IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 4/06 iphe. 14-16
  • Utyelelo Losuku Olunye Lokuya EChernobyl

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Utyelelo Losuku Olunye Lokuya EChernobyl
  • Vukani!—2006
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Iholide Yethu Ebangel’ Umdla
  • Ixesha Lokucinga Nzulu
  • Isisongelo Senyukliya—Ngaba Ekugqibeleni Siphelile?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
  • Iziqulatho
    Vukani!—2006
  • Imfazwe Yenyukliya—Ngoobani Abasisisongelo?
    Vukani!—2004
  • Ithini IBhayibhile Ngemfazwe Yenyukliya?
    Imixholo Engakumbi
Khangela Okunye
Vukani!—2006
g 4/06 iphe. 14-16

Utyelelo Losuku Olunye Lokuya EChernobyl

NGUMBHALI KAVUKANI! EUKRAINE

Kwiminyaka engama-20 eyadlulayo kwenzeka eyona ngozi inkulu yenyukliya eChernobyl. NgoAprili 26, 1986, elinye lamaziko amane enyukliya laqhushumba. Emva kweengozi ezininzi—ezibangelwe ngabantu okanye zemvelo—kudla ngokuphinda kucocwe kuze kwakhiwe. Noko ke, le yona ingozi yashiya ukungcola okungasayi kuze kushenxiswe.

KWIMINYAKA yamvanje, rhoqo ngoMeyi 9, abantu ababehlala kwiidolophu ezikufuphi nale ndawo—mhlawumbi ababehlala nabahlobo okanye nezalamane zabo—baye babuyela kwizindlu ezingasahlali bantu ezazingamakhaya abo ngaphambili. Yaye maxa wambi baye beza emingcwabeni. Nazo izazinzulu ziye zatyelela le ndawo ukuze zize kuhlola umonakalo obangelwe yimitha yenyukliya. Ukongezelela, iinkampani zokukhenketha zaseUkraine ziye mvanje zalungiselela ukuba abantu batyelele kule ndawo usuku olunye.

NgoJuni 2005 kwiindaba eziphambili, iThe New York Times yabhengeza “ukhenketho olunempelesi” nolufutshane lwePripet “olungenazo iingozi zempilo.”a IPripet—isixeko esasihlala abantu abanokuba ngama-45 000, esikwisithuba seekhilomitha ezintathu ukusuka kwiziko lenyukliya—sasakhiwe ngeminyaka yee-1970. Noko ke, sasingasenabantu—njengokuba kwakunjalo nangezinye izixeko—emva kwengozi yenyukliya. Kwezi zixeko needolophu kwakungavunyelwa mntu ukuba angene ngenxa yemitha yenyukliya. Ngexesha lokwenzeka kwale ngozi, uAnna noVictor Rudnik nabantwana babo babehlala ePripet kangangonyaka.b

Idolophu encinane gqitha yaseChernobyl (igama elibizwa ngalo iziko lenyukliya) ikumgama onokuba ziikhilomitha ezili-15 ukusuka kweli ziko. Abantu ababehlala apha kwiminyaka edluleyo baye bavunyelwa ukuba batyelele apha kube kanye ngonyaka. Ekubeni abakwaRudnik babehlala eChernobyl, baye batyelela eChernobyl ebudeni beli xesha. Makhe ndikubalisele ngotyelelo lwam nomfazi wam kunye nabo kwiminyaka embalwa edluleyo.

Iholide Yethu Ebangel’ Umdla

Sanduluka eKiev, ikomkhulu leUkraine, ngendlela enkulu sisiya ngasemntla. Sadlula kwiidolophu ezincinane ezazinezindlu ezidwele ngasendleleni, ezineentyatyambo iitulip ngaphambili, yaye abantu babesebenza kwizitiya zabo zemifuno ezingasemva kwezindlu zabo. Phakathi kwezi dolophu, kwakuthe rhwelele amasimi amakhulu ombona, engqolowa nojongilanga.

