IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 5/10 iphe. 5
  • Funa Uncedo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Funa Uncedo
  • Vukani!—2010
  • Amanqaku Afanayo
  • Indlela Onokuyeka Ngayo
    Vukani!—2000
  • Kulungele Ukumelana Nemiqobo Enokuvela
    Vukani!—2010
  • Kutheni Ufanele Uyeke Ukutshaya?
    Vukani!—2000
  • “Nawe Ungayeka—Kuba Naku Nathi Sayeka!”
    Vukani!—1998
Khangela Okunye
Vukani!—2010
g 5/10 iphe. 5

Funa Uncedo

“Ukuba ubani unokongamela omnye, ababini bekunye banokuma nxamnye naye.”—INtshumayeli 4:12.

XA KUKHO abantu abasixhasayo, sinokuloyisa utshaba—enoba luyintoni okanye lungubani. Ngoko ke ukuba ufuna ukuyeka ukutshaya ufanele ucele ukuncedwa yintsapho okanye ngabahlobo bakho—okanye naye nabani na onokukuxhasa aze abe nomonde.

Unokucinga ngokufuna abantu abakwazileyo ukuyeka ukutshaya kuba bona baza kuba novelwano baze bakuncede. UTorben ongumKristu waseDenmark uthi: “Kwandinceda gqitha ukuxhaswa ngabanye abantu.” UAbraham ohlala eIndiya yena uthi: “Uthando lokwenene olwaboniswa yintsapho nangamanye amaKristu lwandinceda ndayeka ukutshaya.” Kodwa ke, ngamanye amaxesha akwaneli ukuxhaswa yintsapho nabahlobo bethu.

Indoda egama linguBhagwandas ithi: “Nditshaye kangangeminyaka engama-27, kodwa kuthe emva kokuba ndifunde oko kuthethwa yiBhayibhile ngemikhwa engacocekanga ndagqiba kwelokuba ndiyeke. Ndaqala ngokunciphisa izihlandlo zokutshaya. Ndatshintsha abantu endandinxulumana nabo. Ndaya kufuna uncedo. Kodwa andizange ndiphumelele. Kwathi ngobunye ubusuku, ndathandaza kuYehova uThixo ndaza ndamcela ukuba andincede ndiyeke ukutshaya. Ndada ndakwazi ngolo hlobo ukuyeka!”

Enye into ebalulekileyo kukuyilungiselela kusengaphambili imiqobo oza kujamelana nayo. Yiyiphi loo miqobo? Amanqaku alandelayo aza kusichazela ngayo.

[Ibhokisi ekwiphepha 5]

NGABA UFANELE USEBENZISE AMAYEZA?

Abantu abaninzi basebenzisa inicotine patch ukuze bayeke ukutshaya. Ngaphambi kokuba usebenzise amayeza, ufanele ucinge ngale mibuzo ilandelayo:

Ziziphi iingenelo zokuwasebenzisa? Kuthiwa amayeza amaninzi anokukunceda uyeke ukutshaya ngokunciphisa amathuba okugula ngenxa yokuba uyekile. Kodwa ke, kukho amathandabuzo ngelokuba anokuqhubeka ekunceda kusini na.

Anokwenza wuphi umonakalo? Amanye amayeza anokubangela isicaphucaphu, ukudandatheka, nokucinga ngokuzibulala. Khumbula ukuba amayeza angenayo intshongo afana nje nesinye isiyobisi, abangela ezinye iingxaki kwimpilo yakho. Eneneni, umntu owasebenzisayo uselikhoboka leziyobisi.

Ziziphi ezinye izinto onokuzisebenzisa? Kolunye uhlolisiso, kuye kwafunyaniswa ukuba kubantu abakwazileyo ukuyeka ukutshaya, abangama-88 ekhulwini kubo basuke bayeka ngaphandle kokusebenzisa amayeza.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share