Ngaba Isipho Seelwimi Siyinxalenye YobuKristu Bokwenyaniso?
UBILL wathetha oku emva kokuba yena nabanye abathandathu babehlanganisene phambi komfundisi kufutshane nesibingelelo secawa, “Ndeva, njengoko ndandimphulaphule ethandaza ngeelwimi, ngokungathi kwakukho umbane emoyeni.” Ngaba amava anjalo abonisa ukusebenza kwakhona komoya oyingcwele okwenzeka ngenkulungwane yokuqala? Ngaba afanisa unqulo oluchazwe eBhayibhile? Sinokufumana iimpendulo ezanelisayo ngokuthi ngenyameko sihlolisise iZibhalo.
Ingxelo yeBhayibhile ityhila ukuba xa nasiphi na isibabalo somoya sommangaliso sasinikelwa, ubuncinane omnye wabapostile abali-12 okanye umpostile uPawulos wayesibakho. Isihlandlo sokuqala kwezithathu ezibhaliweyo zokuthetha ngeelwimi senzeka phakathi kwabafundi bakaYesu abali-120 ababehlanganisene eYerusalem ngePentekoste yowama-33 C.E. (IZenzo 2:1-4) Kwiminyaka emithathu enesiqingatha kamva, ngoxa iqela lamaTaliyane angalukanga laliphulaphule uPetros eshumayela, lafumana umoya laza laqala ‘ukuthetha ngeelwimi laza lamenza mkhulu uThixo.’ (IZenzo 10:44-48) Yaye kwiminyaka eli-19 emva kwePentekoste, malunga nowama-52 C.E., uPawulos wathetha neqela elithile e-Efese waza wabeka izandla zakhe kubafundi abali-12. Nabo “baye bethetha ngeelwimi, beprofeta.”—IZenzo 19:6.
Kutheni Baphiwa Isipho Seelwimi?
Ngaphambi nje kokuba anyukele emazulwini, uYesu waxelela abalandeli bakhe oku: “Niya kwamkela ke amandla, akubon’ ukuba uMoya oyiNgcwele uhlile phezu kwenu; nibe ngamangqina am eYerusalem . . . kude kuse nasekupheleni komhlaba.” (IZenzo 1:8) Phawula ukuba ngaloo ndlela wayebonisa indlela lo msebenzi mkhulu kangaka wokunikela ubugqina owawuya kufezwa ngayo—ngoncedo lomoya oyingwele.
Ubugcisa bale mihla bothungelwano busenza sikwazi ukuthumela imiyalezo emhlabeni wonke ngeelwimi ezininzi ezazingekho ngoko. Ngokuyintloko iindaba ezilungileyo kwafuneka zisasazwe ngomlomo, yaye koku isipho sokuthetha ngeelwimi zasemzini sasiya kungqineka siluncedo kakhulu. Oku kwakunjalo ngamaKristu enkulungwane yokuqala awayeshumayela kumaYuda nakwabo babeguqukele ebuYudeni eYerusalem ngePentekoste yowama-33 C.E. AmaParti, amaMedi, amaElam, amaKrete, ama-Arabhiya, abemi baseMesopotami, abakwaYuda, abaseKapadokiya, abasePonto nabesithili saseAsiya, kwakunye nabahambi ababesuka eRoma, baziva “izinto ezinkulu zikaThixo” ngolwimi lwabo baza bakuqonda oko kwakuthethwa. Ngokukhawuleza amawaka amathathu aba ngamakholwa.—IZenzo 2:5-11, 41.
Inyaniso idla ngokujongelwa phantsi yeyokuba ukuthetha ngeelwimi kwakungomnye nje wemisebenzi esithoba yomoya oyingcwele eyakhankanywa ngumpostile uPawulos kwincwadi yakhe eya kumaKristu aseKorinte. Nangona uPawulos wagqala ukuthetha ngeelwimi njengesipho esingaphantsi kwezinye, kwakubalulekile kwibandla lokuqala ekusasazeni iindaba ezilungileyo ezingoBukumkani bukaThixo basezulwini. Kwakusesinye “isipho” esasifak’ isandla ekukhuleni ngamanani nasekwakheni ibandla elincinane lamaKristu.—1 Korinte 12:7-11; 14:24-26.