Noko ke, sithe siphiphiphi sanqumla umda nangona wawungabonakali. Akuzange kubekho nto endleleni esixelela ukuba siwela umda, kodwa kwasuka nje kwavakala. Kwiidolophu esadlula kuzo kwakukhal’ ibhungane. Kwizindlu zalapho ezazibhodloka, iifestile zazaphukile, iminyango ifakwe amaqhaga. Ngaphambili kwezi zindlu, kwakuzele nje ukhula yaye zingakhathalelwanga.

Ngoku sikumda obiyelweyo—onokuba ziikhilomitha ezingama-30 ukusuka kwiziko lenyukliya. UAnna wasixelela esithi: “Iidolophu ezikulo mmandla zizele yimichiza yenyukliya. Ukususela apha, abantu abangaphezu kwama-150 000 kwiidolophu needolophana ezininzi bafuduselwa kumakhaya amatsha kummandla owawusakuba yiSoviet Union.”

Njengokuba sihamba, safika kummandla obiyelwe ngocingo oluphakamileyo olunameva olwahlula le ndawo kwezinye. Kufuphi nalapha, kwakukho abalindi kwindlu yamaplanga—ngathi ngamagosa asemdeni—beqwalasela zonke iimoto ezidlulayo. Omnye umlindi wajonga iincwadi zethu zokundwendwela, wabhala inombolo yemoto yethu, emva koko wavula isango.

Ngoku sasiphakathi kulo mmandla ubiyelweyo. Imithi, eyayisandul’ ukudubula yayiwise amagqabi awayengathi yingubo eluhlaza kuloo ndlela. Kwihlathi elilapha, kwakukho utyani oluninzi—ingeyiyo imithi etshileyo namatyholo ambatshileyo endandicinga ngawo. Phambi kwethu, kwakukho umqondiso wezitena ezimhlophe obhalwe Chernobyl.

Ekungeneni kwidolophu yaseChernobyl kwakukho ikhemesti. Umama kaVictor wayesebenza apha. Kwifestile emdaka kwakuxhonywe ibhodi eyayisel’ imbatshile neyayichaza amaxesha okuvulwa nokuvalwa kwale khemesti. Kufuphi nomyezo walapha kwakukho iholo yemicimbi yasekuhlaleni. UAnna wasibalisela indlela yena nabanye abantu balapha ababedla ngokuphumla kamnandi ngayo apha emva komsebenzi, bebukele iimvumi ezahlukahlukeneyo. Iholo yeefilimu, iUkraina, yayikufuphi, yaye abantwana babedla ngokubaleka ukugqatsa kwelanga beze kubukela iifilimu ezintsha kule ndawo ipholileyo. Intsini eyayivakala ebumnyameni kule holo yaphela. UAnna noVictor basisa emzini wabo—mganyana nje ukusuka kumbindi wedolophu. Imithi eyayingasachetywa yayikhule yada yavala umnyango wangaphambili, ngoko salandelelana phakathi kokhula olude sisiya kumnyango ongasemva—ngoku owawungumngxuma nje ovuleke eludongeni.

Ngaphakathi, kwakububutyobo nje. Umatrasi obukade ubethwa ngumbethe wawugugela kuloo bhedi yentsimbi eyayidliwe ngumhlwa. Amaphepha odonga ayesele exobuka. UAnna wasusa umfanekiso omdala kwinkunkuma eyayilahlwe kwelinye igumbi. Ekhathazekile, uAnna wathi: “Bendisoloko ndifuna ukubuya ukuze ndize kulungisa ezi zinto. Ndibuhlungu gqitha kukubona indlu yethu iyile ngqushu, yaye impahla yethu iye yabiwa kwiminyaka edluleyo!”

Sawushiya umzi wakwaRudnik saza sahamba sisihla ngesitrato. Kwimbombo yesinye isitrato kwakukho iqela labantu lincokola. Sahamba isiqingatha sekhilomitha saya kufika kumyezo osekupheleni kwendlela onendawo ethe gabalala ephezu komlambo ozolileyo. Iintyatyambo ezimhlophe zomthi wombaba zaziphaphazela kuloo mpepho. Kwizinyuko ezazingasemlanjeni, abantu abaninzi ngowe-1986 babelilinde apha iphenyane elaliza kuhamba nabo.

