Amayeza Esintu—Ngaba Anokukunceda?
KWAKUDE kudala amayeza esintu ebesetyenziselwa ukunyanga izifo. IThe Ebers Papyrus, eyabhalwa eYiputa malunga nenkulungwane ye-16 ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, inamakhulu amayeza esintu okunyanga izinto ezahlukahlukeneyo. Noko ke, ngokuqhelekileyo inkcazelo engamayeza esintu yayidluliselwa ngomlomo ukusuka kwesinye isizukulwana ukuya kwesinye.
Kubonakala ngathi entshona amayeza esintu aqala ukusetyenziswa ngugqirha ongumGrike wenkulungwane yokuqala uDioscorides, owabhala incwadi ethi De Materia Medica. Le ncwadi yaba yeyona isetyenziswayo kwezamayeza kangangeminyaka eli-1 600. Kwiindawo ezininzi emhlabeni, amayeza esintu asasetyenziswa nanamhlanje. EJamani, urhulumente usenokude ahlawulele namayeza esintu.
Nangona maxa wambi kusithiwa amayeza esintu abhetele kunamayeza esilungu, oku akuthethi ukuba awayongozi. Ngoko usenokuzibuza le mibuzo: Ziziphi izinto ubani amele acingisise ngazo ngaphambi kokusebenzisa amayeza esintu? Yaye ngaba zikho iimeko apho uhlobo oluthile lonyango lunokuba bhetele kunolunye?a
Indlela Anokukunceda Ngayo Amayeza Esintu
Kudla ngokuthiwa amayeza esintu ayanyanga. Kude kukholelwe nokuba amanye anceda umzimba ukuba ukwazi ukulwa neentsholongwane. Ukanti kuthiwa amanye anceda ekucoleni ukutya, ekuhlaziyeni umzimba, ekuhambiseni isisu okanye ancedisa ukusebenza kwamadlala.
Amayeza esintu asenokuba nezondlo aze anyange. Ngokomzekelo, ezinye izityalo ezichamisayo, njengepasili zinepotassium eninzi. Le potassium ikwezi zityalo ithabath’ indawo yaleyo ayikhupha xa echama umntu. Ngokufanayo, isityalo ekuthiwa yivalerian (Valeriana officinalis), ekudala sisetyenziswa ekulaliseni abantu sinecalcium eninzi. Icalcium inokubangela ukuba eli yeza lisebenze ngakumbi kwimithambo-luvo.
Indlela Anokusetyenziswa Ngayo Amayeza Esintu
Amayeza esintu anokusetyenziswa ngeendlela ezahlukahlukeneyo, anokusetyenziswa njengeti, anokubiliswa, axutywe notywala nencindi yesityalo eso okanye akhandwe aze abekwe phezu kwenxeba. Iti yenziwa ngokugalela amanzi abilayo phezu kweyeza. Kodwa iingcali zilumkisa ngelithi amayeza esintu asetyenziswa njengeti ngokuqhelekileyo afanele angabiliswa emanzini. Amayeza esintu abiliswayo, enziwe ngeengcambu namaxolo omthi, abiliswa emanzini ukuze kuphume izithako ezisebenzayo.
Kuthekani ngomxube wotywala nencindi yesityalo? Enye incwadi ithi “oku kwenziwa ngokuxuba incindi yesityalo notywala, ibranti okanye ivodka.” Kukho namayeza akhandwa aze abekwe phezu kwenxeba okanye kwindawo ebuhlungu emzimbeni awenziwa ngeendlela ezahlukahlukeneyo.
Ngokungafaniyo neevithamini namanye amayeza, inkoliso yamayeza esintu igqalwa njengokutya yaye ngokufuthi umntu unokuwasela engatyanga. Kwakhona umntu unokuwasela la mayeza njengepilisi, kuba kulula ukwenjenjalo. Ukuba ugqiba ekubeni usebenzise amayeza esintu, kububulumko ukwenjenjalo ngemvume kagqirha.
Ngokuqhelekileyo, abantu baye basebenzise amayeza esintu ukunyanga umkhuhlane, ukuqunjelwa sisisu, ukuqhinwa, ukuphuthelwa nesicaphucaphu. Noko ke, maxa wambi namayeza esintu anokusetyenziselwa izigulo eziqatha—kungekuphela nje ekuzinyangeni kodwa nasekuzikhuseleni. Ngokomzekelo, eJamani naseOstriya, kudla ngokusetyenziswa iyeza isaw palmetto (Serenoa repens) kuqala xa kunyangwa ibenign prostatic hyperplasia (idlala lesinyi elidumbileyo). Kwamanye amazwe esi sigulo side sichaphazele amadoda angama-50 ukusa kwangama-60 ekhulwini. Noko ke, kubalulekile ukuba umntu axilongwe ngugqirha ukuze abone oko kumdumbisayo aze aqiniseke ukuba le meko akuyo ayifuni uhlobo lonyango olunamandla kusini na, njengaxa umntu enomhlaza.
