“Ubusoloko Unomoya Omhle”
● UCamila unesifo seanemia, unengxaki yemithambo-luvo yaye akakhuli kakuhle. Ngenxa yoko, xa wayeneminyaka esibhozo ubudala wayenobude obuziisentimitha ezingama-75 kuphela. Abazali bakaCamila abangamaNgqina kaYehova bahamba naye xa babesiya kwingqungquthela yoogqirha eyayibanjelwe kwidolophu abahlala kuyo eArgentina. Bahlala kwindawo eyayijongene nesithethi yaye kwakukho abantu abangama-500.
Ebudeni bale ngqungquthela isithethi esingugqirha salatha kuCamila sizama ukubonisa umzekelo womntu osempilweni. Singazi ukuba le ntwazana ingakanani nokuba iyagula, sabuza: “Lungakanani olu sana?”
“Uneminyaka esibhozo,” waphendula watsho uMarisa, unina kaCamila.
“Uthi uneenyanga ezisibhozo?” wabuza ugqirha.
UMarisa wamqinisekisa wathi: “Hayi, uneminyaka esibhozo.”
Emangalisiwe, lo gqirha wabiza unina nentombi yakhe eqongeni ukuze ababuze imibuzo embalwa. Emva kokuba uMarisa emchazele ngohlolisiso oogqirha abaye balwenza kuCamila nonyango aye waluzama, ugqirha wathi: “Kukho oomama abakhaliswa nje yinto yokuba abantwana babo benomkhuhlane. Kodwa emva kweminyaka esixhenxe nisebenzisa unyango olwahlukahlukeneyo yaye nisenza konke okusemandleni enu ukuze nincede uCamila, ubusoloko unomoya omhle. Ukwenze njani oku?”
Ephendula lo mbuzo, uMarisa wachazela abaphulaphuli ngethemba lakhe elisekelwe eBhayibhileni lehlabathi elitsha apho ukugula, ukubandezeleka nokufa kuya kupheliswa. (Isaya 33:24; ISityhilelo 21:3, 4) Ekugqibeleni, uMarisa wathetha ngabazalwana abasehlabathini lonke abangamaNgqina kaYehova waza wachaza nangendlela uthando abanalo olubanceda ngayo bakwazi ukujamelana nezilingo nezinye iingxaki ezivelayo ebomini.—Yohane 13:35.
Emva kwengqungquthela, elinye ibhinqa laza kuMarisa laza lamcela ukuba alichazele okungakumbi ngezinto awayethethe ngazo. Eli bhinqa lalinomnqweno wokufunda, lavuma ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile sesisa esiqhutywa ngamaNgqina kaYehova ehlabathini lonke nabantu abafuna ukwazi iBhayibhile nenjongo kaThixo ngoluntu.
[Umfanekiso okwiphepha 25]
UCamila oneminyaka esibhozo ubudala kunye nonina uMarisa