IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 2/09 iphe. 17
  • Ibhayisekile Elola Iimela

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ibhayisekile Elola Iimela
  • Vukani!—2009
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Kutak’ Iintlantsi Yaye Umntu Uyabila!
  • Umbuzo Olula Onokuwubuza
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2025
  • Iingcinga Zenza Umahluko!
    Vukani!—2016
  • “Emlonyeni Weentsana”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
  • Ukukhulisa Abantwana Abasibhozo Ngeendlela ZikaYehova Kwakunzima Kodwa Kubangela Uvuyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
Vukani!—2009
g 2/09 iphe. 17

Ibhayisekile Elola Iimela

NGUMBHALI KAVUKANI! ETANZANIA

◼ Ubuya kucinga ntoni xa ubunokubona indoda ihleli ijonge ngemva kwibhayisekile, inyawuza ngamandla kodwa ime ndawonye? Kwezinye iindawo, njengakwiMpuma Afrika, kuqhelekile ukubona umloli weemela esenza oko—indoda eziphilisa ngokunceda abantu.

Ibhayisekile yale ndoda iqhelekile kodwa yahluke nje kancinane. Kwindawo yokuthwal’ impahla kukho ilitye lokulola. Libotshelelwe ngebhanti yenayiloni kumphetho welinye ivili lebhayisekile eliye lahlukaniswa kubini laza ladityaniswa kwivili elisemva lebhayisekile.

Akuqinisekwanga ukuba le ndlela ichuliweyo yokulola iimela yeza njani eAfrika. UAndrea, indoda ebilola iimela ukususela ngowe-1985, uthi: “Ndaxelelwa ukuba iibhayisekile ezinjalo zazisetyenziswa eDar es Salaam, ikomkhulu laseTanzania, ngaphambi kokufika kobu buchule kwisixeko saseMoshi, apho ndihlala khona.” Wongezelela ngelithi: “Apha yaqaliswa ukusetyenziswa ngowe-1982.”

Ifumaneka njani le bhayisekile yokulola iimela? UAndrea uthi: “Siya kumntu ekuthiwa yifundi, igama lesiSwahili elithetha ‘igcisa,’ simcele ukuba ahlomele nantoni na kwibhayisekile eqhelekileyo ngokwendlela esithanda ngayo.” Oko kusenokuthabatha malunga nosuku okanye iintsuku ezimbini.

Kutak’ Iintlantsi Yaye Umntu Uyabila!

Usuku luka-Andrea luqala ngentsimbi yesixhenxe ekuseni, xa ekhwela ibhayisekile yakhe ukuze aye kwindawo enabantu abaninzi. Xa efika apho uthi: “Iimela ziyalolwa! Iimela ziyalolwa!” Kwaye ukhenkcezisa intsimbi ehlonyelwe kwibhayisekile yakhe. Ngokukhawuleza, kuthi gqi ibhinqa efestileni. Likhwaze uAndrea lize limnike iimela ezibuthuntu. Ummelwane walo uza nesabile; yaye umchebi weenwele uza nezikere zakhe. UAndrea ukwalola amagaba, iifolo nantoni na enohlangothi lokusika.

Xa elungiselela ukuqalisa ukusebenza, uAndrea ukhangela umhlaba otyeneneziweyo aze amise ibhayisekile yakhe, aphakamise ivili langasemva. Emva koko udibanisa ibhanti lenayiloni, aze ahlale kwisitulo esijonge ivili langasemva aze aqalise ukunyawuza. Kutak’ iintlantsi yaye uyabila njengoko elola. Ngentsimbi yesithandathu xa sele kuhlwile, uAndrea uyayeka ukusebenza.

Indlela yokulola iimela kusetyenziswa ibhayisekile, ibonisa indlela abo ‘bakhutheleyo’ abanokusebenzisa ngayo ubuchule nobugcisa ukuze baziphilise, nakwiimeko ezinzima zezoqoqosho.—IMizekeliso 13:4.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share