Iindlela ezahlukahlukeneyo zokusebenza komoya oyingcwele kwinkulungwane yokuqala, kuquka ukuthetha ngeelwimi, zazikwabubungqina obubonakalayo bokuba uThixo wayengasasebenzisi ibandla lakwaSirayeli elalineminyaka eli-1 500 ubudala njengabantu bakhe. Ngokungathandabuzekiyo, ngoku inkoliseko yakhe yayikwibandla elitsha lobuKristu, elalimiselwe nguNyana okuphela kwamzeleyo.—Thelekisa amaHebhere 2:2-4.
Ezi mbonakaliso zomoya zazingundoqo ekusekeni ibandla lamaKristu elincinane nasekulikhuliseni. UPawulos wathi emva kokuba zifeze injongo yazo, ezi zipho zingummangaliso zaziya kupheza: “Nokuba ke ziziprofeto, ziya kubhangiswa; nokuba ziilwimi, ziya kupheza.”—1 Korinte 13:8.
Ewe, iBhayibhile iyacacisa ukuba isipho seelwimi sasiya kupheza. Kodwa nini? IZenzo 8:18 ityhila ukuba izibabalo zomoya zazifumaneka “ngokubekwa izandla zabapostile.” Ngoko, kucacile ukuba ngokufa kompostile wokugqibela, ukudluliselwa kwezibabalo zomoya kwakuya kunqumama—kuquka nokuthetha ngeelwimi. Ngenxa yoko, xa abo babefumene ezi zipho kubapostile bafayo, izipho ezingummangaliso zaziya kupheza. Ngelo xesha ibandla lobuKristu ngelalinexesha lokumiselwa kakuhle yaye ngelalisasazeke kumazwe amaninzi.
“Iilwimi Ezingaziwayo” Nokutolikwa Kwazo
Ukuphindwa kokuthetha ngeelwimi kwanamhlanje kuye ‘kwagqalwa ngabanye njengesenzo esigqithisileyo esingokweemvakalelo sabantu abangazinzanga abaziphatha ngendlela yokuba batsalele ingqalelo kwiziqu zabo, ngoxa abanye bekugqala kufana noqheliselo lokuthetha ngeelwimi zamaxesha abaPostile.’ Kwiingqungquthela zeecawa zezi mini apho kuthethwa “ngeelwimi ezingaziwayo,” ngokufuthi oko kuthetha kubandakanya imikhwazo enempambano yezandi ezingenantsingiselo. Ngokuvisisana noko, omnye umntu wavuma wathi: “Ndisebenzisa isipho sam seelwimi ikakhulu ngasese xa ndizicamngcela. . . . Ndiba neentloni phambi kwabanye abantu.” Omnye wabalisa oku: “Ndiva amazwi am, andiwaqondi, kodwa ndiqhubeka ndisiva ulwimi lwam lufuna ukuthetha.”
Yiyiphi inkcazelo ebaluleke ngokwenene edluliselwa ziilwimi ezingaziwayo ezinjalo, ibe kuthekani ngokutolikwa kwazo? Abo bazibanga betolika le ntetho baye banikela iingcaciso ezahlukahlukeneyo zentetho ekwanye engenantsingiselo. Kutheni zahlukahlukene? Bakhanyela oko kwahlukahlukana ngokuthi “uThixo wanika omnye umntu indlela ethile yokutolika intetho waza wanika omnye umntu enye indlela yokutolika engafaniyo neyomnye.” Omnye umntu wavuma: “Ndiye ndaphawula izihlandlo apho oko kutolikiweyo kuye kwaba kokohlobo olungachananga.” UD. A. Hayes, kwincwadi yakhe ethi The Gift of Tongues, wabhekisela kwimeko apho enye indoda ingazange ivume ukutolika intetho yelinye ibhinqa elalithetha ngolwimi olungaziwayo ngenxa yokuba “olo lwimi lwalulolona lungcolileyo.” Onjani wona umahluko kunoko kuthetha ngeelwimi kwakukho ngenkulungwane yokuqala yaye enyanisweni oko kwakwenzelwe ukwakha ibandla!—1 Korinte 14:4-6, 12, 18.
