland. Ngequbuliso, kwabizwa igama lam, yaye ndasiwa komnye uloliwe—uloliwe wabantu oqhelekileyo.
Apho ndandikhwele nabantu endandisebenza nabo kwishishini leedayimani. Kwakukho malunga nabantu abasebenza ngeedayimani abalikhulu ababesiwa eBergen-Belsen ekumantla eJamani. Kamva, ndafumanisa ukuba bubugcisa bam obusindise ubomi bam, kuba ngokuqhelekileyo amaYuda asiwa eAuschwitz naseSobibor ayefika asiwe kumagumbi okubulala ngegesi. Oku koko kwenzeka kumyeni wam, abantwana bam ababini, kunye nezinye izalamane. Noko ke, ngelo xesha, ndandingayazi into eyenzeke kubo.
EBergen-Belsen thina basiki beedayimani sahlaliswa kwindlu yasemkhosini ekhethekileyo. Ukuze izandla zethu zigcinelwe umsebenzi wethu okhethekileyo, kwakungekho msebenzi ungomnye ekwakulindeleke ukuba siwenze. Kwiqela lethu yayindim kuphela iNgqina, yaye ngenkalipho ndandiwaxelela amanye amaYuda ngonqulo lwam olutsha. Noko ke, ayendigqala njengomwexuki, kanye ngendlela umpostile uPawulos awayegqalwa ngayo ngenkulungwane yokuqala.
Ndandingenayo iBhayibhile, yaye ndandikufuna ngamandla ukutya kokomoya. Kwakukho ugqirha ongumYuda owayenayo enkampini, yaye wandinika yona ukuze ndimnike amaqhekeza esonka ambalwa nebhotolo. Ndahlala iinyanga ezisixhenxe eBergen-Belsen nelo ‘qela leedayimani.’ Noko ke sasiphethwe kakuhle, nto leyo eyabangela ukuba amanye amabanjwa angamaYuda angasiginyi ncam. Noko ke, ekugqibeleni kwafunyaniswa ukuba azikho iidayimani esinokusebenza ngazo. Ngoko ngoDisemba 5, 1944, malunga namabhinqa angama-70 kuthi maYuda sasiwa kwinkampu ekusetyenzwa nzima kuyo eBeendorff.
Ukwala Ukwenza Izixhobo
Kwimigodi eyayikufuphi nenkampu, malunga neemitha ezingama-400 ngaphantsi komhlaba, amabanjwa ayesetyenziswa ekwenzeni amalungu athile emijukujelwa yomlilo. Xa ndingazange ndivume ukwenza lo msebenzi, ndabethwa kanobom. (Isaya 2:4) Evutha ngumsindo, umgcini-mabanjwa wathi ndimele ndize ndikulungele ukusebenza ngosuku olulandelayo.
Ngentsasa elandelayo andizange ndibekho xa kufundwa amagama amabanjwa, ndasala kwindlu yasemkhosini. Ndandiqinisekile ukuba ndiza kudutyulwa, ngoko ndathandaza kuYehova ndicela ukuba andivuze ngokholo lwam. Ndaqhubeka ndiphindaphinda indumiso yeBhayibhile ethi: “Ndikholosa ngoThixo. Andiyi koyika. Unokundenza ntoni na umntu wasemhlabeni?”—INdumiso 56:11.
Izindlu zasemkhosini zagqogqwa, yaye ndafunyanwa. Kungelo xesha kanye apho omnye umgcini-mabanjwa waqhubeka endibetha, ebuza esithi: “Ngubani lo ungakuvumeliyo ukuba usebenze?” Sihlandlo ngasinye ndandisithi nguThixo. Kanye ngelo xesha omnye umlindi wathi kuye: “Uchith’ ixesha lakho ngalowo. Ezo Bibelforschera zixolele ukubethelwa ukufa ngenxa yoThixo wazo.” Amazwi akhe andomeleza kakhulu.
Ekubeni ukucoca izindlu zangasese yayingumsebenzi wesohlwayo yaye ingowona msebenzi ungcolileyo ndandinokucinga ngawo, ndacela ukwenza wona. Ndakuvuyela ukufumana eso sabelo kuba yayingumsebenzi endinokuwenza ngesazela esikhululekileyo. Ngenye intsasa kwafika igosa lenkampu eliyintloko, yaye wonk’ umntu wayenkwantya akulibona. Lema phambi kwam laza lathi: “O, nguwe lo mYuda ungafuni ukusebenza?”
Ndaphendula ndathi: “Nawe uyazibonela ukuba ndiyasebenza.”
