Unokuphendula Athini Umntwana Wakho?
BAZALI: Kwinkupho kaJanuwari 15, 2010, iphepha 16-20, sakhankanya ukuba nifanele niqhelisele nabantwana benu ukuze nikwazi ukubaxhobisa. Kweli nqaku kukho amacebiso anokunceda abantwana bakho bakwazi ukuhlangabezana neengxaki esikolweni. Ninokuwasebenzisa la macebiso xa nisenza uNqulo Lwentsapho.
ABANTWANA abangamaNgqina kaYehova bahlangabezana neengxaki ezininzi. Abantwana abafunda nabo badla ngokubabuza isizathu sokuba bengazenzi izinto ezithile, njengokukhahlela iflegi, ukubhiyozela imihla yokuzalwa neminye imibhiyozo yeeholide. Ukuba umntwana wakho ubuzwa le mibuzo, unokuphendula athini?
Abanye abantwana abangamaKristu baye baphendule bathi: “Andivumelekanga ukwenza loo nto. Ayenziwa enkonzweni yam.” Abo bantwana bafanele banconywe ngokumela ngokuqinileyo unqulo lwabo. Indlela abaphendula ngayo inokwenza abanye bangabuzi eminye imibuzo. Noko ke, iBhayibhile ithi simele ‘sikulungele ukuzithethelela phambi kwakhe wonk’ ubani ofuna ukwazi’ iinkolelo zethu. (1 Pet. 3:15) Oko kuthetha ukuba asifanele sanele nje ngokuthi, “Andivumelekanga ukwenza loo nto.” Enoba abanye abavumelani nathi, bambi basenokufuna ukwazi izizathu zokuba singafuni ukwenza into ethile.
AmaNgqina amaninzi aselula aye abalisele abantwana afunda nabo amabali eBhayibhile esebenzisa iimpapasho ezifana nethi Funda KuMfundisi Omkhulu. Ezi ngxelo zinokwenza baqonde isizathu sokuba abantwana abangamaNgqina besenza izinto ezithile baze ezinye bangazenzi. Abanye abantwana baye bawaphulaphule ngenyameko la mabali eBhayibhile yaye ngenxa yoko kuye kwaqaliswa izifundo zeBhayibhile ezininzi. Abanye baye bangabi namdla wokuphulaphula lonke ibali leBhayibhile. Xa bengacaciselwanga kakuhle, abanye abantwana besikolo banokukufumanisa kunzima ukuwaqonda amanye amabali eBhayibhile. Xa wayemenywa ngumhlobo wakhe ukuba aye kwitheko lomhla wokuzalwa, uMinhee oneminyaka eli-11 ubudala wathi: “IBhayibhile ayithi masibhiyozele imihla yethu yokuzalwa. UYohane uMbhaptizi ekuthethwa ngaye eBhayibhileni, wabulawa xa kwakubhiyozelwa umhla wokuzalwa.” Noko ke, uMinhee uthi umhlobo wakhe akazange ayiqonde kakuhle impendulo yakhe.
Maxa wambi kudla ngokuba luncedo ukubonisa omnye umntwana wesikolo umfanekiso okanye incwadi enelo bali. Kuthekani ukuba abaphathi besikolo abavumi ukuba abantwana babonise abanye iincwadi zonqulo? Ngaba abantwana bethu banokukwazi ukushumayela ngempumelelo nangona bengenazincwadi? Unokubanceda njani abantwana bakho bakwazi ukuzithethelela?
