Ngaba Ubusazi?
Laliyintoni isango lesixeko ekusoloko kuthethwa ngalo eBhayibhileni?
▪ Izixeko ezininzi zamaxesha okubhalwa kweBhayibhile zazibiyelwe ngeendonga. Ngaphakathi kwamasango amaninzi kwakudla ngokubakho inkundla ababedibana kuyo abantu ukuze barhwebe baze badle neembadu. Izaziso zikawonke wonke zazisenziwa apho yaye nabaprofeti babechaza izigidimi zabo. (Yeremiya 17:19, 20) Incwadi ethi The Land and the Book ithi “abahlali babesenzela phantse yonke into yabo esangweni lesixeko okanye kufutshane nalo.” KuSirayeli wamandulo, isango lesixeko lalifana neeholo zeedolophu zale mihla yethu.
Ngokomzekelo, uAbraham wathengela intsapho yakhe umhlaba wokungcwaba kuEfron “phambi kwamehlo oonyana bakaHeti phakathi kwabo bonke abo bangenayo ngesango lesixeko sakowabo.” (Genesis 23:7-18) NoBhohazi wacela amadoda amakhulu alishumi aseBhetelehem ukuba abekho esangweni lesixeko xa wayelungisa imicimbi eyayiphathelele ilifa likaRute nomyeni wakhe owayeswelekile ngokuvumelana nomthetho wokungenwa. (Rute 4:1, 2) Xa amadoda amakhulu esixeko esiba ngabagwebi, ayehlala esangweni lesixeko ukuze aphulaphule amatyala, enze izigqibo aze agwebe.—Duteronomi 21:19.
Yayindawoni iOfiri ethi iBhayibhile yayinegolide esulungekileyo?
▪ Incwadi kaYobhi iqale ithethe ‘ngegolide yaseOfire’ ize ithi yayifana ‘negolide esulungekileyo.’ (Yobhi 28:15, 16) Kwiminyaka emalunga nama-600 emva kwemihla kaYobhi, uKumkani uDavide waqokelela ‘igolide yakwaOfire’ xa kwakusakhiwa itempile kaYehova eYerusalem. Nonyana wakhe uSolomon walanda igolide eOfire.—1 Kronike 29:3, 4; 1 Kumkani 9:28.
IZibhalo zithi uSolomon wayeneenqanawa ezininzi ezazenziwe e-Etsiyon-gebhere kuLwandle Olubomvu ezazilanda igolide eOfire. (1 Kumkani 9:26) Abaphengululi bathi iEtsiyon-gebhere yayikumantla eGophe lase Aqaba kummandla obizwa ngokuba yiElat okanye iAqaba namhlanje. Ukusuka apha iinqanawa zazinokuya nakuyiphi na indawo eyayikuLwandle Olubomvu okanye kwiindawo zokurhweba ezithe qelele zaseAfrika okanye kunxweme lolwandle lwaseIndiya ekucingelwa ukuba yayikulo iOfire. Abanye bacingela ukuba iOfire yayiseArabhiya apho kuye kwafunyanwa imigodi yegolide yamandulo nesembiwayo nanamhla oku.
Nangona abanye besithi imigodi yegolide kaSolomon ayizange ibekho, isazi ngembali yaseYiputa uKenneth A. Kitchen uthi: “IOfiri asiyondawo yasentsomini. Kukho iceba lesitya sodongwe samaHebhere ekusenokwenzeka ukuba sesenkulungwane yesibhozo [B.C.E.] esibhalwe: ‘Igolide yaseOfire kaBeth-Horon—ziishekele ezingama-30.’ Kwesi sitya iOfire ichazwa njengomthombo wegolide wokoqobo kanye njengokuba kunjalo ‘ngeGolide yase‛Amau,’ ‘iGolide yasePunt’ okanye ‘iGolide yakwaKush’ ebhalwe kwimibhalo yaseYiputa—kwimeko nganye igolide ekuthethwa ngayo kunokwenzeka ukuba yayivela kwelo lizwe okanye luhlobo oluthile lwayo.”
[Umfanekiso okwiphepha 15]
UAbraham ekwisango lesixeko efuna ukuthenga umhlaba
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Iceba lesitya samaHebhere esibhalwe iOfire
[Inkcazelo]
Collection of Israel Antiquities Authority, Photo © The Israel Museum, Jerusalem