Ukwabela Abanye Umsebenzi—Kutheni Kubalulekile Yaye Kunokwenziwa Njani?
UKWABELA abanye umsebenzi kwaqala kude kudala ngaphambi kokuba kudalwe uMhlaba. UYehova wadala okuphela koNyana wakhe waza emva koko wadala indalo iphela, esebenzisa lo Nyana wakhe “njengomsebénzi onobuchule.” (IMize. 8:22, 23, 30; Yoh. 1:3) Emva kokudala abantu ababini bokuqala, uThixo wathi ‘mabazalise umhlaba baze bawoyise.’ (Gen. 1:28) UMdali wanika abantu umsebenzi wokuba bandise iParadesi yase-Eden de wonke umhlaba ube yiparadesi. Ngoko ke, ukwabiwa komsebenzi entlanganweni kaYehova kwaqaliswa kwasekusekweni kwayo.
Yintoni ebandakanyekileyo xa kusabelwa abanye umsebenzi? Kutheni abadala abangamaKristu befanele bafunde ukunika abanye imisebenzi ethile ebandleni, yaye banokukwenza njani oku?
Kuthetha Ukuthini Ukwabela Abanye Umsebenzi?
Ukwabela abanye umsebenzi kukubaphathisa imbopheleleko; ukubamisela njengabameli bakho. Ngoko ke, xa unika omnye umntu umsebenzi othile, uyambandakanya ekuphunyezweni kwawo. Oko kuthetha ukuba umnika imbopheleleko.
Abo banikwe umsebenzi kwibandla lamaKristu kulindeleke ukuba baphumeze izabelo zabo, banikele ingxelo ngenkqubela kuloo msebenzi bawenzayo yaye kudla ngokufuneka ukuba bamane beqhagamshelana nalowo ubebanike loo msebenzi. Noko ke, oyena mntu umele aqiniseke ukuba loo msebenzi uyenziwa, nguloo mzalwana obenike omnye umsebenzi. Nguye ekufuneka abe liliso kwindlela owenziwa ngayo aze acebise xa kuyimfuneko. Kodwa ke abanye basenokubuza, ‘Siyintoni isizathu sokuba uwunike omnye umntu umsebenzi xa ukwazi ukuwenza ngokwakho?’
Kutheni Ufanele Uwunike Omnye Umntu Umsebenzi?
Cinga ngoYehova owadala uNyana okuphela kwakhe waza wamabela ukuba asebenze naye kumsebenzi wokudala. Ewe, “ngenxa yokuba zadalwa ngaye zonke ezinye izinto emazulwini nasemhlabeni, izinto ezibonakalayo nezinto ezingabonakaliyo.” (Kol. 1:16) UMdali wayenako ukwenza yonke into ngokwakhe, kodwa wagqiba ekubeni anike noNyana wakhe ithuba lokufumana ulwaneliseko lokuphumeza umsebenzi othile. (IMize. 8:31) Oku kwamnceda lo Nyana ukuba azazi ngakumbi iimpawu zikaThixo. Eneneni, uBawo wafumana ithuba lokuqeqesha uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo.
Xa wayesemhlabeni, uYesu Kristu walinganisa uYise ngokwabela abanye umsebenzi. Waqeqesha abafundi bakhe. Waqala wathuma abapostile abali-12 waza kamva wathuma abafundi abangama-70 ukuba baye kushumayela. (Luka 9:1-6; 10:1-7) Xa kamva uYesu efika kwezo ndawo babeshumayela kuzo, umhlaba wawusele uthambile. Xa wayesimka emhlabeni, uYesu wanika abafundi bakhe abaqeqeshiweyo iimbopheleleko ezingakumbi, kuquka umsebenzi wokushumayela ehlabathini lonke.—Mat. 24:45-47; IZe. 1:8.
Ukwabela abanye umsebenzi nokubaqeqesha kwaba yinto eqhelekileyo kwibandla lamaKristu. Umpostile uPawulos wathi kuTimoti: ‘Ezi zinto zidlulisele kubantu abathembekileyo, abakufanelekeleyo ukufundisa abanye.’ (2 Tim. 2:2) Ewe, abo banamava bafanele baqeqeshe abanye, ukuze nabo baqeqeshe abanye.
Xa umdala esabelana nabanye ngomsebenzi wakhe, ufuna nabo baxhamle uvuyo lokufundisa nokwalusa. Ukuqonda ukuba abantu basikelw’ umda kwizinto abanokukwazi ukuzifeza, kunokubangela abadala bacele abanye ukuba bancedise kwimisebenzi yebandla. IBhayibhile ithi: “Bunabathozamileyo ubulumko.” (IMize. 11:2) Umntu othozamileyo uyazazi ukuba usikelwe umda. Xa uzama ukwenza yonke into, usenokudinwa, ungabi nalo nexesha lokuhlala nentsapho yakho. Ngoko bubulumko ukwabelana nabanye ngomsebenzi wakho. Ngokomzekelo, cinga ngomzalwana ongumnxibelelanisi wequmrhu labadala. Usenokucela abanye abadala ukuba bahlole iingxelo zemali yebandla. Xa behlola ezo ngxelo, aba badala banokutsho bayazi kakuhle imali ekhoyo ebandleni.
