Kulungele Ukumelana Nemiqobo Enokuvela
“Ndenza isigqibo sokuyeka ukutshaya ngenxa yokuba ndandicinga ngempilo yosana lwethu olwalusandul’ ukuzalwa. Ngoko ndabeka umbhalo othi ‘Akutshaywa’ endlini yethu. Yathi iphela iyure yokuqala, ndabe ndifile kukunqanqatheka, ibe ndoyisakala ndaza ndatshaya.”—UYoshimitsu, waseJapan.
NJENGOKUBA sibona kumava kaYoshimitsu, kungumnqantsa ukuzama ukuyeka ukutshaya. Ngaphezu koko, uhlolisiso lubonisa ukuba bamalunga nama-90 ekhulwini abantu abaye banikezela baza babuyela kumkhwa wabo wokutshaya. Ngoko ke, unokukwazi ukuyeka ukuba uyakulungiselela ukumelana nemiqobo enokuvela. Yiyiphi eyona miqobo iqhelekileyo?
Ukunqanqathekela intshongo: Umntu udla ngokunqanqatheka kakhulu emva kweentsuku ezintathu eyekile ukutshaya kuze kuye kusiba bhetele emva kweeveki ezimbini. Omnye umntu owayekade etshaya uthi, xa uzama ukuyeka, akuhlali unqanqathekile; kodwa “kukuhlasela ngamandla ngamaxesha athile.” Noko ke, kusenokuthi sekudlule iminyaka ungatshayi, uqutyulwe kukunqanqatheka. Xa unqanqathekile musa ukungxama ngokunikezela. Ziphe nje imizuzu emihlanu, iza kudlula yonke loo nto.
Ezinye iingxaki: Xa besaqala, abantu abayeke ukutshaya baba nengxaki yokunikela ingqalelo yaye banokukhawuleza batyebe. Kwakhona basenokuba neentlungu, ukurhawuzelelwa, ukubila, ukukhohlela, ukutshintshatshintsha kweemvakalelo yaye baphelelwa ngumonde, babe nomsindo baze badandatheke. Ezinye zezi ngxaki zidla ngokuphela emva kweeveki ezine ukuya kwezintandathu.
Zikho izinto ezinokukunceda onokuzenza ebudeni beli xesha linzima. Ngokomzekelo:
● Ziphe ixesha elingakumbi lokulala.
● Wasele kakhulu amanzi okanye isiselo esibandayo. Yitya ukutya okunesondlo.
● Yenza umthambo.
● Sezela umoya uze ube nomfanekiso-ngqondweni wemiphunga yakho izaliswa ngumoya ococekileyo.
Izinto ezikwenza ufune ukutshaya: Zidla ngokuba zizinto ozenzayo okanye indlela ovakalelwa ngayo enokukwenza ukuba ufune ukutshaya. Ngokomzekelo, udla ngokutshaya xa usela. Ukuba kunjalo, njengoko uzama ukuyeka ukutshaya, musa ukuthatha ixesha elide xa usela. Ekuhambeni kwexesha uza kude ukwazi ukusela ungangxamanga.
Zikho nezinye izinto onokuhlala ucinga ngazo naxa sele kudlule ixesha elide ungayisebenzisi intshongo. UTorben uthi: “Nangona sele kudlule iminyaka eli-19 ndiyekile ukutshaya, isekho indawo enqanqathekayo xa ndiphunga ikofu.” Kodwa ke, ekuhambeni kwexesha kuyaphela ukuthi xa usenza izinto ezithile ufune ukutshaya.
Kodwa kona ukusela utywala kwahlukile. Eneneni, ngoxa usazama ukuyeka ukutshaya, kusenokufuneka ungabuseli utywala uze ungayi nakwiindawo ezibuthengisayo kuba abantu abaninzi badla ngokuphinda batshaye xa besela. Kutheni kunjalo nje?
● Ukusela nje intwana yotywala kwenza ufune ukutshaya.
● Abantu badla ngokutshaya xa besela nabahlobo babo.
