Isiprofeto 1 Iinyikima
“Kuya kubakho iinyikima zomhlaba ezinkulu.”—LUKA 21:11.
● UWinnie, oneenyanga ezili-16 ubudala, uhlangulwa kubugoxo besakhiwo esiyingqushu eHaiti. Iintatheli zikamabonwakude ezichaza ngale ntlekele zamva encwina. Wasinda kuloo nyikima kodwa abazali bakhe bona abazange basinde.
ZIBONISA NTONI IZIGANEKO? Inyikima enkulu yantlitha iHaiti ngoJanuwari 2010, kuqikelelwa ukuba kwafa abantu abangaphezu kwama-300 000. Ukongezelela kwabo bantu isi-1,3 lesigidi basala bengenamakhaya ngephanyazo. Nangona yayinkulu, le nyikima yaseHaiti yayingekokuphela kwayo. Ukususela ngoAprili 2009 ukusa kuAprili 2010 ubuncinane kwabakho iinyikima ezili-18 ezinkulu.
BADLA NGOKUTHINI ABANTU? Asithwaxwa ziinyikima ezingakumbi; ngenxa yokuhambela phambili kwezobugcisa kulula ukuzibona kunabantu bakudala.
NGABA BANYANISILE? Khawuhlole esi sibakala: IBhayibhile ayithethi kakhulu ngenani leenyikima kule mihla yokugqibela. Noko ke, ithi kwakuya kubakho ‘iinyikima zomhlaba ezinkulu kwiindawo ngeendawo,’ zaziza kuba yenye yeembalasane zeli xesha.—Marko 13:8; Luka 21:11.
UTHINI WENA? Ngaba sibona iinyikima ezinkulu kanye njengokuba iBhayibhile yaxela kwangaphambili?
Iinyikima zisenokungabi bubungqina obaneleyo obubonisa ukuba siphila kwimihla yokugqibela. Noko ke, sesinye seziprofeto ezininzi ezizalisekayo. Khawuhlole esi sesibini.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 4]
“Thina [zazinzulu ngomhlaba] sizibiza ngokuba ziinyikima. Abanye abantu bathi ziintlekele.”—UKEN HUDNUT, WEU.S. GEOLOGICAL SURVEY”
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 4]
© William Daniels/Panos Pictures