Namhlanje abanye babanga ukuba baye beva ukutolikwa okungummangaliso, yaye ngokunyanisekileyo basenokukholelwa ukuba uThixo usebenzisa esi sipho xa “enqwenela ukunikela umyalezo ngokuthe ngqo ebantwini.” Kodwa ngumyalezo onjani ovela kuThixo esiwufunayo namhlanje uYesu Kristu nabapostile bakhe abangazange basinike wona? UPawulos, naye owababalwa ngomoya oyingcwele, wathi: “Sonke isibhalo, siphefumlelwe nguThixo nje, sikwancedela ukufundisa, ukohlwaya, ukululeka, ukuqeqesha okusebulungiseni, ukuze umntu kaThixo afaneleke, exhobele wonke umsebenzi olungileyo.”—2 Timoti 3:16, 17.
Inyaniso ikukuba ibandla lobuKristu alisayilwa, yaye ngaloo ndlela izityhilelo okanye izibabalo zomoya ezingummangaliso aziseyomfuneko ukuba ziqinisekise indima yalo. IBhayibhile ilumkisa ngelithi: “Nokokuba sisuke thina aba, nokokuba sisuke isithunywa sasezulwini sanishumayezayo iindaba ezilungileyo ezinxamnye, [“ezahlukileyo,” The New English Bible] nezo sanishumayezayo, masisingelwe phantsi.”—Galati 1:8.
Ukuthetha ngeelwimi okungummangaliso akuseyomfuneko, yaye akukho siseko singokweZibhalo sokukholelwa kwelokuba kuyinxalenye yobuKristu bokwenyaniso namhlanje. Ngoku iBhayibhile iphelele yaye ifumaneka ngokubanzi, sinako oko sikufunayo eLizwini likaThixo. Isenza sizuze ulwazi oluchanileyo ngoYehova noNyana wakhe olukhokelela kubomi obungunaphakade.—Yohane 17:3; ISityhilelo 22:18, 19.
Kwanakwinkulungwane yokuqala, umpostile uPawulos wayenyanzelekile ukuba abhalele ibandla laseKorinte ukuze alungise imbono yalo ngesizathu sokuba isipho seelwimi sasinikwe amaKristu angaphambili. Kuyabonakala ukuba abanye baye bachulumanciswa sisipho seelwimi, yaye babesenza izinto njengabantwana abancinane, bengakhulanga ngokomoya. Kwakugxininiswa ikakhulu “kwiilwimi.” (1 Korinte 14:1-39) UPawulos wabethelela ukuba ayingawo onke amaKristu ngenkulungwane yokuqala athetha ngeelwimi ezingummangaliso. Oko kwakungeyomfuneko ukuze asindiswe. Kwanasemva phayaa xa sasisekho, isipho seelwimi sasingabalulekanga ngaphezu kokuprofeta okungummangaliso. Ukuthetha ngeelwimi kwakungeyomfuneko, ibe nangoku akuyomfuneko, ukuze amaKristu azuze ubomi obungunaphakade.—1 Korinte 12:29, 30; 14:4, 5.
Amandla Abangela Ukuthetha Ngeelwimi Ezingaziwayo Namhlanje
Bambi bakholelwa kwelokuba amandla aqhuba abo bathetha ngeelwimi namhlanje avela kwiinkokeli zecawa ezibabalweyo eziqhubela amalungu omhlambi wazo ukuba azuze la mandla. Kwezinye iimeko kubangelwa lutyekelo lokugqala izinto ngokweemvakalelo nakukungalungelelani. UCyril G. Williams, uthi kwiTongues of the Spirit, kuye “kwizihlandlo ezininzi kwaba luphawu lokongama kwelo qela” yaye kunika umntu “isidima negunya emehlweni elo qela nakwawabo amehlo.” Ngoko ke, intshukumisa isenokuba ngumnqweno wokufuna ukuba ngoweqela elongamileyo lolwimi olungaziwayo.