● Ukusela utywala kwenza ungacingi kakuhle uze ungakwazi ukuzibamba. Kufanelekile ke ngoko ukuba iBhayibhile ithi: ‘Iwayini isusa intshukumisa elungileyo.’—Hoseya 4:11.
Abahlobo nabantu abakungqongileyo: Bakhethe ngobulumko. Ngokomzekelo, ufanele ukuphephe ukuthi unganyanzelekanga ube kunye nabantu abatshayayo okanye abasenokukunika icuba. Kwakhona umele ukuphephe ukuba kunye nabantu abahlekisa ngemigudu yakho yokuyeka icuba.
Iimvakalelo: Kolunye uhlolisiso kwafunyaniswa ukuba malunga nesibini kwisithathu sabantu ababekhe bayeka, baphinda batshaye ngenxa yokuxinezeleka okanye ukuba nomsindo. Ukuba ukuvakalelwa ngendlela ethile kukwenza ufune ukutshaya, khawuzilibazise—mhlawumbi ngokusela amanzi, ukuhlafuna itshungama okanye ukhe uthi chu ubethwe ngumoya. Zama ukucinga ngezinto ezakhayo, mhlawumbi ngokuthandazela uncedo lukaThixo okanye ufunde iindinyana ezimbalwa zeBhayibhile.—INdumiso 19:14.
Amazwi Okuzithethelela Omele Uwaphephe
● Ndiza kuthi mpaku mpaku nje kube kanye.
Inyaniso: Umpaku mpaku nje ongephi unokwanelisa izivamvo zentshongo ezisebuchotsheni bakho ezingama-50 ekhulwini kangangeeyure ezintathu. Loo nto ke, iye ibangele ukuba umntu abuyele ekutshayeni.
● Ukutshaya kundinceda kakhulu xa ndixinezelekile.
Inyaniso: Uhlolisiso lubonisa ukuba intshongo ikwenza uxinezeleke kakhulu. Kuba ngathi kuphelile ukuxinezeleka kodwa loo nto iyadlula.
● Kudala ndatshaya andinakuba sayeka.
Inyaniso: Ukuphelelwa lithemba kungakwenza ungafuni ukuyeka. IBhayibhile ithi: “Ngaba uzibonakalise udimazekile ngomhla wokubandezeleka? Uya kuphelelwa ngamandla.” (IMizekeliso 24:10) Ngoko ke kuphephe ukucinga ukuba akunakuze uphumelele. Nabani na okufunayo ukuyeka nosebenzisa imigaqo efana nale ichazwe kweli phephancwadi unako ukuphumelela.
● Andinakukwazi ukunyamezela ukugula ngenxa yokuba ndiyekile ukutshaya.
Inyaniso: Kuba nzima kakhulu kodwa emva kweeveki ezimbalwa kuza kuba bhetele. Milisela ingqondo yakho kule nto ufun’ ukuyenza. Ukuba uyanqanqatheka kwakhona emva kweenyanga okanye iminyaka uyekile, noko kuza kudlula emva kwemizuzu embalwa—ukuba akunikezeli.
● Ndigula ngengqondo.
Inyaniso: Ukuba unyangelwa isigulo sengqondo esifana nodandatheko okanye ischizophrenia, yiya kugqirha ukuze akuncede uyeke ukutshaya. Unokuzimisela ukukunceda, mhlawumbi ngokutshintsha amayeza owasebenzisayo ukuthintela nantoni enokwenzeka kuwe ngenxa yesigulo sakho namayeza owasebenzisayo ngoku.
● Ukuba ndiyanikezela ndiya kuziva ngathi ndoyisiwe.
Inyaniso: Ukuba uyanikezela uze utshaye—into eyenzeka kubantu abaninzi abazama ukuyeka ukutshaya—ungalahli ithemba. Qhubeka nemigudu oyenzayo. Ukunikezela akuthethi ukuba woyisiwe. Uza kube woyisiwe xa uqhubeka nokutshaya. Ngoko qhubeka nemizamo yakho. Ekugqibeleni uza kuphumelela!
