IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 7/08 iphe. 18
  • Funda Ngesilwanyana Ekuthiwa YiCoati

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Funda Ngesilwanyana Ekuthiwa YiCoati
  • Vukani!—2008
  • Amanqaku Afanayo
  • IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2013
  • Iziqulatho
    Vukani!—2008
  • Ubulumko BukaThixo Bubonakala Kwindalo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
Vukani!—2008
g 7/08 iphe. 18

Funda Ngesilwanyana Ekuthiwa YiCoati

NGUMBHALI KAVUKANI! EBRAZIL

UTHE chu kuhle ehlathini ngequbuliso kuthi gqi umhlambi weecoati uze kuwe. Wothukile kuba awazi enokuba ziza kukuhlasela kusini. Thoba izibilini. Ngoxa ezi nyamakazi zidume ngokuluma abantu, zona ezi zijonge le ngxowa uyiphetheyo. Ezi nyamakazi zisoloko zifuna ukutya. Zitya kwanto iphambi kwazo imisundululu, amacikilishe, izigcawu, impuku, iziqhamo nkqu namaqanda eentaka.

Icoati iyelelene kwenye inyamakazi ekuthiwa yiraccoon, kodwa inomzimba nomsila omde, nombombo obhetyebhetye. Le nyamakazi ilingana neesentimitha ezingama-66, umzimba nomsila wayo ulingana neesentimitha ezingama-52 ubude. Le nyamakazi ifumaneka emzantsi-ntshona eUnited States nasemantla eArgentina.

Imazi zihamba zingamaqela angama-20, ngoxa inkunzi yona izihambela yodwa. Xa kufike ixesha lokuba zikhwelwe imazi, inkunzi iya ezimazini. Emva kweeveki ezisixhenxe ukuya kwezisibhozo, ezo mazi ziyamitha ziyemka kweli qela zize zizakhele indlwana emthini. Imazi nganye iba namantshontsho amathathu okanye amane. Emva kweeveki ezintandathu unina ezele, abadlezane namantshontsho abuyela emhlambini kwakhona. Intshontsho lale nyamakazi liba ngathi yimbulunga emdaka.

Ezi nyamakazi zisoloko zijoja zigrumba njengokuba zisihla zinyuka ehlathini. Amafama awazithandi ezi nyamakazi kuba, zonakalisa izityalo nehoko zeenkukhu. Xa zizingelwa zizimela emithini. Zithi zakuva kudutyulwa zizifise. Xa usondela kuzo ukuze uzibambe ziyavuka zize zibaleke.

Kwixesha elizayo xa utyelela apha eBrazil, mhlawumbi uya kudibana nomhlambi wezi nyamakazi. Ukuba kwenzekile ungadyuduzeli. Akunakwenzeka ukuba zikwenzakalise. Kodwa azinakuthi enkosi xa uziphoselela amaqithiqithi.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share