Owayesakuba ngumphathi weYunivesithi iLoyola uDonald P. Merrifield waphawula ukuba “iilwimi zinokuba ngamava empixano esengqondweni, okanye, ngokutsho kwabanye, amava abusathanarha.” Umfundisi uTodd H. Fast wathi: “Ukuthetha ngeelwimi kunembambano. Umtyholi uneendlela ezininzi azama ukusichaphazela ngazo.” IBhayibhile yona ngokwayo ilumkisa ukuba uSathana needemon zakhe bayakwazi ukuphembelela abantu baze balawule intetho yabo. (IZenzo 16:17, 18) UYesu wakhalimela umoya wedemon owashukumisela enye indoda ukuba ikhale ize iwe phantsi emgangathweni. (Luka 4:33-35) UPawulos walumkisa ngokuba ‘uSathana wayeya kuzimilisa okwesithunywa sokukhanya.’ (2 Korinte 11:14) Abo namhlanje bafuna isipho seelwimi uThixo angasasinikeliyo kubantu bakhe ngokwenene baziyekela ukuba baqhathwe nguSathana, lowo, silunyukiswa ngokuba, uya kusebenzisa “imisebenzi yonke yamandla, nemiqondiso, nezimanga zobuxoki.”—2 Tesalonika 2:9, 10.
Iilwimi—NobuKristu Bokwenyaniso
AmaKristu enkulungwane yokuqala awafumana isipho sokuthetha ngeelwimi ayesisebenzisela ukucacisa izinto ezinkulu zikaThixo. Kwagxininiswa kwimfuneko yokutolikwa ngokucacileyo kwesigidimi esasidluliselwa ngeelwimi ukuze siqondwe ngabo bonke kuze kuphumele ekwakhekeni kwabaninzi. (1 Korinte 14:26-33) UPawulos wayalela oku: “Ukuba anithanga nithethe ngalo ulwimi intetho eqondeka kakuhle, yothiwani na ukwaziwa into enithetha yona? Kuba noba nithethela emoyeni.”—1 Korinte 14:9.
Ngoxa umoya kaThixo wanika amaKristu okuqala isipho seelwimi, awuzange uwenze ukuba athethe intetho engavakaliyo engenantsingiselo okanye engaguqulelekiyo. Ngokuvisisana nesiluleko sikaPawulos, umoya oyingcwele wanikela intetho eyabangela ukuba iindaba ezilungileyo ngokukhawuleza ‘zishunyayelwe kwindalo yonke ephantsi kwezulu.’—Kolose 1:23.
Ngokuphathelele le mihla yokugqibela yale nkqubo ikhoyo, uYesu Kristu wayalela oku: “Kumele ukuthi ke ukuqala kuvakaliswe iindaba ezilungileyo [zoBukumkani obumiselweyo] ezi kuzo zonke iintlanga.” (Marko 13:10) Njengakwinkulungwane yokuqala, yonke indalo imele isive isigidimi soBukumkani. Oku kunokwenzeka kuba iBhayibhile ngoku sele iguqulelwe, iyonke okanye ngokuyinxalenye, kwiilwimi eziphantse zibe ngama-2 000. Umoya okwamnye owazalisa amaKristu angaphambili ukuba athethe ngokungenazintloni nangenkalipho ngoku uxhasa umsebenzi omkhulu nomangalisayo wokushumayela kwibandla lanamhlanje lamaNgqina kaYehova. Ngokuthetha ngemilomo nangokusebenzisa ubugcisa bezi mini bokushicilela ukuze kwenziwe kufumaneke inyaniso yeZibhalo kumaphepha ashicilelweyo, athetha “intetho enyulu.” Esi sigidimi sihamba siye kumazwe angaphezu kwangama-200 nakwiziqithi zolwandle. AmaNgqina kaYehova ami odwa njengabantu abashukunyiswa ngumoya kaThixo ukuba bazise izinto ezinkulu zikaThixo kubo bonke.—Zefaniya 3:9; 2 Timoti 1:13.
[Imifanekiso ekwiphepha 7]
Ukunikela ubungqina kwindlu ngendlu eJapan
Ukunikela ubungqina kwiinqanawa ngeenqanawa eColombia
Ngezantsi: Isifundo seBhayibhile eGuatemala
Ezantsi: Ukunikela ubungqina emaphandleni eNetherlands