“Kodwa awufuni kusebenzela imfazwe, akunjalo?”
Ndaphendula: “Hayi. UThixo akayifuni loo nto.”
“Kodwa uza kube ungabulali ngokwakho, andibi kunjalo?”
Ndalicacisela ukuba xa ndibandakanyeka ekwenzeni izixhobo, ndiza kube ndenza into engqubana nesazela sam sobuKristu.
Lathabatha umtshayelo wam laza lathi: “Ndingakubulala ngawo, akunjalo?”
Ndaphendula ndathi: “Kakade, kodwa umtshayelo awenzelwanga loo njongo. Ukanti umpu wenzelwe yona.”
Sathetha ngokuba uYesu engumYuda nokuba ndithi ndingumYuda kodwa ndibe ngomnye wamaNgqina kaYehova. Ukumka kwalo, amanye amabanjwa aza kum, emangalisiwe sisibindi endiye ndanaso sokuthetha negosa eliyintloko lenkampu ngokuzolileyo ngaloo ndlela. Ndawaxelela ukuba lo asingombandela nje wesibindi kodwa ndiye ndakwazi ukwenjenjalo kuba uThixo wam undinike amandla okwenjenjalo.
Ukusinda Ekupheleni Kwemfazwe
NgoAprili 10, 1945, njengoko imikhosi eManyeneyo yayisondele eBeendorff, kwafuneka sime ebaleni phantse imini yonke silinde ukubizwa kwamagama ethu. Emva koko, abamalunga ne-150 kuthi bahlohlwa koololiwe bokuhambisa iinkomo, bengenakutya okanye amanzi. Oololiwe banduluka besiya kwindawo engaziwayo, yaye sabhadula kummandla kafayayo kangangeentsuku ezininzi. Bambi bawakrwitsha de bawabulala amanye amabanjwa ukuze babe nendawo engakumbi kumakhareji abo, yaye ngenxa yoko, uninzi lwamabhinqa lwaphazamiseka engqondweni. Into eyandinceda ndakwazi ukunyamezela yayilithemba lokuba uYehova uza kundinyamekela.
Ngenye imini uloliwe wethu wamisa kufuphi nenkampu yamadoda, yaye savunyelwa ukuba sehle. Iqaqobana lethu lanikwa iiemele ukuze sikhe amanzi kuloo nkampu. Ndathi ndakufika kwimpompo yamanzi, ndaqala ndasela kanobom ndaza emva koko ndazalisa iemele yam. Ukubuya kwam ndahlaselwa liqela labafazi elabaleka leza kum okwezilwanyana zasendle. Lawachitha onke loo manzi ayekuloo emele. I-SS (iqela labalindi bakaHitler) yasuka yama apho yahleka. Emva kweentsuku ezili-11, safika e-Eidelstedt, inkampu ekwihlomela-dolophu laseHamburg. Kwafa malunga nesiqingatha seqela lethu ngenxa yezivubeko zolo hambo.
Ngenye imini ngoxa sasise-Eidelstedt, ndandifundela iqela lamabhinqa iBhayibhile. Ngesiquphe, igosa lenkampu eliyintloko lema efestileni. Sasityhwatyhwa luloyiko kuba iBhayibhile yayingavumelekanga enkampini. Eli gosa langena, lathabatha loo Bhayibhile laza lathi: “O, yiBhayibhile le?” Kwathi qabu lakuyibuyisela kum laza lathi: “Ukuba kuthe kwafa omnye wala mabhinqa, kuya kufuneka ufunde okuthile apha kuyo ngokuvakalayo.”
Ukuphinda Ndidibane Namanye AmaNgqina
Emva kokukhululwa kwethu kwiintsuku ezili-14 kamva, umbutho Womnqamlezo Obomvu wasisa kwisikolo esikufuphi neMalmö, eSweden. Apho umntu ngamnye wayehlaliswa yedwa okwethutyana. Ndabuza omnye wabo basinyamekelayo enoba angakwazi kusini na ukuxelela amaNgqina kaYehova ukuba ndilapho kwindawo yeembacu. Emva kweentsuku ezimbalwa, kwabizwa igama lam. Ndathi ndakuxelela elo bhinqa ukuba ndingomnye wamaNgqina, laqalisa ukulila ngesingqala. Nalo yayiliNgqina! Emva kokuba lide lathula, landixelela ukuba amaNgqina aseSweden ayesoloko ebathandazela abazalwana noodade babo abangamaKristu abakwiinkampu zoxinaniso zamaNazi.
