IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g04 8/8 iphe. 16-17
  • Ngaba UThixo Ubakhathalele Ngokwenene Abantwana?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba UThixo Ubakhathalele Ngokwenene Abantwana?
  • Vukani!—2004
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • UThixo Uyabagatya Abaxhaphazi
  • UYehova Uyabathanda Abantwana
  • Ithemba Kubantwana
  • Fundisa Abantwana Bakho Ukuba Bathande UYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Uthintelo Ekhayeni
    Vukani!—1993
  • Ukunika Abantwana Ingqalelo Abayifunayo
    Vukani!—2005
  • Ingonwaba Njani Intsapho Yakho?​—Esesibini
    Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!—Incoko Efundisa NgeBhayibhile
Khangela Okunye
Vukani!—2004
g04 8/8 iphe. 16-17

Imbono YeBhayibhile

Ngaba UThixo Ubakhathalele Ngokwenene Abantwana?

NYAKA ngamnye amakhulu ezigidi zabantwana aphathwa kakubi, ayaxhatshazwa aze ahlaselwe ngogonyamelo. Abaninzi basebenza njengamakhoboka kwiindawo eziyingozi. Bambi bayaqweqwediswa baze banyanzelwe ukuba babe ngamajoni okanye oonongogo. Abanye abantwana baye baphelelwa yintembelo ngenxa yokubandakanywa kwizenzo zombulo nokuxhatshazwa ngezinye iindlela ezimanyumnyezi.

Siyaqondakala isizathu sokuba abanye abantu abanyanisekileyo nabanenkathalo bakhathazeke ngenxa yale meko ilusizi bakuyo abantwana. Nangona beyivuma into yokuba ubukhulu becala, ukuphathwa kakubi kwabantwana kubangelwa kukubawa nenkohlakalo yabantu, kusenokuba nzima kwabanye ukuba bayamkele into yokuba uThixo onothando avumele impatho-mbi enjalo. Basenokuvakalelwa kukuba uThixo ubalahlile aba bantwana yaye mhlawumbi akabakhathalele. Ngaba oku kuyinyaniso? Ngaba ukuphathwa kakubi nokuxhatshazwa kwabantwana kubonisa ukuba uThixo akabakhathalele? Ithini iBhayibhile?

UThixo Uyabagatya Abaxhaphazi

UYehova uThixo wayengenanjongo yokuba abantwana baphathwe kakubi ngabantu abadala abakhohlakeleyo. Ukuphathwa kakubi kwabantwana ngomnye weyona miphumo elusizi yemvukelo yabantu kumyezo wase-Eden. Oko kuchaswa kolongamo lukaThixo kwakhokelela ekubeni abantu baxhaphaze abanye.—Genesis 3:11-13, 16; INtshumayeli 8:9.

UThixo ubathiyile abo baxhaphaza ababuthathaka nabangenakuzikhusela. Iintlanga ezininzi zamandulo ezazingengobakhonzi bakaYehova zazibingelela ngabantwana, kodwa uYehova wathi le nto ‘wayengabayalelanga yona yaye yayingathanga qatha entliziyweni yakhe.’ (Yeremiya 7:31) UThixo walumkisa abantu bakhe bamandulo wathi: “Ukuba uthe wayixhwalekisa [inkwenkwe engenayise] nangayiphi na indlela, yadanduluka kum, ndosiva ngenene isikhalo sayo; uvuthe umsindo wam.”—Eksodus 22:22-24.

UYehova Uyabathanda Abantwana

Inkxalabo kaThixo ngabantwana ibonakala kwimiyalelo yobulumko ayinike abazali. Abantwana abakhuliselwe kwikhaya elinqabisekileyo badla ngokukhula babe ngabantu abadala abaqolileyo nabazinzileyo. Ngoko ke, uMdali wethu wasungula ilungiselelo lomtshato elihlala lihleli, wathi “indoda iya kumshiya uyise nonina, inamathele emfazini wayo baze babe nyama-nye.” (Genesis 2:24) IBhayibhile ithi ngabantu abatshatileyo kuphela abafanele babe neentlobano zesini ukuze abantwana abaya kuzalwa seso sibini bakhuliselwe kwindawo enqabisekileyo.—Hebhere 13:4.

