IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 11/12 iphe. 16-17
  • Idada Elingqoqo—Elintyiloza Kamnandi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Idada Elingqoqo—Elintyiloza Kamnandi
  • Vukani!—2012
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Lineentsholo ezahlukahlukeneyo xa lintyiloza
  • Lithi Ndijonge, Lenza Amatshe Liphinde Lihambe Nzima
  • Ungaphumelela Ukukhulisa Abantwana Nakuba Uwedwa!
    Vukani!—2012
  • Ukondla Nokunyamekela Izilwanyana
    Vukani!—2005
  • Xa Iintaka Zingqubeka Kwizakhiwo
    Vukani!—2009
Vukani!—2012
g 11/12 iphe. 16-17
[Umfanekiso okwiphepha 16 and 17]

Idada Elingqoqo—Elintyiloza Kamnandi

BAMBALWA abantu abanokuyilabala intsholo emyoli yedada elingqoqo ekuthiwa yicommon loon.a Xa eyedwa nje endle, umntu unokuva intsholo iphuma kumachibi amanzi angcwengileyo nakwimilambo yaseKhanada, eYurophu nakumantla eUnited States.

Eli dada lihle kangaka, lijizekwe ngokuba yintaka yesizwe kwiphondo laseMinnesota, eUnited States, yaye ingqekembe yedola yaseKhanada kuthiwa yiloonie kuba inomfanekiso walo. Eli dada liyafuduka lize lichithe ixesha elininzi lasebusika kwiindawo ezikunxweme olusemazantsi. Yintoni ebangela ukuba eli dade lintyiloze kamnandi?

Lineentsholo ezahlukahlukeneyo xa lintyiloza

Apha iyacula

Linezandi ezingayiwayo zokucula. Ebusuku ungeva ukuntswina kwalo usekude ngomgama weekhilomitha kulo. Liyakwazi nokundumzela, xa linxibelelana neqabane, amantshontsho, namanye amadada elinawo echibini. Linexesha lokungcangcazelisa ilizwi. Olu hlobo lwengxolo alwenza kuphela xa endiza.

Ngokutsho kweBirdWatch Canada kukho nengxolo eyenziwa yinkunzi kuphela xa “ibanga ummandla othile njengowayo.” “Nkunzi nganye inendlela ekhala ngayo, xa eli dada lilikhulu, ilizwi liba phantsi.” Eli phephancwadi lithi, xa inkunzi “ifudukela komnye ummandla, iphinda itshintshe ilizwi layo,” yaye “iyaqinisekisa ukuba liyahluka kwelo ibinalo ngaphambili.”

Lithi Ndijonge, Lenza Amatshe Liphinde Lihambe Nzima

Eli dada linentloko emenyezelayo ephantse ibe mnyama buluhlaza namehlo amade abomvu nomlomo otsolo omnyama. Umbala wayo udla ngokutshintsha ngokwamaxesha onyaka.

Ngenxa yezo nyawo zalo, liyindadi ebalaseleyo etshebeleza lula ukuntywila nokuzingela emanzini. Eneneni, linokuntywila de liyo kutsho kumgama weemitha ezingama-60, maxa wambi lihlale imizuzu eliqela phantsi kwamanzi!

Noko ke, kuba nzima xa kufuneka liphakame libhabhe okanye xa kufuneka lehle lihlale phantsi! Ngenxa yobunzima bayo, le ntaka kufuneka ifumane “umgama omde wokubaleka” ukuze ikwazi ukuphakama ibhabhe, maxa wambi ibaleke emanzini kangangamakhulu eemitha. Ngoko ke, le ntaka ikhetha ukuhlala kwiindawo ezinamanzi amaninzi. Xa iza kuhlala phantsi, yehla ngesantya esiphezulu ithe naa imilenze ngasemva, kanye oku kwenqwelo-moya engavulanga mavili xa iza kuchopha. Emva koko iye ithi phaxa ngesisu emanzini itshitshilize de ime.

Nakuba iyincutshe yokudada, iinyawo zayo ezinkulu, imilenze eneenzwane ezidibeneyo nengasemva yenza kube nzima gqitha ukuhamba nkqu nokuma. Oku kubangela ukuba ezi ntaka zakhele iindlwana zazo ecaleni kwamanzi.

Intshontsho leloon liphumle emqolo

Imazi nenkunzi ziyancedisana ekufukameleni amaqanda (adla ngokuba mabini), anombala ongqoqo. Aqanduselwa emva kweentsuku ezingama-29. Xa eneentsuku ezimbini ubudala, amantshontsho aba sele ekwazi ukudada nokuntywila. Xa ediniwe, aye akhwele emqolo kuyise okanye unina. Emva kweenyanga ezimbini nezintathu, xa amantshontsho ekwazi ukubhabha aye abashiye abazali.

Iintshaba zale ntaka lukhozi, ingabangaba, amachelesi, lize—olona lukhulu—ibe ngabantu. Amaqhogi okuloba enziwe ngelidi nokuchithwa kweoli emanzini kuyazityhefa ezi ntaka. Iimvula ezineasidi ziyalicutha inani leentlanzi ephila ngazo le ntaka. Amaza alwatyuziswa ziinqanawa ayazonakalisa iindlwana zezi ntaka. Ukwakhiwa kwezindlu kumanxweme kuyazigxotha ezi ntaka kwiindawo ezizalela kuzo.

Phezu kwazo nje ezi ngxaki, ezi ntaka zisanda yaye zisempilweni. Ngoko ke, le ntaka intle kangaka nengumlonji ojikajika ilizwi iseza kuqhubeka isonwabisa abathandi beentaka kangangeminyaka.

a Ikwabizwa ngokuba yincutshe yokuntywila neyona loon inkulu emantla.

INYANISO NGELOON

Ubude: Imalunga nemitha ukusuka emlonyeni ukusa kwimilenze yayo xa inatyiselwe ngasemva

Amaphiko: Afikelela kwiisentimitha ezili-140 xa ethe naa

Ubunzima: Ngokuqhelekileyo buba ziikhilogram ezimalunga nesine kodwa zinokude zifikelele kwezintandathu

Uphahla lwamathambo: Ineqela lamathambo omeleleyo (ngokwahlukileyo kumathambo ezinye iintaka), abangela ukuba ibe nzima ngakumbi kodwa ayinceda xa intywila

Isantya sokubhabha: Malunga neekhilomitha ezili-120 ngeyure xa ifuduka

Ukutya: Ithanda intlanzi kodwa itya neekreyifishi, amasele, iilitshi, amacilikishe, iinkumba nezinye izilwanyana zasemanzini

Page 16, loon landing: Spectrumphotofile; page 17, loon chick: © All Canada Photos/SuperStock; loon vocalizing: © Roberta Olenick/age fotostock

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share