Inkathazo Ekhokelela Ethembeni
“Ngemihla yokugqibela kuya kufika amaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo.”—2 TIMOTI 3:1.
WAKHA weva—okanye wabona—esinye sezi ziganeko zilandelayo?
● Ubhubhani wesifo unqunqela abantu egoqweni.
● Inxele likaKetsekile libulala amakhulu khulu abantu.
● Inyikima ibulala amawaka abantu ize ishiye abantu abaninzi bengenamakhaya.
Kumaphepha alandelayo, uza kufunda ngeziganeko ezifana nezi. Kwakhona uza kubona ukuba iBhayibhile yazixela kwangaphambili iimeko ezifana nezi zenzeka kwixesha elibizwa ngokuba ‘yimihla yokugqibela.’a
Noko ke, injongo yala manqaku, asikokweyisela ukuba siphila kwimihla yokugqibela. Mhlawumbi sele uzibonele le nkathazo. Kunoko enzelwe ukukunika ithemba. Aza kubonisa ukuba ukuzaliseka kwezi ziprofeto zintandathu kuthetha ukuba sele kumbovu ukuba iphele ‘imihla yokugqibela.’ La manqaku aza kuhlola izinto ezidla ngokuthethwa ngabantu xa begatya obu bungqina yaye aza kusinika isizathu esibambekayo sokuba nethemba.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane isizathu sokuba uThixo ezivumele ezi meko, funda inqaku elithi: “Kutheni UThixo Evumela Ukuba Kwenzeke Ubungendawo Nezinto Ezibuhlungu?” kwiphepha 16 nele-17 lale nkupho.