UThixo Usikhathalele!
INDLELA uThixo awayisingatha ngayo imvukelo eyaqala e-Eden ibonisa ukuba usithanda kakhulu yaye uxhalabele ikamva lethu. Nceda uqwalasele obu bungqina bulandelayo obubonisa ukuba ngokwenene uThixo uyasithanda, uze ufunde izibhalo ezibonisiweyo eBhayibhileni yakho.
● Usinike umhlaba ozele yindalo entle, izilwanyana nomhlaba onemveliso.—IZenzo 14:17; Roma 1:20.
● Umzimba wethu udalwe wakwazi ukungcamla ukutya okumnandi, ukubona ukutshona kwelanga, ukuva usana lugigitheka nokugonwa ngumntu omthandayo.—INdumiso 139:14.
● Usikhokela ngobulumko esinceda ukuba sikwazi ukumelana neengxaki nokudandatheka.—INdumiso 19:7, 8; 119:105; Isaya 48:17, 18.
● Sinethemba elimangalisayo, eliquka ukuphila kumhlaba oyiparadesi nokubona izalamane nezihlobo zethu ezafayo zivuka.—Luka 23:43; Yohane 5:28, 29.
● Wathumela okuphela koNyana amzeleyo ukuze asifele ukuze sibe nethemba lobomi obungunaphakade.—Yohane 3:16.
● Uye wamisela uBukumkani obungoMesiya ezulwini waza wasinika ubungqina obuninzi bokuba kungekudala obo buBukumkani buza kulawula umhlaba.—Isaya 9:6, 7; Mateyu 24:3, 4, 7; ISityhilelo 11:15; 12:10.
● Usikhuthaza ukuba sithethe naye ngomthandazo, sizityand’ igila kuye yaye xa sisenjenjalo uyasiphulaphula.—INdumiso 62:8; 1 Yohane 5:14, 15.
● Ngokuphindaphindiweyo uyabaqinisekisa abantu ukuba ubathanda kakhulu yaye ubaxhalabele.—1 Yohane 4:9, 10, 19.