IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 11/07 iphe. 3
  • Ngaba Umele Uthembe Yonke Into?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Umele Uthembe Yonke Into?
  • Vukani!—2007
  • Amanqaku Afanayo
  • Kubalulekile Ukuthemba Abanye Ukuze Sonwabe Ebomini
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
  • Ungabathemba Abazalwana Noodade
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2022
  • Ukuthemba Abantu Okanye Ukungabathembi
    Vukani!—1996
  • Indibano Eye Yakwandisa Ukukholosa Kwethu NgoYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
Khangela Okunye
Vukani!—2007
g 11/07 iphe. 3

Ngaba Umele Uthembe Yonke Into?

“Ungawathembi amaplanga abolileyo,” lawo ngamazwi ombhali wemidlalo oliNgesi, uWilliam Shakespeare. Enyanisweni, phambi kokuba unyathele kumgangatho wesikhephe owenziwe ngamaplanga kufuneka uqiniseke ukuba loo maplanga akabolanga.

LA MAZWI athethwa ngulo kaShakespeare ayavisisana nalawo abhalwa kwiminyaka emalunga nama-3 000 eyadlulayo, nguKumkani uSolomon wakwaSirayeli wamandulo owayesisilumko, athi: “Isidenge sikholelwa yonke into; abantu abakrelekrele bayawaqwalasela amanyathelo abo.” (IMizekeliso 14:15, Today’s English Version) Ewe, sisidenge kuphela esityhobeka nje ebomini samkele yonke into esiyivayo size senze izigqibo ezisekelwe kumacebiso angenasihlahla. Ukuthemba yonke into—njengokuchankcatha kumaplanga abolileyo—kunokuphumela kwintlekele yodwa. Usenokuzibuza, ‘Ngaba ukho umthombo onokuthenjwa, esinokufumana kuwo ukhokelo?

Ehlabathini lonke, abantu abazizigidi bathembele ngokupheleleyo kwincwadi endala kakhulu—ebizwa ngokuba yiBhayibhile Engcwele. Bathembele kukhokelo lwale ncwadi. Izigqibo abazenzayo zisekelwe kumacebiso ayo yaye benza ngokuvisisana neemfundiso zayo. Ngaba aba bantu kufana nokungathi bachankcatha kumaplanga abolileyo? Impendulo yalo mbuzo ixhomekeke kwindlela esiphendula ngayo umbuzo othi, Ngaba zikho izizathu ezivakalayo zokukholelwa eBhayibhileni? Lo Vukani! ukhethekileyo uthetha ngobungqina obuxhasa ezo zizathu.

Injongo yalo Vukani! asikokukunyanzela ukuba wamkele iinkolelo okanye iimbono ezithile zonqulo. Kunoko, ubonisa ubungqina obubambekayo obukhokelele izigidi zabantu ekukholelweni eBhayibhileni. Emva kokufunda amanqaku alandelayo, unokugqiba enoba ufanele ukholelwe eBhayibhileni kusini na.

Lo ngumbandela onzulu ngokwenene. Ngapha koko, ukuba ngokwenene iBhayibhile ngumthombo wokhokelo onokuthenjwa ovela kuMdali wethu, ufanele uhlolisise oko ikutshoyo iBhayibhile ukuze kungenelwe wena nabantu obathandayo.

Noko ke, okokuqala masikhankanye izinto ebalasele ngazo iBhayibhile. Ngokungathandabuzekiyo, le yincwadi ekhethekileyo ngokwenene.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share