IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w90 1/1 iphe. 7
  • ‘Ukuvutha Emoyeni’ EMexico

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • ‘Ukuvutha Emoyeni’ EMexico
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukusuka Kudandatheko Ukusa Kulonwabo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
  • Indlela Abantwana Abawutshintsha Ngayo Umtshato
    Ninako Ukonwaba Entsatsheni
  • “Laye Liya Likhula Ilizwi LikaThixo”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
  • Ukwamkelwa Kweendaba Ezilungileyo EBelgium
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
w90 1/1 iphe. 7

Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa

‘Ukuvutha Emoyeni’ EMexico

“ILIZWE lonke libonakala ukuba liyavutha yaye liyashukuma ngumsebenzi.” Ibhala njalo iofisi yesebe yeWatch Tower Society eMexico, ibe hayi indlela ayinyaniso ngayo loo magqabaza! Umsebenzi obangela intshukumo ethile kwelo lizwe ungqinwa sisibakala sokuba ngoAgasti, bekukho iincopho ezilandelelanayo zenyanga neenyanga ezingama-70, zibangela ulwando olukhulu lwabavakalisi abangama-277 436. Ukongezelela, kuye kwanikelwa ingxelo yezifundo zeBhayibhile ezingaphezu kwama-400 000, yaye uziwo kwiSikhumbuzo kunyaka odluleyo lwafikelela isi-1 046 291. Esinjani sona isiseko solwando lwexesha elizayo!

Imbalasane yowe-1989 yaba yinguqulelo kwimeko yamaNgqina kaYehova aseMexico. Ngenxa yoko, iBhayibhile yaba nako ukusetyenziswa kumsebenzi wokushumayela kwindlu ngendlu okwesihlandlo sokuqala, ibe iintlanganiso zaba nako ukuvulwa ngomthandazo. Oku kwaba nomphumo okhawulezayo. Kwiinyanga nje ezimbini, inani labavakalisi lantinga ngenani elingaphezu kwe-17 000.

Uvuyo lwabazalwana ngale nkqubela lubonwa kumagqabaza abo. Omnye wabhala oku: “Xa kwafundwa ileta ebandleni, yaphazanyiswa kukuqhwatywa kabini kwezandla ngokuzenzekelayo. Yayibangela imincili!” Omnye wathi: “Sasingenako ukuzibamba iinyembezi zemivuyo. Imiphumo iye yabonakala kubambo xesha olulunge ngakumbi. Ngamnye ufuna ukuba abekho kumthandazo wokuvula.”

Elinye iNgqina lathi: “Kwintsimi yommandla wethu, umfazi okhutheleyo kucwangciso lwezifundo zeBhayibhile kwiCawa yamaKatolika wagqabaza esithi: ‘Ukuba ngaphambili ngamagqabaza nje abo kwakunye namaphephancwadi abo, [angamaNgqina] basishiya singenanto yakuthetha, ekubeni ngoku bezivula iBhayibhile kwiminyango yethu, kuphelile ngathi!’”

AmaNgqina kaYehova eMexico akwagxininisa ekunikeleni ubungqina obungacwangciswanga esebenzisa iBhayibhile. Omnye udade wathetha nelinye ibhinqa elambuza oko wayekucinga ngokuqhomfa. INgqina laphendula lathi: “Oko ndikucingayo akubalulekanga ngaphezu koko iBhayibhile ikutshoyo.” Emva kokufunda iZibhalo eziliqela, udade waqiqa ngolu hlobo: “KuMdali ubomi bubaluleke gqitha, nkqu nobomi babo bangekazalwa.”

Landula ke elo nenekazi lavuma ukuba lalilindele ukufumana umntwana walo wokuqala, kodwa uhlolisiso lukagqirha lwalubonise ukuba umntwana uya kuba sisilima. Ugqirha wakhe wafuna ukuba aqhomfe ibe indoda yakhe yavumelana noko, kodwa lona inenekazi ngokwalo lalingaqinisekanga. Umvakalisi waqiqa nalo ngokubhekele phaya ngokuphuma eBhayibhileni, wamnika igama lakhe, bandula ke bahlukana.

Kwiminyaka emihlanu kamva kwindibano yesithili, isibini esasinomtwana oneminyaka emibini ubudala safuna ukubona loo dade kunye nomyeni wakhe. Yayikwalela bhinqa! Kwakwenzeke ntoni? Emva kwencoko neNgqina, umfazi wagqiba ekubeni aluzale usana lwakhe. Ugqirha wakhe wala ukuphinda ambone, ibe indoda yakhe yade yamsongela ngokumshiya ukuba olo sana lwalunokuzalwa lusisilima. Xa lathi lafika ithuba lokuzalwa kwalo, wasuka nje wayakufuna uncedo kugqirha wokuqala awayenokuthi amfumane.

Ngokukhawuleza emva kokuba usana luzelwe, ugqirha wathi: “Sivuyisana nawe, mama! Ufumene intwazana ethandekayo.” Engakukholelwa oko wayekuva, wamcela ukuba amhlole umntwana ngenyameko. Wandula ke wambalisela ibali lakhe. Ugqirha wayenokuthi nje kuphela: “Lo ngummangaliso.” Umfazi wayenemincili kuba waba nenkalipho yokuba ahlonele imbono kaYehova engobungcwele bobomi, ibe wamthiya umntwana wakhe omhle nosempilweni ngegama laloo dade. Kungekudala akuba omelele, wafuna amaNgqina waza waqalisa ukufundisisa kunye nawo. Kungaphelanga nomnyaka, yena nendoda yakhe babhaptizwa.

Umpostile uPawulos wabongoza esithi: “Mayela nomoya lo, vuthani; mayela neNkosi le khonzani.” (Roma 12:11) AmaNgqina kaYehova aseMexico, ngokufana namaKristu okwenyaniso akwezinye iindawo, asabela ngentliziyo yawo iphela kwesi sibongozo. Kungoko lonke elo lizwe livutha yaye lishukuma kwimisebenzi yokomoya. Hayi indlela uYehova abasikelela ngokutyebe ngayo abakhonzi bakhe abathembekileyo!

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share