Ukususela ngoko, kwakufika udade endiphathele ikofu nezinto ezimnandi. Emva kokuyishiya loo ndawo yeembacu, ndasiwa kwindawo ekufuphi neGöteborg. AmaNgqina alapho alungiselela ukuba sibe ndawonye ngemva kwemini ethile ukuze sizonwabise. Nangona ndandingakuva oko babekuthetha, ndavuya gqitha kukuphinda ndingqongwe ngabazalwana noodade.
Ngoxa ndandiseGöteborg, ndafumana ileta evela kwiNgqina laseAmsterdam lindixelela ukuba abantwana bam uSilvain noCarry nazo zonke izalamane zam zathatyathwa yaye azizange ziphinde zibuye. NguJohanna intombi yam kunye nodade wethu omncinane kuphela abasindayo. Kutshanje ndiye ndabona igama lonyana nentombi yam kuxwebhu lwamaYuda awabulawa ngegesi eAuschwitz naseSobibor.
Iziganeko Zasemva Kwemfazwe
Ukubuyela kwam eAmsterdam ndaphinda ndaba kunye noJohanna, owayesele eneminyaka emihlanu ubudala ngoko, ndakhawuleza ndaqalisa kubulungiseleli kwakhona. Maxa wambi ndandiye ndidibane nabo babesaya kuba ngamalungu eNSB, iDutch National-Socialist Movement, umbutho wezobupolitika owawusebenzisana namaJamani. Lo mbutho wancedisa ekubulaweni kwentsapho yam yonke. Kwakufuneka ndiyilahle ingqumbo endandinayo ukuze ndikwazi ukwabelana nabo ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. Ndandisoloko ndicinga ukuba nguYehova obona intliziyo yaye ekugqibeleni nguye ogwebayo, hayi mna. Hayi indlela endiye ndasikelelwa ngayo ngenxa yeso simo sengqondo!
Ndaqalisa isifundo seBhayibhile nebhinqa elalinomyeni owayesentolongweni ngenxa yentsebenziswano yakhe namaNazi. Xa ndinyuka izinyuko ndisiya endlwini yalo, ndandidla ngokuva abamelwane besithi: “Khangelani! La mYuda uyaphinda utyelela abantu beNSB.” Kodwa ngaphandle nje kwenkcaso enzulu yomyeni walo osentolongweni owayewathiy’ egazini amaYuda, eli bhinqa namantombazana alo amathathu baba ngamaNgqina kaYehova.
Ndavuya gqitha xa intombi yam uJohanna yathi kamva yahlulela ubomi bayo kuYehova. Sobabini saya kukhonza apho kwakukho imfuneko enkulu yabavakalisi boBukumkani. Siye sanandipha iintsikelelo ezininzi zokomoya. Ngoku ndihlala kwidolophu encinane ekumazantsi eNetherlands, yaye ndiba kunye nebandla kumsebenzi wokushumayela kangangoko ndinako. Xa ndijonga emva, ndingatsho ukuba andizange ndikhe ndivakalelwe kukuba uYehova undilahlile. Bendisoloko ndivakalelwa kukuba uYehova noNyana wakhe amthandayo, uYesu, banam, naphantsi kwawona maxesha obunzima.
Ebudeni bemfazwe, ndiye ndafelwa ngumyeni wam, abantwana bam ababini, kunye nenkoliso yentsapho yam. Noko ke, ndinethemba lokuba kungekudala ndiza kuphinda ndibabone bonke kwihlabathi likaThixo elitsha. Xa ndindedwa ndicinga ngoko ndiye ndajamelana nako, uvuyo nombulelo endiye ndibe nawo unokuchazwa ngamazwi omdumisi athi: “Ingelosi kaYehova imisa inkampu macala onke kwabo bamoyikayo, ize ibahlangule.”—INdumiso 34:7.
[Umbhalo osemazantsi]
a Igama amaNgqina kaYehova ayesaziwa ngalo eJamani ngelo xesha.
[Umfanekiso okwiphepha 24]
AmaYuda efuduselwa eJamani ukusuka kwinkampu eseWesterbork
[Inkcazelo]
Herinneringscentrum kamp Westerbork
[Umfanekiso okwiphepha 25]
Ndikunye nabantwana bam uCarry noSilvain, bobabini bafa ekuBulaweni Kwabantu Ngenkohlakalo
[Umfanekiso okwiphepha 26]
Ngoxa ndandivalelwe ndodwa eSweden
[Umfanekiso okwiphepha 26]
Ikhadi lam lokwethutyana lokubuyiselwa ezweni lakowethu
[Umfanekiso okwiphepha 27]
Ndikunye nentombi yam uJohanna namhlanje