Cinga ngoRomualdo otshaye kangangeminyaka engama-26 nosele eneminyaka engaphezu kwengama-30 eyekile. Ubhala athi: “Andizazi ukuba zingaphi izihlandlo endanikezela ngazo. Ndandizisola ndicinga ukuba andinakuze ndiphumelele. Kodwa kwathi emva kokuba ndizimisele ukuba nolwalamano oluhle noYehova uThixo, ndimana ukumcela ukuba andincede, ndakwazi ukwahlukana nalo mkhwa.”
Kwinqaku lokugqibela kolu ngcelele lwamanqaku, siza kuhlola amacebiso anokusinceda sonwabe xa sahlukene nokutshaya.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 7]
LIYABULALA NOKUBA LINJANI NA
Icuba lisetyenziswa ngeendlela ezahlukahlukeneyo. Ezinye izinto ezinecuba zithengiswa kwiivenkile ezithengisa ukutya okusempilweni nakwiivenkile zamayeza. Sekunjalo, iWorld Health Organization ithi, “zonke iintlobo zecuba ziyabulala.” Unokufa ngenxa yezifo ezibangelwa licuba ezifana nomhlaza okanye isifo sentliziyo. Oomama abatshayayo banokubenzakalisa abantwana babo abangekazalwa. Icuba lidla ngokufumaneka kweziphi izinto?
Ibidis: Eli licuba elincinane nelibotshwa ngezandla yaye lidla ngokusetyenziswa kumazwe aseAsia. Linomlinganiselo owongezelelekileyo wetar, wentshongo nowecarbon monoxide kunalowo uba kwicuba eliqhelekileyo.
Iicigar: Zidla ngokubotshwa ngegqabi lecuba okanye ngephepha elenziwe ngecuba. Ngenxa yokuba zona zinealkaline zenza ukuba intshongo ingene emlonyeni nokuba uyibeke nje emlonyeni akutshayi kanti akunjalo ngecuba elineasidi.
Iikretek okanye icuba elinongiweyo: Lidla ngokuba nomlinganiselo ongama-60 ekhulwini wecuba nomlinganiselo ongama-40 ekhulwini wesinongo. Linomlinganiselo owongezelelekileyo wetar, wentshongo nowecarbon monoxide kunalowo uba kwicuba eliqhelekileyo.
Inqawa: Ukutshaya inqawa kuyafana nokutshaya icuba kuba zombini zibangela umhlaza nezifo ezifanayo.
Icuba elingenamsi: Liquka elihlafunwayo, igwada negutkha enongiweyo esetyenziswa eMzantsi-mpuma Asia. Intshongo ingena kwimithambo yegazi emlonyeni. Ukusebenzisa icuba elingenamsi kuyafana nokusebenzisa ezinye iintlobo zecuba, zonke ziyingozi.
Iiwater pipes (ibongs, ihookahs, inarghiles, ishishas): Ezi zixhobo zenza ukuba icuba liqale lidlule emanzini ngaphambi kokuba lingene emzimbeni. Nakuba sisebenza ngolo hlobo, asiyiphunguli ityhefu nezinto ezibangela umhlaza ezingena kwimiphunga yethu.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 8]
UKUNCEDA OMNYE UMNTU AYEKE UKUTSHAYA
● Mncome. Ukumncoma kumnceda ngaphezu kokusoloko umngxolisa. Kubhetele ukuthi, “Unako ukuphumelela phinda uzame” kunokuthi, “Woyisiwe kwakhona!”
● Mxolele. Kubethe ngoyaba ukuba nomsindo komntu ozama ukuyeka ukutshaya. Yiba nobubele xa uthetha naye, mhlawumbi uthi: “Ndiyazi ukuba kunzima kodwa wenza kakuhle.” Ungaze uthi: “Ubuthandeka ngoku ubutshaya!”
● Yiba ngumhlobo wokwenene. IBhayibhile ithi: “Iqabane lokwenyaniso lithanda ngamaxesha onke, yaye lingumzalwana ozalelwe ixesha lokubandezeleka.” (IMizekeliso 17:17) Yiba nomonde uze umthande “ngamaxesha onke” umntu ozama ukuyeka ukutshaya—enoba kunini okanye lo mntu uvakalelwa njani.