Qhelisela Nabo
Kuyanceda ukuqhelisela ekhaya, xa kuqheliselwa abazali banokuzenza ngathi bangabantwana besikolo. Njengoko abantwana bezama ukumela ukholo lwabo, abazali bafanele babancome ngemigudu abayenzayo baze bababonise apho bafanele baphucule khona, babachazele nesizathu sokuba kubalulekile ukwenjenjalo. Ngokomzekelo, bakhuthaze ukuba bathethe ngendlela eya kwenza abantwana abalingana nabo bakuqonde oko bakuthethayo. UJoshua, oyinkwenkwe eneminyaka esithoba ubudala, uthi abantwana afunda nabo abawaqondi amagama afana nelithi “isazela” nelithi “ukunyaniseka.” Ngoko kuye kufuneke asebenzise amagama alula ukuze bakuqonde oko akuthethayo.—1 Kor. 14:9.
Abanye abantwana ababuza imibuzo basenokuphelelwa ngumdla xa benikwa impendulo ende. Xa abantwana abangamaNgqina bencokola nabanye abantwana besikolo baze baqiqe nabo, banokwenza loo ngxubusho ibangele umdla. UHaneul, oyintombazana eneminyaka elishumi ubudala uthi, “Abantwana endifunda nabo abafuni ndichaze into ende, bafuna sincokole.” Ukuze ukwazi ukuba nencoko nabanye abantwana besikolo, babuze imibuzo uze emva koko uphulaphule ngenyameko xa bechaza izimvo zabo.
Le ncoko ingezantsi ibonisa indlela abantwana abangamaKristu abanokubaphendula ngayo abo bafunda nabo. Akuyomfuneko ukuba le ncoko icengcelezwe—abantwana abafani, ngoko abanakuphendulwa ngendlela efanayo. Ngenxa yoko umntwana oliNgqina ufanele azazi kakuhle iinkolelo zakhe, akwazi ukuzichaza, akwazi nokucacisela abantwana afunda nabo. Ukuba unabantwana abahamba isikolo, zama ukuziqhelisela nabo ezi ncoko.
Ukuqeqesha abantwana akukho lula ibe kufuna ixesha. Abazali abangamaKristu bafanele babethelele imigaqo yeBhayibhile ebantwaneni babo baze babeyisele ukuba baphile ngayo.—Dut. 6:7; 2 Tim. 3:14.
KuNqulo Lwentsapho olulandelayo, zama ukuqhelisela nabantwana bakho ezi ncoko. Jonga iindlela ezinokubanceda ngayo. Khumbula ukuba, injongo asikokucengceleza iimpendulo. Eneneni, nisenokuqhelisela ngokuphindaphindiweyo yaye sihlandlo ngasinye unokubuza ngendlela eyahlukileyo uze ubone indlela abantwana bakho abaya kuphendula ngayo. Njengoko bezama ukuchaza iinkolelo zabo, bancede baphendule ngendlela echuliweyo. Ekuhambeni kwexesha abantwana bakho baya kukwazi ukuthethelela iinkolelo zabo phambi kwabantwana abafunda nabo, abamelwane babo nakootitshala.
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 4, 5]
AMATHEKO EMIHLA YOKUZALWA
UMandisa: Molo Lwazi. Ndiyakumema uze kwitheko lomhla wokuzalwa kwam.
ULwazi: Enkosi Mandisa ngokundimema. Kutheni usenza itheko lomhla wokuzalwa?
UMandisa: Ndiyavuya kuba ngumhla endazalwa ngawo. Kanti wena akulenzi itheko lomhla wokuzalwa?
ULwazi: Hayi andiyenzi.
UMandisa: Kutheni? Bavuya ekhaya ukuzalwa kwam.
ULwazi: Nasekhaya bavuya. Kodwa andiqondi ukuba loo nto ithetha ukuba ndifanele ndenze itheko qho ngonyaka. Abantu abaninzi kumatheko abo okuzalwa baye bacinge ukuba bangabona bantu babalulekileyo. Kodwa ngaba asingoThixo oyena mntu ubalulekileyo? Ngaba asifanele sibulele yena ngokusinika ubomi?
UMandisa: Uthetha ukuthi ndifanele ndingalenzi itheko lomhla wokuzalwa?
