UNGAMELANA NJANI NOKUNYUKA KWAMAXABISO?
Yamkele Imeko
Xa amaxabiso emane esenyuka kancinci kancinci sisenokungayiqapheli loo nto, ingakumbi xa nemali esiyifumana qho ngenyanga nayo isenyuka. Kwelinye icala, xa amaxabiso ezinto esoloko esenyuka kodwa yona imali esiyifumana qho ngenyanga ingenyuki, loo nto isenokusenza sibe nestres ingakumbi ukuba simele sondle iintsapho zethu.
Asinokuyinceda into yokunyuka kwamaxabiso. Kodwa ke, singancedakala xa sisamkela imeko.
KUTHENI KUBALULEKILE UKWAMKELA IMEKO?
Abantu abayamkelayo imeko yokunyuka kwamaxabiso baye bakufumanise kulula . . .
ukuhlala bezolile kuba xa bezolile baye bakwazi ukucinga kakuhle baze benze nezigqibo eziza kubanceda.
ukuphepha ukuyisebenzisa kakubi imali. Ngokomzekelo, ibingazukuba bubulumko ukungazihoyi izinto ebekumele ukuba siyazibhatala size sisebenzise imali kwizinto esingazidingiyo.
ukuphepha iingxabano zemali nabo bakwiintsapho zabo.
ukucinga ngeendlela zokumelana nokunyuka kwamaxabiso ngokuthi batshintshe indlela abayisebenzisa ngayo imali ukuze baqiniseke ukuba bathenga kuphela izinto abazidingayo.
INTO ONOKUYENZA
Kulungele ukutshintsha. Xa kunyuka amaxabiso kunokuba bubulumko ukwehlisa indlela esiyisebenzisa ngayo imali ukuba kunokwenzeka. Kwabanye abantu kusenokuba mnandi ukuphila ubomi abangazukwazi ukubumela, kufana nokuqubha ukhawulela amanzi omlambo onamandla. Ekugqibeleni loo nto ibashiya bedinwe beyimfe. Ewe kona, uyafuna ukuyikhathalela intsapho yakho ngokuyinika izinto ezidingayo. Kodwa ke, khumbula oku: Amalungu entsapho yakho ayaludinga uthando nexesha lakho ngaphezu kwayo nantoni na.
Ukuzama ukuphila ubomi obutofo-tofo ube ungenayo loo mali kufana nokuqubha ukhawulela amanzi omlambo onamandla