Oko Kuthethwa Ngabantu
EFransi “AmaNgqina kaYehova ngabemi abahlonela imithetho yale Riphabliki. . . Awaphazamisani nocwangco ekuhlaleni. Ayasebenza, ahlawula irhafu, aphucula imeko yezoqoqosho kwilizwe lethu yaye adlulisela izipho kwimibutho yokucel’ amalizo. Yintw’ entle ukubona aba bantu baziintlanga ezahlukahlukeneyo behlanganisene kunye beseluxolweni. . . Ukuba wonk’ umntu ebeliNgqina likaYehova thina mapolisa besiya kuphelelwa ngumsebenzi.”—Isithethi sombutho wamapolisa eFransi.
EUkraine “AmaNgqina kaYehova afundisa abantwana bawo indlela yokuziphatha. Afundisa abantwana bawo ukuba baphephe indlela yokuziphatha, indlela yokwenza izinto nesimo sengqondo esijongwa njengesiqhelekileyo namhlanje kodwa esinokuba yingozi kubo nakwabanye abantu. Ngoko ke, alumkisa abantwana bawo ngeengozi zokusebenzisa iziyobisi, icuba notywala. Ayayiqonda indlela ekubaluleke ngayo ukunyaniseka nokusebenza nzima. . AmaNgqina kaYehova afundisa abantwana bawo indlela yokuziphatha, ukuhlonela abasemagunyeni, abanye abantu nezinto zabo nokuthobela umthetho.”—Incwadi ethi The History of Religion in Ukraine uNjingalwazi uPetro Yarotskyi owayengumhleli wayo.
EItali “Abantu abangamawaka amathathu bahleli bathe cwaka eOlympic Stadium . . . Akukho nkunkuma yaye akungxolwa. Loo nto ndiyibone izolo eOlympic Stadium. . . . Akuthukwana, akutshaywa yaye akukho zitoti [zeziselo] zithe saa. Ubona nje abantu abatyhila iiBhayibhile, ababhala amanqaku nabantwana abahleli phantsi bezolile.”—UL’Unità, unikela ingxelo ngendibano yamaNgqina kaYehova eseRoma.
EBritani “Umdikoni omkhulu waseCheltenham wathi [iCawa yaseNgilani] ifuna iqela labantu abazinikeleyo abahamba betyelela abantu njengamaNgqina kaYehova.”—IThe Gazette, Gloucester Diocese.
ENetherlands Abantu abahlala kufutshane neHolo yoBukumkani kwisixeko saseLeeuwarden babhalela amaNgqina ileta ethi: “Sifuna ukunincoma ngegalelo eniye naba nalo ekuyenzeni ibukeke iNoorderweg [iNoorder Road]. Nisoloko ninxiba kakuhle yaye ninesimilo. Abantwana banesimilo, abantu abadala abamisi iimoto zabo kwiindawo abangamele bamise kuzo, abalahli nkunkuma ezitratweni yaye indlela engakwiHolo yoBukumkani isoloko ibeth’ umoya. Sinethemba lokuba niza kuhlala ningabamelwane bethu kuba siyakuvuyela kakhulu ukuba nabamelwane abanjengani.”
EMexico UElio Masferrer ongunjingalwazi nomphengululi weNational School of Anthropology and History uthi, amaNgqina ancede abantu “abaneengxaki ezinkulu kwiintsapho zabo njengokudlwengulwa, ukuxhatshazwa entsatsheni, ukuba likhoboka lotywala neziyobisi.” Uthi: “Iimfundiso zamaNgqina zibenza babe nesidima abantu ababekade bezijongela phantsi yaye bayakwazi ukuphila bengenazingxaki zinkulu ngenxa yokuba besenza izinto ezikholisa uThixo.”—Iphephandaba iExcélsior.
EBrazil Elinye iphephandaba lathi: “Iyamangalisa indlela amaNgqina kaYehova alungelelene ngayo. Iindawo ahlanganisana kuzo zisoloko zicocekile. Zonke izinto zilungelelaniswe kakuhle. . . . Xa ziphela iindibano zawo, loo ndawo ayishiya icoceke ngaphezu kokuba ibinjalo. Abantu bayazola xa kunikelwa iintetho. Ngabantu abanesimilo kuphela abalapha. . . . Lunqulo olulungelelene ngokwenene olu. Bayakwazi ukuba kuthetha ukuthini ukunqul’ uThixo.”—IComércio da Franca
AmaNgqina kaYehova akholelwa ekubeni nguMdali oyaziyo imigaqo abamele baphile ngayo abantu. (Isaya 48:17, 18) Ngoko amaNgqina kaYehova azukisa yena xa enconywa ngabantu ngenxa yendlela aziphethe ngayo. UYesu wathi: “Malukhanye ngokunjalo ukhanyiselo lwenu phambi kwabantu, ukuze babone imisebenzi yenu emihle baze bazukise uYihlo osemazulwini.”—Mateyu 5:16.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 4]
“AmaNgqina kaYehova afundisa abantwana bawo indlela yokuziphatha . . . nokuthobela umthetho”
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 5]
“. . . Abantu abaziintlanga ezahlukahlukeneyo behlanganisene kunye beseluxolweni . . . ”