IZibhalo zibethelela nokubaluleka koqeqesho lwabazali. “Oonyana balilifa elivela kuYehova,” itsho njalo iBhayibhile, “isiqhamo sesisu singumvuzo. Njengeentolo esandleni sendoda enamandla, banjalo oonyana bobutsha.” (INdumiso 127:3, 4) Abantwana basisipho esixabisekileyo esivela kuThixo, yaye ufuna baphumelele. UThixo ubongoza abazali ukuba banikele ulwalathiso olufanelekileyo kubantwana babo, kanye njengokuba umtoli elujolisa kakuhle utolo lwakhe xa edubula. ILizwi likaThixo lithi: ‘Bobawo, musani ukubacaphukisa abantwana benu, kodwa qhubekani nibakhulisela kwingqeqesho nasekweyiselweni kwengqondo kuYehova.’—Efese 6:4.

Enye indlela uYehova abonakalisa ngayo uthando lwakhe ngabantwana kukufundisa abazali ukuba bakhusele abantwana babo kubahlaseli. KuSirayeli wamandulo, “nabantwana” babeyalelwa ukuba baphulaphule uMthetho, owawuquka indlela efanelekileyo yokuziphatha ngokwesini nengafanelekanga. (Duteronomi 31:12; Levitikus 18:6-24) UThixo ufuna abazali benze konk’ okusemandleni abo ukuze bakhusele abantwana babo kuye nabani na onokubaphatha kakubi okanye abaxhaphaze.

Ithemba Kubantwana

UYesu Kristu, obonakalisa ubuntu bukaYise ngendlela ebalaseleyo, walubonakalisa kakuhle uthando olungaguquguqukiyo uYehova analo ngabantwana. (Yohane 5:19) Xa abapostile benza impazamo yokwalela abazali ukuba bazise abantwana babo kuYesu, phofu bona becinga ukuba banceda yena, uYesu wacaphuka waza wabakhalimela. Wathi: “Bayekeni abantwana abaselula beze kum.” Emva koko “wabawola aba bantwana waza wabasikelela.” (Marko 10:13-16) KuYehova uThixo noNyana wakhe, abantwana asingobantu nje bangabalulekanga.

Eneneni, esebenzisa uKumkani amnyulileyo, uYesu Kristu, kungekudala uThixo uya kubakhulula abantwana abaphethwe kakubi. Abaxhaphazi ababawayo nabakhohlakeleyo beli hlabathi baya kutshatyalaliswa ngonaphakade. (INdumiso 37:10, 11) Ibhekisa kwabo balulamileyo nabafuna uYehova, iBhayibhile ithi: “Uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.”—ISityhilelo 21:3, 4.

Okwangoku, uThixo ubonakalisa uthando analo ngokunikela uncedo lokomoya nentuthuzelo kubo bonke abaphathwa kakubi nabaxhatshazwayo. Nasi isithembiso asenzayo: “Elahlekileyo ndiya kuyifuna, nebhaduleyo ndiya kuyibuyisa, neyaphukileyo ndiya kuyibopha, negulayo ndiya kuyomeleza.” (Hezekile 34:16) Esebenzisa iLizwi lakhe, umoya wakhe oyingcwele nebandla lamaKristu, uYehova uyabathuthuzela abantwana abaphethwe kakubi nabahlelelekileyo. Hayi indlela ekuvuyisa ngayo ukwazi ukuba ngoku ‘uBawo onenceba noThixo wentuthuzelo yonke, uyasithuthuzela kuyo yonke imbandezelo yethu,’ njengoko eya kwenjenjalo nakwikamva.—2 Korinte 1:3, 4.

[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 16]

© Mikkel Ostergaard/Panos Pictures

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share