Funda Ngesilwanyana Ekuthiwa YiCoati
NGUMBHALI KAVUKANI! EBRAZIL
UTHE chu kuhle ehlathini ngequbuliso kuthi gqi umhlambi weecoati uze kuwe. Wothukile kuba awazi enokuba ziza kukuhlasela kusini. Thoba izibilini. Ngoxa ezi nyamakazi zidume ngokuluma abantu, zona ezi zijonge le ngxowa uyiphetheyo. Ezi nyamakazi zisoloko zifuna ukutya. Zitya kwanto iphambi kwazo imisundululu, amacikilishe, izigcawu, impuku, iziqhamo nkqu namaqanda eentaka.
Icoati iyelelene kwenye inyamakazi ekuthiwa yiraccoon, kodwa inomzimba nomsila omde, nombombo obhetyebhetye. Le nyamakazi ilingana neesentimitha ezingama-66, umzimba nomsila wayo ulingana neesentimitha ezingama-52 ubude. Le nyamakazi ifumaneka emzantsi-ntshona eUnited States nasemantla eArgentina.
Imazi zihamba zingamaqela angama-20, ngoxa inkunzi yona izihambela yodwa. Xa kufike ixesha lokuba zikhwelwe imazi, inkunzi iya ezimazini. Emva kweeveki ezisixhenxe ukuya kwezisibhozo, ezo mazi ziyamitha ziyemka kweli qela zize zizakhele indlwana emthini. Imazi nganye iba namantshontsho amathathu okanye amane. Emva kweeveki ezintandathu unina ezele, abadlezane namantshontsho abuyela emhlambini kwakhona. Intshontsho lale nyamakazi liba ngathi yimbulunga emdaka.
Ezi nyamakazi zisoloko zijoja zigrumba njengokuba zisihla zinyuka ehlathini. Amafama awazithandi ezi nyamakazi kuba, zonakalisa izityalo nehoko zeenkukhu. Xa zizingelwa zizimela emithini. Zithi zakuva kudutyulwa zizifise. Xa usondela kuzo ukuze uzibambe ziyavuka zize zibaleke.
Kwixesha elizayo xa utyelela apha eBrazil, mhlawumbi uya kudibana nomhlambi wezi nyamakazi. Ukuba kwenzekile ungadyuduzeli. Akunakwenzeka ukuba zikwenzakalise. Kodwa azinakuthi enkosi xa uziphoselela amaqithiqithi.