IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g 7/14 iphe. 7
  • Ukulahlekelwa Ngumntu Wakho Omthandayo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukulahlekelwa Ngumntu Wakho Omthandayo
  • Vukani!—2014
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • UKUNYAMEZELA INTLUNGU
  • Xa Kusehla Iintlekele
    Vukani!—2014
  • Ezona Zinto Zinokunceda Abantu Abakwintlungu Yokuswelekelwa
    Vukani!—2018
  • Uncedo Lwabo Bafelweyo
    Vukani!—2011
  • Indlela Yokunyamezela Intlungu Yokufelwa
    Vukani!—2011
Khangela Okunye
Vukani!—2014
g 7/14 iphe. 7
Ingozi yemoto ebulalayo

INQAKU ELINGUMXHOLO | INDLELA ONOKUNYAMEZELA NGAYO XA KUSEHLA IINTLEKELE

Ukulahlekelwa Ngumntu Wakho Omthandayo

URonaldo, waseBrazil, wafumana ingozi yemoto eyabulala amalungu amahlanu entsapho yakhe, kuquka umama notata wakhe. Uthi: “Ndandisesibhedlele kangangeenyanga ezimbini ngaphambi kokuba ndive ngokufa kwabo kuloo ngozi yemoto.”

URonaldo

“Ekuqaleni ndandicinga ukuba kuyaxokwa xa kusithiwa bafile. Ndazibuza, bangafa njani bonke? Xa ndaqondayo ukuba le yinyani, ndothuka. Zange ndaba kwintlungu enje. Njengoko ixesha lihamba, ndavakalelwa kukuba ubomi abonwabisi ngaphandle kwabo. Ndandikhala ntsuku zonke kangangeenyanga! Ndazicaphukela ngenxa yokuvumela omnye umntu aqhube la moto, kuba ukuba kwakuqhuba mna, mhlawumbi ngebesaphila.”

“Sekudlule iminyaka elishumi elinesithandathu, yaye ndiye ndabuyela esiqhelweni. Noko ke intlungu yokufa kwabo indishiye ndinenxeba elinzulu entliziyweni.”

UKUNYAMEZELA INTLUNGU

Lila xa usentlungwini. IBhayibhile ithi, “kukho ixesha lokulila.” (INtshumayeli 3:1, 4) URonaldo uthi: “Xa ndifuna ukulila ndandilila. Ukubamba iinyembezi akuncedi, kunoko xa ulila kutsho kuthi qabu.” Kakade ke, asilili ngendlela efanayo. Ukuba ulilela ngaphakathi sukuzinyanzela iinyembezi xa zingezi kuba loo nto ayithethi kuthi uyazibamba iimvakalelo zakho.

Kulumkele ukuzikhetha. (IMizekeliso 18:1) URonaldo uthi: “Ndazama ukungazikhethi ebantwini. Xa bendityelela ndandibamkela. Yaye imbilini yam ndandiyiphalaza kumfazi wam nakubahlobo abasondeleyo.”

Zola xa kukho umntu othetha into ekukhathazayo. Isenokuba ngamazwi anjengathi “oku kwenzeke ngenjongo.” URonaldo uthi, “Amanye amazwi entuthuzelo endawafumanayo andenza ndakhathazeka.” Kunokusoloko ucinga ngamazwi akhathazayo, landela eli cebiso leBhayibhile: “Musa ukuyinikela intliziyo yakho kuwo onke amazwi abawathethayo abantu.”—INtshumayeli 7:21.

Funda inyaniso ngemeko yabafi. URonaldo uthi: “KwiNtshumayeli 9:5, iBhayibhile ibonisa ukuba abafileyo abeva zintlungu, yaye loo nto indenza ndixole. IBhayibhile ikwafundisa nokuba kuza kubakho uvuko yaye abafileyo baza kubuyela ebomini. Ngoko ndiye ndicinge ngabafileyo bam endaphulukana nabo ngenxa yokufa ngokungathi kukho apho bathe tsi khona.”—IZenzo 24:15.

Ngaba ubusazi? IBhayibhile ithembisa ixesha apho uThixo ‘eya kuginya ukufa ngonaphakade.’a—Isaya 25:8.

Olu ngcelele lwamanqaku luxubusha ngendlela yokunyamezela intlungu. Ukuze ufumane iimpendulo ezingakumbi zeBhayibhile ngezizathu zokubandezeleka kwabantu, funda iMboniselo kaJulayi 1, 2014 enomxholo othi: “Kutheni Izinto Ezibuhlungu Zisehlela Abantu Abalungileyo?”

a Ukuze ufumane ulwazi olungakumbi, funda isahluko 7 sencwadi ethi: Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? Iyafumaneka nakwi-www.pr2711.com/xh.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share