Isilumkiso
Nangona amayeza esintu anokugqalwa njengakhuselekileyo, sifanele silumke. Ungaze uyekelele umxakatho kuba iyeza elithile libhalwe ukuba “lelemvelo.” Xa ithetha ngamayeza esintu enye intyilalwazi ithi: “Eyona nto ibuhlungu neyinyaniso kukuba amanye amayeza esintu ayingozi. [Okubuhlungu kukuba] abanye abantu abacingi nokucinga ngeengozi ezibangelwa ngala mayeza.” Imichiza ekula mayeza inokuguqula indlela ebetha ngayo intliziyo, iblood pressure nomlinganiselo weglukhozi esegazini. Ngoko ke, abantu abanengxaki yentliziyo, abanehigh blood pressure, okanye abaneswekile bafanele balumke nakakhulu.
Noko ke, ngokuqhelekileyo, abantu badla ngokuthi amayeza esintu anokubangela kuphela ukuba ubani agule zezinye izinto. Oku kuquka ukuba nentloko ebuhlungu, isiyezi, isicaphucaphu okanye irhashalala. Kwakhona kuthiwa xa amayeza esintu esebenza anokukubangela ube nomkhuhlane okanye ezinye iimpawu. Lowo usebenzisa amayeza esintu unokubonakala egula nangakumbi ngaphambi kokuba achache. Kudla ngokuthiwa le meko ibangelwa kukungcola okuphuma emzimbeni xa iyeza liqala ukusebenza.
Isibakala sokuba ngamanye amaxesha abantu baye bafa ngenxa yokusebenzisa amayeza esintu sibonisa imfuneko yokulumka nokufumana ulwazi oluchanileyo ngala mayeza. Ngokomzekelo, iyeza iephedra, elidla ngokusetyenziwa ngabantu abafuna ukunciphisa umzimba, linokonyusa blood pressure. EUnited States kuthiwa kuye kwafa abantu abali-100 kuba besebenzisa izinto ezenziwe nge-ephedra, kodwa ingcali yezifo yaseSan Francisco uSteven Karch ithi: “Abantu endibaziyo abaye bafa ngenxa [yokusebenzisa iephedra], ngababenesifo semithambo yentliziyo okanye ababelisebenzise ngokugqithiseleyo eli yeza.”
UGqr. Logan Chamberlain, umbhali wencwadi yamayeza esintu, uthi: “Phantse zonke iingxelo zeminyaka yakutshanje apho amayeza esintu aye aba yingozi zithi abantu abakhange bawasebenzise ngokolwalathiso abalunikiweyo loo mayeza. . . . Kuhle ukusebenzisa umlinganiselo onconyelweyo. Musa ukuwubetha ngoyaba lo mlinganiselo ngaphandle kokuba ucetyiswe ngumntu oyingcali ngamayeza esintu.”
Ingcali ngamayeza esintu uLinda Page ucebisa ngelithi: “Kwanaxa umntu egula kakhulu, ufanele abe ngcathu, akuzukumnceda nganto ukuzintyintya ngamayeza. Unokuba nemiphumo emihle ukuba uzipha ixesha elaneleyo yaye uwasebenzisa kakhuhle amayeza. Kuthabatha ixesha ukuba nempilo entle.”
Incwadi ethetha ngamayeza esintu ithi amanye ala mayeza ayagulisa xa esetyenziswe ngokugqithiseleyo. Ngokomzekelo, elinye iyeza elisetyenziselwa ukuze umzimba uphumle libangela ubani ahlanze xa lisetyenziswe kakhulu. Noko ke, akunjalo ngawo onke amayeza, kodwa oku akuthethi ukuba akukho mfuneko yokuwasebenzisa ngendlela efanelekileyo la mayeza.
Sekunjalo, abantu abaninzi bathi ukuze iyeza lesintu lisebenze kakuhle, lifanele lisetyenziswe ngokwaneleyo nangokufanelekileyo. Ngamanye amaxesha, unokwenjenjalo kuphela ngokucaphula umchiza othile kweli yeza. Oku kunjalo ngeyeza iginkgo biloba, ekudala lisetyenziselwa ukunceda abantu abalibalayo nokuhamba kwegazi emzimbeni, ekubeni kufuneka isixa esikhulu samagqabi ukuze elo yeza lisebenze.
