“Igalelo Elibalulekileyo Kwinzululwazi Yezonyango”
NGUMBHALI KAVUKANI! EMEXICO
AmaNgqina kaYehova aziwa ehlabathini lonke ngokungalisebenzisi igazi xa enyangwa. Bambi bayalugxeka olu hlobo lonyango. Ukanti, njengokuba lisitsho iphephandaba elaziwayo kwisiXeko saseMexico, iReforma, uGqr. Ángel Herrera, umtyandi oyintloko kwiNational Institute of Oncology, wathi: “AmaNgqina akashiywa zingqondo. Yaye akangomadel’ akufa. . . . Anegalelo elibalulekileyo kwinzululwazi yezonyango ngokukhuthaza oogqirha ukuba balondoloze igazi.”
Kwiminyaka eli-15 edluleyo, uGqr. Herrera waqalisa inkqubo yotyando eyayingazukusebenzisa gazi noogqirha abambalwa neeanesthesiologist. UGqr. Isidro Martínez, oyianestesiologist okwelo qela, wathi: “Indlela echanileyo yokuthomalalisa iintlungu ivumelana kakuhle nazo zonke iinkqubo zokonga igazi. Ngoko ke, sinokuwanyanga amaNgqina kaYehova, size sizihlonele neenkolelo zawo zonqulo.”
IReforma yango-Oktobha 2006 yachaza iinkqubo zonyango ezingaphezu kwama-30 ezingasebenzis’ igazi. Oku kuquka ukwenza imithambo yegazi ibe ndindisholo, ukugquma amalungu omzimba ngelaphu elikhethekileyo elikhupha imichiza ethintela ukopha, nokusebenzisa izinto ezandisa umthamo wegazi.a
UGqr. Moisés Calderón, umalathisi kwisebe lotyando lwentliziyo eLa Raza General Hospital kwisiXeko saseMexico, uqhele ukwenza utyando lwentliziyo ngaphandle kokutofela igazi. Wathi kwiReforma: “Ukutofelwa igazi kuyingozi. Ubani usenokwasulelwa ziintsholongwane. Kwakhona, xa ubani etofelwe igazi, umzimba wakhe usenokulala zize izintso nemiphunga yakhe zingasebenzi kakuhle.” Ngenxa yezo ngozi, uGqr. Calderón wathi: “Wonke umntu esimenza utyando, simtyanda njengeNgqina likaYehova. Siye siqiniseke ukuba isigulana asophi kakhulu, siyalonga igazi laso size sisebenzise amayeza okusinceda singophi kakhulu.”
Eli phephandaba lacaphula iZenzo 15:28, 29, isibhalo esisetyenziswa ngamaNgqina kaYehova ukugatya utofelo gazi. Kwesi sibhalo abapostile bayalela oku: “Kukholekile kumoya oyingcwele nakuthi ngokwethu ukungongezeleli uxanduva olubhekele phaya kuni, ngaphandle kwezi zinto ziyimfuneko, ukuba nikhwebuke kwizinto ezibingelelwe kwizithixo nasegazini nakwizinto ezikrwitshiweyo nakuhenyuzo.”
ISebe Lenkcazelo Yezibhedlele kwiofisi yesebe yamaNgqina kaYehova eMexico lithi, kukho iiKomiti Zokunxibelelana Nezibhedlele ezingama-75 nabantu abangama-950 abatyelela oogqirha ukuze babachazele ngeendlela zonyango ezingasebenzisi gazi. Oogqirha abanokuba ngama-2 000 eMexico banyanga amaNgqina kaYehova ngaphandle kokutofela igazi. AmaNgqina abamba ngazibini ngentsebenziswano yaba gqirha, nangobuchule babo bokunyanga ezinye izigulana ezingengawo amaNgqina.
[Umbhalo osemazantsi]
a UVukani! akancomeli nayiphi na inkqubo njengekhethekileyo yonyango ngaphandle kokutofelwa kwegazi, eqonda ukuba mntu ngamnye ufanele azenzele isigqibo.
[Umfanekiso okwiphepha 30]
UGqr. Ángel Herrera
[Umfanekiso okwiphepha 30]
UGqr. Isidro Martínez
[Umfanekiso okwiphepha 30]
UGqr. Moisés Calderón