IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • th iphe. 3
  • Ileta Evela KwiQumrhu Elilawulayo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ileta Evela KwiQumrhu Elilawulayo
  • Zimisele Ukufunda Nokufundisa
  • Amanqaku Afanayo
  • Indlela Yokusebenzisa Incwadana Ethi Iindaba Ezilungileyo Ezivela KuThixo!
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2013
  • Ukuhlakulela Umdla Kwisigidimi SoBukumkani
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
  • Enye Indlela Yokusebenzisa Incwadana Enemifanekiso Ethi Isigidimi SeBhayibhile
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2011
  • Vakalisa Iindaba Ezilungileyo ZoBukumkani Ngeencwadana Ezinemifanekiso
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1996
Khangela Okunye
Zimisele Ukufunda Nokufundisa
th iphe. 3

Ileta Evela KwiQumrhu Elilawulayo

‘Nifanele nibe ngabafundisi.’ (Heb. 5:12) Khawucinge nje, uYehova, oyena mfundisi ubodlula bonke, uthi masifundise abantu ngaye! Ukuthunywa nguYehova ukuba sifundise iintsapho zethu, ibandla kunye nabantu abasentsimini ngaye, kuyinyhweba yaye ngumsebenzi obaluleke kakhulu. Singayenza njani loo nto?

Impendulo ikumazwi umpostile uPawulos awawabhalela uTimoti, athi: ‘Qhubeka uzimisela xa ufunda phambi kwabantu, xa ukhuthaza naxa ufundisa, ndide ndifike.’ Waphinda wathi: “Ngokwenza oko uya kuzisindisa wena nabo bakuphulaphulayo.” (1 Tim. 4: 13, 16) Uthunywe umyalezo osindisa ubomi. Yiyo loo nto kubalulekile ukuba uzimisele ukuphucula indlela ofunda nofundisa ngayo. Le ncwadi iza kukunceda wenze kanye loo nto. Nazi ezinye izinto ezimbalwa ezikuyo:

Izibhalo ezikule ncwadi

Kwiphepha ngalinye kukho isibhalo esidibana nesifundo ekuthethwa ngaso okanye umzekelo odibana naso.

Icebiso elincedayo

Amacebiso endlela yokwenza into ekuthethwa ngayo kwisifundo ngasinye.

ENTSIMINI

Amacebiso anokukunceda entsimini. Amacebiso amaninzi akule ncwadi anokukunceda entsimini naxa useqongeni.

UYehova ‘ngumYaleli Ozukileyo.’ (Isa. 30:20) Nangona le ncwadi iza kukunceda ube ngumfundi nomfundisi ophum’ izandla, ungaze ulibale ukuba umyalezo esiwufundisayo usuka kuYehova ibe nguye otsala abantu. (Yoh. 6:44) Wuthandazele qho umoya oyingcwele. Lisebenzise qho iLizwi LikaThixo. Sukuzitsalela amehlo kodwa yenza abantu bamamele uYehova. Bancede abantu abakumameleyo bamthande nyhani.

Uthunywe ukuba uxelele abantu owona myalezo ubalulekileyo. Siqinisekile ukuba xa uthembele ‘kumandla owanikwa nguThixo,’ uza kuphumelela.—1 Pet. 4:11.

Abafundisa kunye nani,

IQumrhu Elilawulayo LamaNgqina KaYehova

Umzalwana unikela intetho; udade uyashumayela; umzalwana ushumayela emsebenzini; udade oselula uthetha phambi kweklasi yakhe
    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share