Xa abanye benikwa imisebenzi ethile banokutsho baqeqesheke baze babe namava okwenza loo misebenzi, kanti kwangaxeshanye lowo ubabele loo misebenzi, unokutsho akwazi ukubona ubuchule abanabo. Ngaloo ndlela, xa abadala besaba umsebenzi ebandleni banokukwazi ukubona abo ‘banokufaneleka’ ukukhonza njengezicaka zolungiselelo.—1 Tim. 3:10.
Okokugqibela, xa abadala besabela abanye umsebenzi babonisa ukuba bayabathemba. UPawulos waqeqesha uTimoti ngokusebenza naye kwinkonzo yobuvangeli basemazweni. La madoda mabini aba nolwalamano olusenyongweni. UPawulos wayebiza uTimoti ngokuba ‘ngumntwana wokwenene elukholweni.’ (1 Tim. 1:2) Ngokufanayo, uYehova noYesu baba nolwalamano oluqinileyo xa babedala zonke ezinye izinto. Xa besabela abanye umsebenzi, abadala banokuba nolwalamano olusondeleyo kunye nabo.
Isizathu Sokuba Abanye Babe Mathidala
Nangona abanye abadala beziqonda iingenelo zokwabela abanye umsebenzi, baba mathidala mhlawumbi kuba bevakalelwa kukuba banikisa ngegunya labo. Basenokucinga ukuba bafanele basoloko bezibambe ngokwabo iintambo. Kodwa khumbula ukuba ngaphambi kokuba uYesu anyukele ezulwini, wanika abafundi bakhe imbopheleleko enkulu yaye wayesazi ukuba baya kwenza imisebenzi emikhulu kuneyakhe!—Mat. 28:19, 20; Yoh. 14:12.
Kusenokwenzeka ukuba bambi abadala bakha banika abanye imisebenzi ethile baza abaneliseka yindlela eyenziwe ngayo. Basenokuvakalelwa kukuba banokuwenza bhetele loo msebenzi kwaye bawukhawulezise. Noko ke, khawucinge ngomzekelo kaPawulos. Wayeyiqonda into yokuba ukwabela abanye umsebenzi kuneengenelo kodwa wayesazi nokuba abantu abaqeqeshayo abayi kusoloko besenza izinto ngendlela alindele ukuba bazenze ngayo. Kukhenketho lwakhe lokuqala lobuvangeli basemazweni, uPawulos wayehamba noMarko oselula, emqeqesha. UPawulos wadana kakhulu kuba uMarko wamshiya yedwa kweso sabelo wagoduka. (IZe. 13:13; 15:37, 38) Kodwa loo nto ayizange ibangele ukuba uPawulos ayeke ukuqeqesha abanye. Njengoko kuchaziwe ngasentla, wacela umKristu oselula ogama linguTimoti ukuba ahambe naye xa wayetyelela amabandla. Xa uTimoti wayesele ekufanelekele ukusingatha iimbopheleleko ezingakumbi, uPawulos wamshiya e-Efese, wamnika igunya lokumisela abaveleli nezicaka zolungiselelo emabandleni.—1 Tim. 1:3; 3:1-10, 12, 13; 5:22.
Ngokufanayo, abadala banamhlanje abafanele bayeke ukuqeqesha abazalwana kuba nje omnye wabo eye wabaphoxa. Kububulumko yaye kubalulekile ukubathemba abanye nokubaqeqesha. Noko ke, ziziphi izinto abafanele bazikhumbule abadala xa besabela abanye umsebenzi?
Indlela Yokwaba Umsebenzi
Xa usabela abazalwana abathile umsebenzi, cinga ngobuchule abanabo. Xa kwafuneka kumiselwe abantu ababeza kwaba ukutya yonke imihla eYerusalem, abapostile bakhetha ‘amadoda avunyiweyo asixhenxe, awayezele ngumoya nobulumko.’ (IZe. 6:3) Xa ucela umntu ongathembekanga ukuba akwenzele umsebenzi othile, usenokungawenzi. Ngoko qala ngokumnika imisetyenzana nje emincinane. Ukuba uyenza kakuhle loo misebenzi, unokukwazi ukusingatha iimbopheleleko ezingakumbi.
Noko ke, ininzi into ebandakanyekileyo. Abantu abafani yaye banobuchule obahlukahlukeneyo. Enye into bayashiyana ngamava. Umzalwana onobubele angayisingatha kakuhle imbopheleleko yokuba ngumlindi, ngoxa umzalwana onocwangco nobuchule bokwenza izinto enokuba luncedo ekusebenzeni nonobhala webandla. Udade olichule lokuhombisa unokunikwa imbopheleleko yokuhombisa ngeentyatyambo xa kukho iSikhumbuzo.
