IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 8/10 iphe. 6-7
  • Imibuzo Edla Ngokubuzwa

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imibuzo Edla Ngokubuzwa
  • Vukani!—2010
  • Amanqaku Afanayo
  • AmaKristu Nebutho Labantu Namhlanje
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • Ngaba AmaNgqina KaYehova Alihlelo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
  • Ukwaziwa Ngehambo Yethu
    AmaNgqina KaYehova—Abavakalisi Bobukumkani BukaThixo
  • AmaNgqina KaYehova
    Ukuqiqa NgeZibhalo
Khangela Okunye
Vukani!—2010
g 8/10 iphe. 6-7

Imibuzo Edla Ngokubuzwa

Kutheni abanye abantu bethetha kakubi ngamaNgqina KaYehova?

Abantu abaninzi abayazi inyaniso ngoko amaNgqina kaYehova akukholelwayo. Abanye basenokungawuthandi umsebenzi wamaNgqina wokushumayela. Enyanisweni amaNgqina awenza lo msebenzi kuba ethanda abamelwane bawo, esazi ukuba, “wonk’ ubani obiza egameni likaYehova uya kusindiswa.”—Roma 10:13.

Ngaba AmaNgqina KaYehova Angamaprotestanti, Abaxhasi Bobufandamentali, Okanye Alihlelo?

AmaNgqina kaYehova angamaKristu, kodwa awangawo amaProtestanti, engengawo namaKatolika, ngenxa yesizathu esinye—ayazi ukuba zombini ezi cawa zineemfundiso ezithile ezingasekelwanga ezibhalweni. Ngokomzekelo, iBhayibhile ayifundisi ukuba uThixo—osisimntwiso sothando—uthuthumbisa abantu ngonaphakade esihogweni somlilo. Ayifundisi nokuba abantu banomphefumlo ofayo okanye amaKristu afanele abandakanyeke kwezobupolitika.—Hezekile 18:4; Yohane 15:19; 17:14; Roma 6:23.a

IWorld Book Encyclopedia ithi: “Ubufandamentali liqela eliqhekeke kumaProtestanti eUnited States.” Eminye imibutho yobufandamentali “iye yamkela izikhundla ekuhlaleni nakwezobupolitika, isithi oko kusekelwe eBhayibhileni.” AmaNgqina kaYehova awakwenzi oko. Njengokuba bekusele kutshiwo, awabandakanyeki kwezopolitiko yaye awanyanzeli iimbono zawo ebantwini esebenzisa ezopolitiko okanye ezinye iindlela. Kunoko ayancokola nabantu, ngokuqhelekileyo nomntu omnye ngexesha, eqiqa naye aze ameyisele, ngaloo ndlela exelisa amaKristu amandulo.—IZenzo 19:8.

Ihlelo liqela eliqhekeka kunqulo oluthile lize lizimisele olwalo unqulo olutsha. AmaNgqina kaYehova akaqhekekanga nakweyiphi na icawa. Akalohlelo.

Yintoni eyenziwayo kwiintlanganiso zamaNgqina?

Kwiintlanganiso zawo ekwamkeleke nabani na kuzo, kufundwa iBhayibhile yaye abaphulaphuli bavumelekile ukuba babe nenxaxheba kuzo. Enye yeentlanganiso zawo ezibakho veki nganye, iSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo sinceda amalungu ebandla abe nobuchule bokufundisa, bokufunda nobokwenza uphando. Enye intlanganiso, yintetho esekelwe eBhayibhileni yemizuzu engama-30 enomxholo osenokubangel’ umdla ngokukodwa kubantu abangengomaNgqina. Ngokuqhelekileyo le ntetho idla ngokulandelwa kukufundwa kweBhayibhile kusetyenziswa iphephancwadi iMboniselo. Iintlanganiso ziqala zize ziqukunjelwe ngengoma nomthandazo yaye akungqitywa okanye kuhanjiswe isitya senkongozelo.—2 Korinte 8:12.

AmaNgqina kaYehova axhaswa njani ngokwemali?

Umsebenzi wawo uxhaswa ngeminikelo yokuzithandela. AmaNgqina awahlawulisi ngokubhaptiza, ukutshatisa, ukungcwaba okanye ukwenza ezinye izinto zonqulo. Awanikeli nangezishumi. Nabani na ofuna ukunikela unokukwenza oko kwibhokisi yokunikela eseHolweni yoBukumkani. AmaNgqina kaYehova ayazivelisela uncwadi lweBhayibhile alusebenzisayo, nto leyo enciphisa iindleko yaye uninzi lweeHolo zoBukumkani namasebe lwakhiwa ngamatsha-ntliziyo.

Ngaba amaNgqina kaYehova ayalwamkela unyango lwezamayeza?

Ewe ayalwamkela. Afunela wona nezalamane zawo olona nyango lusemgangathweni. Ukongezelela, amaNgqina amaninzi angoomongikazi, ngabanikeli boncedo lokuqala, ngoogqirha noogqirha abenza utyando. Noko ke, amaNgqina kaYehova ayala ukutofelwa igazi. IBhayibhile ithi: ‘Zikhwebuleni . . . egazini.’ (IZenzo 15:28, 29) Okubangel’ umdla kukuba, liya lisanda inani loogqirha abagqala unyango olwenziwa ngaphandle kwegazi njengolona nyango luphumelelayo kuba lubanceda baphephe iingxaki ezininzi ezinokubangelwa kukusetyenziswa kwegazi.

[Umbhalo osemazantsi]

a Imbono yeBhayibhile ngalo mxholo nangeminye ebalulekileyo iyafumaneka kwincwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 7]

IDOLOPHU EKUVISISWANAYO KUYO

Idolophu yaseBejucal de Ocampo ekumzantsi waseMexico yahlukile nje kancinane kunezinye iidolophu. Ngokutsho kwephephandaba iExcélsior, “uninzi lwabantu abahlala kule dolophu ngamaNgqina kaYehova,” ibe yongezelela isithi: “Kukho ukuvisisana phakathi kweecawa norhulumente. . . . Kunokuba abantu balapho baye ezindywaleni baze batshaye, bayacula baze bafunde iBhayibhile. Bayawahlonela namagunya.”

Nangona kukho iicawa ezininzi kule dolophu, ngokutsho kweli phephandaba “akakabikho amadabi onqulo okanye ukuxambulisana.” Liphinde lithi: “Abazontshaba abantu balapho yaye into yokuba kubekho iicawa ezahlukahlukeneyo ayenzi ukuba abamelwane bangabulisani. . . . Ntsapho nganye ikhonza ngokukhululekileyo ecaweni yayo yaye oko akubangeli ukuba bangakwazi ukuhlala ngoxolo. Akukho mntu imothusayo into yokuba kukho amaNgqina kaYehova amaninzi eBejucal.” Enye ititshala engeloNgqina efundisa kwisikolo samabanga aphezulu yathi abantwana bawo ‘banxiba kakuhle, bayaphumelela esikolweni yaye banesimilo eklasini.’

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share