Wenza Ingxelo Echukumisayo
Kunyaka wakhe wokugqibela esikolweni, uGinny waseUnited States ongomnye wamaNgqina kaYehova wafumana ithuba elihle lokuthetha ngonqulo lwakhe. Uthi: “Eklasini yethu, utitshala wasixelela ukuba kufuneka sikhethe umxholo othile esiza kubhala ngawo ukuze sifumane amanqaku. Ndamxelela ukuba ndinqwenela ukubhala ngamaNgqina kaYehova awayekwiinkampu zoxinaniso zamaNazi.”
Utitshala kaGinny wavuma. UGinny uthi: “Ndandingcangcazela luloyiko xa kwafika ixesha lokuba ndidlulisele iphepha lam, ndize ndime phambi kweklasi ndithethe ngoko ndikubhalileyo. Ndandingazi enoba abo ndifunda nabo abazukuhlekisa ngam kusini na.”
UGinny waqalisa umxholo wakhe ngokubuza lo mbuzo: “Ngaba ukho owaziyo ukuba ngoobani ababenxiba Inkwenkwezi kaDavide kwiinkampu zoxinaniso zamaNazi?” Bonke bathi, “NgamaYuda.” Emva koko wabuza enoba ukho na owaziyo ukuba ngoobani ababenxiba unxantathu omfusa. Akuzange kubekho mpendulo. UGinny uthi: “Ndabaxelela ukuba yayingamaNgqina kaYehova.”
Utitshala nabafundi baloo klasi bachukumiseka gqitha yinkcazelo kaGinny. UGinny uthi: “Babemangaliswa sisibakala sokuba amaNgqina kaYehova ayenako ukukhululwa ngokutyobela nje iphepha elithi ayalulahla ukholo lwawo. Kamva, abanye endifunda nabo bandixelela ukuba bebekade behlekisa ngawo amaNgqina kaYehova kodwa xa ephinda efika kumakhaya abo baya kuwaphulaphula.”
UGinny wafumana oo-A abane ngaloo ngxubusho yakhe. Uthi: “Andizange ndifumane amanqaku amahle nje kuphela, kodwa ndafumana nethuba elihle lokuthetha ngokholo lwam!”
[Umfanekiso okwiphepha 22]
AmaNgqina kaYehova amaninzi axelelwa ukuba ayenokukhululwa ngokutyobela nje olu xwebhu elahla ukholo lwawo
[Inkcazelo]
Courtesy of United States Holocaust Memorial Museum