Xa unika abantu umsebenzi, yicacise kakuhle into ekulindeleke ukuba bayenze. Ngaphambi kokuba uYohane umBhaptizi athume abantu kuYesu, wabacacisela into anomdla wokuyazi nendlela ababeza kuyibuza ngayo. (Luka 7:18-20) Noko ke, xa uYesu wayethuma abafundi bakhe ukuba baqokelele ukutya okwakusele awayekwenze ngokungummangaliso, wayekela kubo ukuba bazenzele isigqibo sendlela ababeza kukwenza ngayo oko. (Yoh. 6:12, 13) Indlela yokwabiwa komsebenzi ixhomekeke kuhlobo lomsebenzi oza kwenziwa nobuchule baloo mntu uza kuwenza. Umntu owaba umsebenzi nomntu onikwe loo msebenzi bafanele bacacelwe kakuhle bobabini ukuba yintoni elindelekileyo, iyintoni afuna ukuyazi lowo wabe umsebenzi. Bobabini bafanele bazi xa izigqibo zendlela yokwenza loo msebenzi ziyekelwe kulowo uwabelweyo. Ukuba loo msebenzi umele ugqitywe ngemini ethile, kunokuba bhetele xa bobabini bevumelana kunokuba umntu onikwe umsebenzi axelelwe imini afanele awugqibe ngayo.
Umntu oza kwenza umsebenzi umele anikwe imali nezixhobo zokusebenza aze afumane noncedo xa elufuna. Kunokuba kuhle ukuba nabanye baziswe ngalo msebenzi uza kwenziwa. Xa uYesu wayenika uPetros “izitshixo zobukumkani bamazulu,” wamnika phambi kwabanye abafundi. (Mat. 16:13-19) Ngokufanayo, kwezinye iimeko kunokuba kuhle ukuba ibandla lixelelwe ukuba imisebenzi ethile yenziwa ngoobani.
Noko ke, nantsi into emele ilunyukelwe. Ukuba usoloko umnik’ imiyalelo loo mntu obumnike umsebenzi, usenokucinga ukuba akumthembanga. Liyinyaniso elokuba maxa wambi, loo msebenzi usenokungenziwa ngendlela obulindele ukuba wenziwe ngayo. Kanti ke, xa umzalwana owabelwe umsebenzi enikwe inkululeko yokuba awenze ngendlela akhetha ukuwenza ngayo, uya kuba neqhayiya ngomsebenzi wakhe aze abe nobuchule obungakumbi. Kakade ke, oku akuthethi ukuba ufanele ungazikhathazi ngendlela awenza ngayo umsebenzi. Nangona uYehova wanika uNyana wakhe ithuba lokuba nenxaxheba kumsebenzi wokudala, naye wayebandakanyekile. Wathi kulo Msebénzi Onobuchule: “Masenze umntu ngokomfanekiso wethu.” (Gen. 1:26) Ngoko ke, mxhase umntu omnike umsebenzi uze umncome ngemigudu yakhe. Enye into enokuba luncedo kukuwuhlola kunye naye emva kokuba egqibile ukuwenza. Ukuba kukho into engenziwanga kakuhle, nikela icebiso. Khumbula ukuba, nguwe ekufuneka aqiniseke ukuba loo msebenzi wenziwe.—Luka 12:48.
Abaninzi baye bangenelwa ngokwabelwa imisebenzi ethile yebandla ngamadoda amakhulu aye abonisa umdla kubo. Eneneni, bonke abadala bafanele basiqonde isizathu sokwabela abanye umsebenzi nendlela abanokukwenza ngayo oku, bexelisa uYehova.
[Ibhokisi ekwiphepha 29]
XA USABELA OMNYE UMNTU UMSEBENZI
• umnika ithuba lokuba afumane ulwaneliseko lokuphumeza okuthile
• ubangela ukuba kuphunyezwe umsebenzi ongakumbi
• ubonakalisa ubulumko nokuthozama
• uqeqesha abanye
• ubonisa ukuba uyabathemba abanye
[Ibhokisi ekwiphepha 30]
INDLELA YOKWABELA ABANYE UMSEBENZI
• Khetha abantu abakufanelekeleyo ukwenza loo msebenzi
• Mchazele ngokucacileyo umntu oko ufuna akwenze
• Mcacisele oko ukulindeleyo
• Mnike izinto aza kuzisebenzisa
• Yiba nomdla ngalo msebenzi aza kuwenza, uze umxelele ukuba uyamthemba ukuba uza kuwenza kakuhle
• Yiqonde into yokuba nguwe ekufuneka aqiniseke ukuba loo msebenzi wenziwe
[Imifanekiso ekwiphepha 31]
Xa unike omnye umntu umsebenzi kufuneka umane uhlola ukuba uhamba njani