Ubulumko BukaThixo Bubonakala Kwindalo
“NguLowo usifundisa ngaphezu kwezilo zomhlaba, usenza silumke nangaphezu kwezidalwa eziphaphazelayo zamazulu.”—YOBHI 35:11.
IINTAKA zinobuchule obumangalisayo. Indlela ezibhabha ngayo yenza abayili beenqwelo-moya babe nomunyu. Ezinye iintaka zibhabha amawaka eekhilomitha phezu kolwandlekazi zize zifike zingakhange zilahleke kwindawo eziya kuyo.
Enye into emangalisayo ngeentaka—etyhila ubulumko boMenzi wazo—yindlela ezinxibelelana ngayo. Khawuqwalasele le mizekelo ilandelayo.
Indlela Ezinxibelelana Ngayo Iintaka
Ezinye iintaka ziqalisa ukunxibelelana kwanangaphambi kokuba ziqanduselwe. Ngokomzekelo isagwityi sizala iqanda elinye ngosuku ade abe sibhozo. Ukuba onke la maqanda anokufukanywa kakuhle anokuqanduselwa malunga neentsuku ezisibhozo. Unina wala mantshontsho kuye kufuneke asoloko ehamba nawo ngoxa kwangaxeshanye kufuneka afukame elo qanda lingekaqanduseli. Ukusuka apho loo maqanda asibhozo aye aqandusele onke kwisithuba nje seeyure ezintandathu. Kwenzeka njani oku? Abaphandi bacinga ukuba esinye sezizathu kukuba amantshontsho ezagwityi ayanxibelelana ngoxa engekaqanduselwa nto leyo ewenza aqanduselwe ngaxeshanye.
Xa sele zikhulile ezi ntaka ngokuqhelekileyo idla ngokuba ziinkunzi ezintyilozayo. Zidla ngokucula ngokukodwa ngexesha lokukhwela okanye xa ibanga umhlaba. Amawakawaka eentlobo ngeentlobo zeentaka aneendlela ezahlukeneyo zokunxibelelana oku kwenza ukuba iintaka zikwazi ukwahlula iintaka ezizinkunzi zohlobo lwazo.
Iintaka zidla ngokuntyiloza ngonyezi naxa kutshon’ ilanga. Isizathu kukuba ngalo maxesha umoya awubhudli kakhulu yaye akukho ngxolo. Abaphandi baye bafumanisa ukuba zivakala bhetele xa zicula kusasa okanye entshona-langa kunasemin’ emaqanda.
Ngoxa idla ngokuba ziinkunzi eziculayo iinkunzi neemazi ziyakwazi nazo ukucula ngeendlela ezahlukahlukeneyo. Ngokomzekelo iintaka ekuthiwa ziiChaffinch zineendlela ezisithoba zokucula ezahlukahlukeneyo. Zikhala ngolunye uhlobo xa zibona intaka elutshaba—zize zikhale ngolunye uhlobo xa zilumkisa ngengozi ehamba phantsi.
Isipho Esibalaseleyo
Ubulumko bukaThixo obubonakala ezintakeni buyachukumisa. Kodwa ubuchule babantu bokunxibelelana buchukumisa ngakumbi. UYobhi 35:11 uthi uThixo abantu ubenze ‘balumka ngaphezu kwezidalwa eziphaphazelayo zamazulu.’ Into eyenza abantu bahluke ezintakeni kukuba bayakwazi ukuchaza iingcamango neengcinga ezintsonkothileyo.
Ngokungafaniyo nezinye izidalwa abantwana bazalwa bekwazi ukufunda iilwimi ezintsonkothileyo. Ulindixesha okwi-Internet iAmerican Scientist uthi: “Abantwana bayakwazi ukufunda ulwimi nokuba abazali abathethi nabo; abantwana abangevayo bade bafunde ukuthetha ngezandla bengafundiswanga mntu.”
Ukukwazi kwethu ukuchaza iingcinga nendlela esivakalelwa ngayo ngokuthetha okanye ngezandla, sisipho esimangalisayo esivela kuThixo. Esona sipho sibalaseleyo uThixo asiphe sona kukunxibelelana naye ngomthandazo. UYehova uThixo uyasibongoza ukuba sithethe naye. ILizwi likaThixo iBhayibhile lithi: “ Musani ukuxhalela nantoni na, kodwa ezintweni zonke zaziseni izibongozo zenu kuThixo ngomthandazo nesikhungo nombulelo.”—Filipi 4:6.
Xa kufuneke senze izigqibo ezinzima, uYehova ufuna sidimbaze kuvimba wobulumko obuseBhayibhileni. Kwakhona uya kusinceda sikwazi ukusebenzisa icebiso elifumaneka kuyo. Umbhali weBhayibhile uYakobi uthi: “Ukuba kukho nabani na kuni oswele ubulumko, makaqhubeke ebucele kuThixo, kuba unika bonke ngesisa, engangcikivi; yaye uya kubunikwa.”—Yakobi 1:5.
Uvakalelwa Njani?
Uvakalelwa njani xa uphulaphule ukuntyiloza kwentaka okutsho kamnandi okanye xa umntwana eqala ukuthetha? Ngaba uyabubona ubulumko bukaThixo kwizinto azidalileyo?
Emva kokucamngca ngendlela enziwe ngayo umdumisi uDavide, wadanduluka wathi kuThixo: “Ndiya kukubonga ngenxa yokuba ngendlela eyoyikekayo ndenziwe ngokumangalisayo. Imisebenzi yakho iyamangalisa, njengoko umphefumlo wam uqonda kakuhle.” (INdumiso 139:14) Njengoko ufunda ngobulumko bukaThixo kwindalo, uya kuba nokholo olungakumbi lokuba unako ukukwalathisa.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 5]
Ukunxibelelana sisipho esivela kuThixo
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 4]
© Dayton Wild/Visuals Unlimited