Xa Umntwana Wakho Ekhala Engathuli
NGUMBHLALI KAVUKANI! EKHANADA
UGQIRHA waqinisekisa umama othile ngento awayesele eyirhanela. Usana lwakhe lwalunamahlaba esiswini. Iphephandaba laseKhanada, i-Globe and Mail lithi esi sifo sihlasela “umntwana omnye kwabane.” Ezinye zeempawu zesi sifo ziquka ukukhala kosana kangangeeyure, ubuncinane iintsuku ezintathu ngeveki. Yintoni enokwenziwa ngumzali oxhalabileyo? Oogqirha babantwana bathi kwiimeko ezininzi abazali—nosana—kusenokufuneka balinde. Kodwa banokulinda ixesha elingakanani?
Uphando olusandul’ ukwenziwa eKhanada koomama abaneentsana ezikhathazwa ngamahlaba esiswini lubonisa ukuba kwiintsana ezingaphezu kwama-85 ekhulwini, le ngxaki iyancipha xa zineenyanga ezintathu ubudala. Uphando olwaqaliswa nguGqr. Tammy Clifford, ongumalathisi kuphando ngemvelaphi yezifo nokusasazeka kwazo kwi-Children’s Hospital of Eastern Ontario Research Institute, lwabonisa ukuba ukuba nosana olukhathazwa ngamahlaba esiswini akubangeli ukuba unina agule ngengqondo. UGqr. Clifford uthi: “Emva kweenyanga ezintandathu bebelekile, aba Mama bafana nqwa nabanye ooMama abaneentsana ezingakhathazwa ngamahlaba esiswini. Iyacima yonke loo nto engqondweni kanina emva kokuba usana luye lwayeka ukukhala.”
I-Globe ithi, olu phando lwakutshanje olwapapashwa nguGqr. Clifford namaqabane akhe “luveza iinkcukacha ezingakumbi nezibalulekileyo ukongeza kulwazi lwenzululwazi ngokuphathelele ukukhathazwa ngamahlaba esiswini, kuba lubonisa ukuba zintathu iintlobo zale ngxaki: kukho ezo ziba nale ngxaki ize iphele xa zineenyanga ezintathu; kukho ezo ziba nale ngxaki ize iqhubeke kangangeenyanga eziliqela ingathothi; kanti kwezinye iintsana ezimbalwa le ngxaki iqala sele kulithuba zizelwe, emva kweenyanga ezithile.” Kwenziwa olunye uphando ukuze kubonwe ukuba iintsana ezinale ngxaki zikhula njani, yaye ezona ntsana zibangel’ umdla ngokukhethekileyo, zezi kuthethwe ngazo mva.
Kukho inkolelo yokuba ukukhala kosana lungayeki ngunozala wesifo esibangelwa kukudlikidlwa kosana. Njengoko i-Globe isitsho, “ukukhala kosana akuyongozi, kodwa ukuludlikidla ngamandla, kwanokuba lixeshana nje kunokonakalisa imithambo-luvo yalo yaye lusenokude lufe.”
Kwelinye icala, kunokubakho ingenelo ngokukhala kosana, kwanokuba lukhala lungayeki. I-Globe ithi: “Uphando lubonisa ukuba iintsana ezikhala kakhulu zifumana ingqalelo engakumbi kwabo bazinyamekelayo kuba basoloko bezibamba-bamba, bezincumela, bethetha nazo yaye bezifunqula.”