Sondela KuThixo
“Uya Kwenza Ngokunyaniseka”
ZIMBALWA izinto ezibuhlungu njengokuphoxwa okanye ukungcatshwa ngumntu omthembileyo. Kodwa ke izinto ezinjalo zixhaphakile kweli hlabathi elinabantu abanganyanisekanga. (2 Timoti 3:1-5) Ngaba ukho umntu esinokumthemba ukuba uya kuhlala enyanisekile kuthi? Makhe sihlalutye ubungqina esibufumana kuKumkani uDavide woSirayeli wamandulo.
Ngexesha lokudla kwakhe amazimba uDavide wakha wangcatshwa ngeyona ndlela ingathethekiyo. Kwakha kwanyanzeleka ukuba abhace kuba etshutshiswa ngukumkani wokuqala wakwaSirayeli, uSawule owayenomona. Nomfazi wakhe uMikali akazange anyaniseke kuye, kunoko “wamdelela entliziyweni yakhe.” (2 Samuweli 6:16) UAhitofele umcebisi kaDavide owayeyintonga yakhe esekhosi wamngcatsha waza wajoyina abantu ababemvukela. Uyazi ukuba ngubani owayekhokela eli yelenqe? Kaloku yayinguAbhisalom unyana kaDavide ngenkqu. Ngaba uDavide wanikezela waza wagqiba kwelokuba akakho umntu onyanisekileyo kuba nje wayengcatshwe izihlandlo ezininzi?
Impendulo siyifumana kumazwi akhe abhalwe kweyesi-2 kaSamuweli 22:26. UDavide owayenokholo olungagungqiyo wenzela uYehova uThixo lo mbongo: “Kulowo unyanisekileyo uya kwenza ngokunyaniseka.” UDavide wayeqinisekile ukuba uYehova wayeya kuhlala enyanisekile kuye enoba abantu babenokumphoxa kangakanani.
Makhe siwehle amahlongwane la mazwi kaDavide. Igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi “ukwenza ngokunyaniseka” linokuguqulelwa nangokuthi “ukwenza ububele bothando.” Ukunyaniseka kokwenene kuqhutywa luthando. UYehova uyasondela kubantu abanyanisekileyo kuye.a
Phawula kwakhona ukuba ukunyaniseka akuyomvakalelo nje kuphela kodwa kuquka isenzo. UYehova wenza ngokunyaniseka njengokuba noDavide wazibonela. Ngamaxesha eenzingo uYehova wamkhusela waza wamkhokela ukumkani uDavide owayethembekile. UDavide owayenoxabiso wambulela uYehova ‘ngokumhlangula entendeni yeentshaba zakhe.’—2 Samuweli 22:1.
Athetha ntoni amazwi kaDavide kuthi? UYehova akagungqi yaye akatshintshi. (Yakobi 1:17) Akayitshintshi imilinganiselo yakhe, uhlala enyanisekile yaye uyazigcina izithembiso zakhe. Kwenye yeendumiso zakhe uDavide wathi: “UYehova. . .akayi kubashiya abanyanisekileyo bakhe.”—INdumiso 37:28.
UYehova uyakuxabisa ukunyaniseka kwethu. Uyakuxabisa nokumthobela kwethu yaye usikhuthaza ukuba simxelise ngokunyaniseka kwabanye abantu. (Efese 4:24; 5:1) Ukuba sinyaniseka ngale ndlela sinokuba nethemba lokuba uYehova akayi kuze asishiye. Nokuba banokusiphoxa kangakanani abanye abantu, sinokuqiniseka ukuba uYehova uya kuhlala enyanisekile kuthi yaye uya kusinceda sikwazi ukujamelana nazo naziphi na iimvavanyo ezisivelelayo. Sondela kuYehova ‘onyanisekileyo.’—ISityhilelo 16:5.
[Umbhalo osemazantsi]
a Eyesibini kaSamuweli 22:26 ihambelana neeNdumiso 18:25. Enye inguqulelo yeBhayibhile iyiguqulela kanje le ndumiso: “Umntu onyanisekileyo uyambonisa ukuba Uzele luthando.”—The Psalms for Today.