Kunyaka ophelileyo, intsapho yakwaRudnik iye okwesihlandlo sokuqala yatyelela umzi wayo osePripet. Le ntsapho yabaleka kwesi sixeko emva kwentlekele eyenzeka kwiminyaka eli-19 eyadlulayo.

Ixesha Lokucinga Nzulu

Ebudeni buka-Aprili 2006, kwenziwa izinto ezininzi njengesikhumbuzo seminyaka engama-20 yenzekayo intlekele yenyukliya kule ndawo. Oku kuya kukhumbuza abantu abaninzi ukuba umntu akakwazi—enoba uzama kangakanani na—ukusingatha imicimbi yomhlaba ngempumelelo ngaphandle kokungenelela kukaThixo.—Yeremiya 10:23.

NgoSeptemba odluleyo kuye kwanikelwa ingxelo yenzululwazi ngomphumo wale ntlekele. Kule ngxelo eyayilungiselelwe ziZizwe Ezimanyeneyo kwathiwa, kule ngozi ekuqaleni kusenokufa abantu abangama-56 yaye abangama-4 000 basenokubulawa yimitha yenyukliya. Ngaphambili kwakuthiwe kusenokufa abantu abanokuba ngama-15 000 ukusa kuma-30 000. NgoSeptemba 8, 2005, umhleli weNew York Times wathi, le ngxelo yeZizwe Ezimanyeneyo “yagxekwa gqitha yimibutho yokulondolozwa kwendalo njengebubuxoki nezama ukufihla iingozi ezinokubangelwa ngamandla enyukliya.”

Yena uVictor, owafunda ngoMdali wakhe, uYehova uThixo emva kwesi sihelegu, wathi: “Asisadandathekanga ngoku, ekubeni sisazi ukuba xa uBukumkani bukaThixo bufika, iingozi ezinjengezi azisayi kuphinda zenzeke. Sikhangele phambili xa imimandla engqonge ikhaya lethu esilithandayo kufuphi neChernobyl iya kuphinda ibe yindawo ebukekayo iyinxalenye yeparadesi entle.”

Ukususela kwixesha lokwenzeka kwentlekele yaseChernobyl, abantu abazizigidi baye bamkela isithembiso seBhayibhile sokuba umhlaba uza kuphinda wenziwe iParadesi eya kunabela emhlabeni wonke. (Genesis 2:8, 9; ISityhilelo 21:3, 4) EUkraine kuphela, kwiminyaka engama-20 adluleyo abantu abangaphezu kwama-100 000 baye basamkela ngovuyo esi sithembiso! Sinqwenela ukuba nawe ucingisise ngekamva eliqaqambileyo elithenjiswa abo bafuna ukufunda ngeenjongo zikaThixo.

[Imibhalo esemazantsi]

a Nangona amagosa aliqela athi akukho ngozi inokwenzeka kula matyelelo mafutshane, uVukani! akakhuthazi okanye axhase nabani na ocwangcisela ukutyelela le ndawo.

b Funda uVukani! wesiNgesi ka-Aprili 22, 1997, iphepha 12-15.

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 16]

Isikhumbuzo Sabo Bacocayo

Lo mfanekiso wabantu abakhulu kunabaqhelekileyo usisikhumbuzo sabo bacocayo kwintlekele yaseChernobyl. Aba bantu bacima umlilo, baligquma eli ziko lenyukliya liqhumayo, baza basusa yonke into eyayinokungcolisa umoya. Ekugqibeleni, aba bantu bafikelela kumakhulu amawaka. Kuqikelelwa ukuba abantu abanokuba ngama-4 000 baza kufa ngenxa yale ngozi, yaye inkoliso yabo iza kuba kweli qela labasebenzi.

[Imifanekiso ekwiphepha 15]

Umqondiso obonisa idolophu yaseChernobyl, neholo yeefilimu

[Imifanekiso ekwiphepha 15]

AbakwaRudnik ngaphandle komzi wabo eChernobyl

[Imifanekiso ekwiphepha 16]

Iziko lenyukliya elaqhushumbayo, kwiikhilomitha ezinokuba ntathu ukusuka kwikhaya lakwaRudnik, ePripet (umfanekiso ophakathi komnye)

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share