Iingozi Zokusebenzisa Amayeza Esintu Nawesilungu Ngaxeshanye
Amayeza esintu anokungadibani namayeza esilungu ngeendlela ezahlukahlukeneyo. Ngokomzekelo, anokwenza amayeza esilungu asebenze ngamandla okanye kancinane, awenze aphume ngokukhawuleza emzimbeni okanye asenokubangela iingxaki ezingakumbi. ISt. John’s wort, edla ngokuselwa ngabantu abadandathekileyo eJamani, ibangela amayeza esilungu amaninzi ukuba aphume ngokukhawuleza ngokuphindwe kabini emzimbeni, ngaloo ndlela angasebenzi. Ngoko ke, ukuba usebenzisa iyeza lesilungu, kuquka iipilisi zoqingqo-nzala, thetha nogqirha wakho ngaphambi kokusebenzisa amayeza esintu.
Incwadi ethetha ngokusebenza kwamayeza esintu ithi: “Utywala, intsangu, icocaine, nezinye iziyobisi eziguqula iimvakalelo necuba zinokuba yingozi ebomini bakho ukuba zixutywe namayeza esintu. . . . Kusengqiqweni ukuziphepha [iziyobisi ezinjalo], ingakumbi xa ugula.” Kwakhona, amabhinqa akhulelweyo nawanyisayo afanele alilandele eli cebiso. Kakade ke, ngokuphathelele icuba neziyobisi ezikhobokisayo, amaKristu akhuselekile kuba athobela umyalelo weBhayibhile othi ‘zihlambululeni kuko konke ukudyobheka kwenyama nokomoya.’—2 Korinte 7:1.
Ngokuphathelele amayeza esintu, enye incwadi ilumkisa ngelithi: “Ukuba uye wakhulelwa ngoxa usebenzisa iyeza lesintu, liyeke ukulisebenzisa de uthethe nogqirha wakho. Zama ukukhumbula ukuba ubulisebenzisa kangakanani na nexesha ubulisebenzise ngalo.”
Enye intyilalwazi ithi: “Zininzi iingozi zokuzinyanga [ngamayeza esintu].” Kwibhokisi ethi, “Iingozi Ngokuzinyanga,” uza kufumana uludwe lweengozi ezibangelwa ngamayeza esintu.
Njengawo onke amanye amayeza, amayeza esintu afanele asetyenziswe ngobulumko, ngolwazi yaye, kakade ke, ngokulungelelana—yaye khumbula ukuba okwangoku ezinye izifo azinyangeki. AmaKristu okwenyaniso akhangele phambili kwixesha laxa into ebangela izifo nokufa—ukungafezeki esikuzuze ilifa kubazali bethu bokuqala—iya kuba ingasekho phantsi kolawulo loBukumkani bukaThixo.—Roma 5:12; ISityhilelo 21:3, 4.
[Umbhalo osemazantsi]
a UVukani! akalophephancwadi lamayeza yaye ngenxa yoko akancomeli nalunye uhlobo lonyango, enoba ngamayeza esintu okanye olunye uhlobo lwamayeza. Inkcazelo ekweli nqaku yenzelwe ukufumana nje ulwazi oluqhelekileyo. Abafundi bamele bazigqibele ngokwabo ngemibandela yempilo neyonyango.
[Ibhokisi ekwiphepha 30]
Iingozi Ngokuzinyanga
Ezi zilandelayo ziingozi zokusebenzisa amayeza esintu ngaphandle kolwalathiso lwengcali.
Kusenokwenzeka ukuba akuyazi eyona nto ugula yiyo.
Usenokuzinyanga ngeyeza elingasifanelanga isigulo sakho, nangona usazi isigulo onaso.
Usenokusebenzisa amayeza okunyanga iimpawu zesi sifo kungekhona unobangela waso.
Ukuzinyanga kwakho kunokungadibani namayeza owanikwe ngugqirha—ngokomzekelo, amayeza okukunceda xa waliwe yinto ethile okanye aweblood pressure.
Usenokukwazi ukuphelisa isigulo esincinane, kodwa ubangele enye ingxaki engakumbi empilweni yakho, njengehigh blood pressure.
[Inkcazelo]
Umthombo: Rodale’s Illustrated Encyclopedia of Herbs