UmSamariya Olungileyo Wanamhlanje
NGUMBHALI KAVUKANI! EMEXICO
Abaninzi kuthi bakha baliva ibali leBhayibhile elithetha ngendoda enobubele engumSamariya edla ngokubizwa ngokuba ngumSamariya Olungileyo. (Luka 10:29-37) Kulo mzekeliso, uYesu Kristu wabonisa umgudu owenziwa yile ndoda ingumSamariya izama ukubonakalisa uthando kummelwane wayo owayefuna uncedo. Ngaba asekho amaSamariya alungileyo namhlanje? Phawula le ngxelo ivela eMexico.
UBetuel nentsapho yakhe babebuya kuhambo oluthile yaye xa kwakusele iikhilomitha ezimbalwa ngaphambi kokuba bafike ekhaya, babona ingozi emasikizi yenqwelo-mafutha kuhola wendlela. Bamisa ukuze baye kunceda. Omnye wabaqhubi ababebandakanyeke kuloo ngozi, ongugqirha wabacela ukuba base inkosikazi yakhe ekhulelweyo neentwazana zabo ezimbini kwisibhedlele esikufuphi ukuze bafumane unyango. Babathabatha babasa yaye emva koko uBetuel wabuyela kwindawo eyayinengozi ukuze abone ukuba akukho ncedo lungakumbi na wayenokulunikela.
UBetuel uyabalisa: “Amapolisa asebenza kuloo hola wendlela afika, yaye ayeza kumbamba ugqirha ngenjongo yokwenza uphando kuba kwakukho umntu ofileyo kuloo ngozi. Xa ugqirha wandibuza isizathu sokuba ndimncede, ndamxelela ukuba singamaNgqina kaYehova yaye siye safunda eBhayibhileni ukuba sifanele sibathande abamelwane bethu. Ndamxelela ukuba angazikhathazi ngenkosikazi nabantwana bakhe, siza kubanyamekela. Ethe gwanty’ iinyembezi, wandinika izinto zakhe ezixabisekileyo ukuba ndizigcine.”
UBetuel nentsapho yakhe bathabatha intsapho yale ndoda baya nayo ekhaya baza bayinyamekela kangangeentsuku eziliqela. UBetuel wasebenzisa eli thuba waqalisa isifundo seBhayibhile kunye nayo. Wathi ugqirha akukhululwa eluvalelweni, wavakalisa umbulelo noxabiso analo ngamaNgqina kaYehova. Wathembisa ukuba uza kuqhubeka nokufundisisa iBhayibhile akufika ekhaya yaye wathi ukuba inkosikazi yakhe ifumene unyana, uya kumthiya ngokuba nguBetuel. UBetuel uhlabela mgama esithi: “Ngoku sele kudlule iminyaka emibini yaye siye safumana ithuba lokubatyelela. Ndiye ndothuka ndakufumanisa ukuba bafundisisa iBhayibhile yaye igama lonyana wabo nguBetuel!”
[Umfanekiso okwiphepha 15]
UBetuel