Imibuzo Evela Kubafundi
Kwincwadi yakhe eya kumaHebhere, umpostile uPawulos wathetha ‘ngokubekwa kwezandla.’ Ngaba wayebhekisela ekumiselweni kwabadala okanye kwinto eyahlukileyo?—Heb. 6:2.
Asimele siqinise intamo kulo mba, kodwa kuyabonakala ukuba uPawulos wayebhekisela ekubekweni kwezandla ukuze kuzuzwe iziphiwo zomoya.
IBhayibhile iyathetha ngokubekwa kwezandla xa kumiselwa abantu ngokobuthixo. UMoses “wayembeke isandla” uYoshuwa xa wayemmisela njengoza kungena ezihlangwini zakhe. (Dut. 34:9) Kwibandla lamaKristu, wambi amadoda afanelekayo ayemiselwa ngokubekwa izandla. (IZe. 6:6; 1 Tim. 4:14) UPawulos wacebisa nxamnye nokubeka umntu izandla ngokungxama.—1 Tim. 5:22.
Kodwa, uPawulos wabongoza amaKristu angamaHebhere ukuba ‘axhinele ekuqoleni’ ekubeni ngoku ayesele ‘edlule “kwimfundiso esisiqalelo.” Wandula wadwelisa “inguquko kwimisebenzi efileyo, nokholo kuThixo, nemfundiso ngobhaptizo nokubekwa kwezandla.” (Heb. 6:1, 2) Ngaba ukumiselwa kwabadala kwakuya kuba yinto nje esisiqalelo awayemele axhinele kuyo amaKristu? Akunjalo. Ukuba ngumdala webandla lusukelo olumele lufikelelwe ngabazalwana abaqolileyo baze emva koko baluxabise, lungabi yinto nje esisiqalelo.—1 Tim. 3:1.
Ikho nenye indlela ekwakusetyenziswa ngayo ukubeka izandla. Ngenkulungwane yokuqala, uYehova wamgatya uSirayeli wemvelo ekubeni ngabantu bakhe wakhetha owokomoya, ibandla lamaKristu athanjisiweyo. (Mat. 21:43; IZe. 15:14; Gal. 6:16) Iziphiwo zomoya ezingummangaliso, njengokuthetha iilwimi, zaba bubungqina bolo tshintsho. (1 Kor. 12:4-11) Xa uKorneli nendlu yakhe baba ngamakholwa, nabo bafumana umoya oyingcwele, njengoko kuboniswa ‘kukuthetha kwabo ngeelwimi.’—IZe. 10:44-46.
Maxa wambi, izipho ezingummangaliso zazidluliselwa ngokubekwa izandla. Xa uFilipu washumayela iindaba ezilungileyo eSamariya, abaninzi babhaptizwa. Iqumrhu elilawulayo lathumela umpostile uPetros noYohane apho. Ngoba? Sifunda oku: “Ngoko [aba bapostile babini] bababeka izandla, baza bamkela umoya oyingcwele.” Oko kumele ukuba kwakuthetha ukuba bafumene izipho zomoya, ukwenza izinto ezinokubonwa ngabanye. Oku siyakwazi kuba uSimon, owayekade eqhelisela imilingo ngaphambili, wakubona oku kusebenza komoya waza ngokunyoluka wazama ukuthenga eli lungelo lokubeka izandla kwabanye ukuze nabo bafumane umoya oyingcwele baze benze imimangaliso. (IZe. 8:5-20) Kamva, e-Efese kwabhaptizwa abantu abali-12. Sifunda oku: “Xa uPawulos wababeka izandla, kwafika umoya oyingcwele phezu kwabo, baza baqalisa ukuthetha ngeelwimi nokuprofeta.”—IZe. 19:1-7; thelekisa eyesi-2 kuTimoti 1:6.
Ngoko ke, kumaHebhere 6:2, kuyacaca ukuba uPawulos wayebhekisela ekubekweni kwezandla ukuze kudluliselwe izipho zomoya kumakholwa amatsha.