ULwazi: Ixhomekeke kuwe ke leyo. Kodwa khawucinge ngoku: Abantu abaninzi bayakuthanda ukuphiwa izipho ngomhla wabo wokuzalwa, kodwa iBhayibhile ithi kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela. Kunokuba umntu anikele ingqalelo kwisiqu sakhe ngomhla wokuzalwa kwakhe, ngaba bekungayi kuba kuhle ukuba abulele uThixo, acinge ngabanye abantu aze abenzele izinto ezintle?
UMandisa: Zange ndayicinga loo nto. Uthetha ukuba abazali bakho abakuphi izipho?
ULwazi: Bayandipha. Kodwa abalindi de ibe ngumhla wokuzalwa kwam. Bandinika nanini na befuna. Kakade Mandisa uyafuna ukwazi ukuba aqalisa njani amatheko omhla wokuzalwa?
UMandisa: Ewe, khawundixelele.
ULwazi: Ndiza kukubalisela ngomso ibali lakudala elibangel’ umdla elithetha ngetheko lomhla wokuzalwa.
UMHOBE WESIZWE
ULiziwe: Nosipho, kutheni ungawuculi nje umhobe wesizwe?
UNosipho: Ngaphambi kokuba ndikuxelele Liziwe, qala undichazele isizathu sokuba wena uwucule.
ULiziwe: Kaloku ndibonisa ukuba ndiyalithanda ilizwe lam.
UNosipho: Nam ndiyalithanda ilizwe lam. Kodwa ucinga ukuba amanye amazwe wona akabalulekanga?
ULiziwe: Abalulekile nawo.
UNosipho: Kodwa asihambi siculela wonk’ umntu okanye yonk’ into esiyihlonelayo, akunjalo?
ULiziwe: Unyanisile. Andazi ke ukuba kutheni ndicula umhobe wesizwe, mhlawumbi kungenxa yokuba uculwa ngumntu wonke.
UNosipho: Abantu abaninzi bacinga ukuba amazwe abo abhetele kunamanye. Benza nantoni na ngenxa yamazwe abo. Kodwa mna andicingi njalo. Andinakuze ndiye emfazweni ndize ndifele ilizwe lam. UThixo akayithandi imfazwe nokuthand’ izwe, nam ke andikuthandi. Nangona ndingalithiyanga ilizwe lam, ndigqibe ekubeni ndingawuculi umhobe wesizwe.
ULiziwe: Ndiyakuva.
UNosipho: Ndiyavuya kuba uye wandibuza lo mbuzo, Liziwe. Xa ufuna ukwazi isizathu sokuba ndenze ezinye izinto yaye ezinye ndingazenzi, ubondibuza. IBhayibhile ithi kude kudala, ukumkani othile waseBhabhiloni wayalela abantu ukuba baqubude phambi komfanekiso owawumela ilizwe lakhe. Abanye abazange baqubude nangona oko kwakubeka esichengeni ubomi babo.
ULiziwe: Nyhani? Baphelela phi?
UNosipho: Ndiza kukuxelela ngexesha lokutya.
IMIBANDELA YEPOLITIKI ESIKOLWENI
ULizo: Buntu, ucinga ukuba ngubani umfundi ofanele abe ngumphathi eklasini yethu?
UBuntu: Mna andikhethi namnye.
ULizo: Ngoba?
UBuntu: Mna ndineyona nkokeli ibalaseleyo. NjengomKristu ndenza isithembiso sokulandela uYesu. Ngoko andinakukhetha enye inkokeli. Uyasazi isizathu sokuba ndicinge ukuba uyeyona Nkokeli ibalaseleyo?
ULizo: Andisazi yaye andinamdla wokusazi.
UBuntu: Mhla wafuna ukwazi ndakukuxelela.
[Umfanekiso]
“Molo Lwazi. Ndiyakumema ukuba ubekho kwitheko lomhla wokuzalwa kwam”
[Umfanekiso okwiphepha 3]
“Kutheni ungawuculi umhobe wesizwe?”