IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu
KWAKUTHENI ukuze imvumi edumileyo iyeke ukucula ukuze ishumayele? Yintoni eyenza umgewu onguncanyelweni waba luncedo ekuhlaleni? Zifundele la mabali ukuze ufumane iimpendulo.
“Akukho Bani Unokukhonza Iinkosi Ezimbini.”—UANTOLINA ORDEN CASTILLO
UNYAKA WOKUZALWA: 1962
ILIZWE: SPEYIN
UBOMI BANGAPHAMBILI: UMDLALI WEQONGA NEMVUMI
INDLELA ENDANDIKADE NDIPHILA NGAYO: Ndazalelwa kwidolophu encinane yaseTresjuncos, ummandla obizwa ngokuba yiLa Mancha. Intsapho yakowethu yayingabalimi. Umama wayengumKatolika utata yena wayengumProtestanti. Wandifundisa ukuyihlonela iBhayibhile; ndandidla ngokumbona eyifunda qho. Kodwa umama wandikhulisela kubuKatolika kwaye wayedla ngokuya nam kuMthendeleko ngeCawa.
Xa ndandineminyaka eli-15 ubudala ndemka kowethu ndaya kuhlala eMadrid nodadewethu omdala. Ndandisoloko ndibakhumbula abazali bam kodwa ke ekugqibeleni ndade ndaqhelana nobomi bedolophu. Xa ndandineminyaka eli-17 ubudala ndafumana ithuba lokusebenza iinyanga ezimbalwa nezarzuela, uhlobo lweopera yaseSpeyin. Ndayithanda kakhulu ndaza ndagqiba ekubeni ndibe ngumdlali weqonga. Ndayeka ukufundela ukuba ngumabhalanekazi ndaza ndaqalisa ukusebenzela iinkampani zezarzuela ezahlukeneyo. Mayela neli xesha ndaqalisa ukuncuma nomntakwe womnye wabahlobo bam. Ndandonwabe kakhulu kuba ndandisebenza, ndinemali ndithandana.
Ndaqalisa ukukhenketha neenkampani ezahlukeneyo zezarzuela eSpeyin nakwamanye amazwe njengaseColombia, eCosta Rica, Ecuador, naseVenezuela. Kwakhona ndacula namaqela ahlukeneyo omculo eMadrid awayebizwa ngokuba “yiLa movida madrileña.” Elinye lamaqela endandicula nalo laba nempumelelo.
Ndandiwuthanda umsebenzi wam kodwa ndandingayithandi indlela esasiziphethe ngayo. Ukongezelela koko ndandisoloko ndicinga ngenkangeleko yam. Ndandisitya kancinci kangangokuba ekugqibeleni ndaba nesifo seanoreksiya nebhulemiya.
Olona sukelo lwam yayikukuba ngumdlali weqonga. Ekugqibeleni ndamkelwa kwiSikolo saseMadrid Somdlalo Weqonga. Safundiswa ukuba ukuze ube ngumdlali weqonga onempumelelo kufuneka uzame ukuxelisa iimpawu neemvakalelo zomlinganiswa. Ndathi ndisakuyenza le nto ndaziva ndingendim konke konke. Ndandingabacingeli abanye abantu.
INDLELA EBUTSHINTSHE NGAYO UBOMI BAM IBHAYIBHILE: Ndandisazi ukuba ukuze ndibe neempawu ezintle kuza kufuneka ndisebenze nzima. Kodwa ndandingazi ukuba ndimele ndiqale phi. Ndagqiba ekubeni ndikhe ndiye kwenye icawa endandikhe ndaya kuyo nabazali bam eMadrid. Ndathandaza kuThixo ndisebenzisa igama lakhe elinguYehova.
Akuzange kube kudala emva koko ndatyelelwa ngamaNgqina kaYehova amabini. Sathetha sophela ngeBhayibhile, kodwa ndandingaboni ngasonye nawo kwezinye iimfundiso zawo. UEsther, iNgqina elalifunda nam iBhayibhile, wayenomonde kakhulu. Yena nentsapho yakhe babendithanda gqitha. Ndaqalisa ukuya kwiintlanganiso ezaziqhutywa ngamaNgqina ngokukhawuleza ndabona ukuba ndiyifumene inyaniso.
Ndandigqiba kugqibezela izifundo zam xa ndavulekelwa ngamathuba amaninzi omsebenzi. Ndafumana ithuba kumdlalo weqonga owawuza kudlalwa kwiholo laseMadrid elidumileyo. Kodwa ndandiqonda ukuba ukuze ndiphumelele kwakuza kufuneka ndizinikele ngokupheleleyo. Ekugqibeleni ndagqiba ekubeni ndifumane omnye umsebenzi, owawuza kundenza ndikwazi ukukhonza uThixo. Ndachukunyiswa ngamazwi kaYesu athi: “Akukho bani unokukhonza iinkosi ezimbini; kuba usenokuyithiya enye aze ayithande enye, okanye anamathele kwenye aze ayidele enye. Aninakukhonza uThixo nobuTyebi.” (Mateyu 6:24) Isinqanda mathe sam endandithandane naso iminyaka esibhozo sasingazithandi iinkolelo zam ndagqiba ekubeni ndisilahle. Kwakungelulanga.
INDLELA ENDINGENELWE NGAYO: Ngoku, ndiyangxungxa, ndimana ndiculela abantu abakhulileyo. Loo nto indenza ndibe nexesha elingakumbi lokufundisa iBhayibhile kubantu abathetha isiArabhu. Kufuneka ndizibhokoxe ukuze ndifunde olu lwimi lutsha, kodwa ndiyathanda ukwabelana nabo ngezinto endizifundileyo nabantu abanobubele nabatyekele kwizinto zokomoya.
Ngoku ndiphila ubomi obunenjongo akufani nangokuya ndandifundela ukuba ngumdlali weqonga. Ndivakalelwa kukuba uYehova uye wandinceda ndaba ngumntu obhetele nowonwabileyo.
“Ijaji Ndiye Ndayiginyisa Amazwi Ayo.”—UPAUL KEVIN RUBERY
UNYAKA WOKUZALWA: 1954
ILIZWE: ENGILANI
UBOMI BANGAPHAMBILI: UMGEWU
INDLELA ENDANDIKADE NDIPHILA NGAYO: Ndazalelwa eDudley, idolophu enamashishini amakhulu eNtshona Ngilani. Kwandisengumntwana uTata wandenza ndakuthanda ukufunda. Kwakhona wandifundisa ukuyixabisa indalo, nangona wayesithi izivelele. Wandifundisa ukuba akakho uThixo. Nakuba kunjalo, abazali bam bandisa kwisikolo sangeCawa saseWisile.
Xa ndandineminyaka esibhozo ubudala ndabona amanye amakhwenkwe etshisa iphenyane. Kweza amapolisa kodwa ngenxa yokoyika andizange ndithethe nawo. La makhwenkwe ayendityityimbisele umnwe. Ndatyholwa ngento endingayenzanga yaza loo nto yandenza ndanenzondo. Ngenxa yaloo nto, ndonakalisa izikolo, iicawa nemizi-mveliso umonakalo owawubetha kumawaka eerandi. Xa ndandineminyaka elishumi ubudala, ndaqalisa ukuqhekeza imizi nokuba ezivenkileni. Ndandiwuthanda umlilo ndaza ndatshisa kwanto. Esikolweni, ootishala bathi andilawuleki.
Xa ndandineminyaka eli-12 ubudala ndafumana incwadi yobugqi ndaza ndazenzela ibhodi yeOuija. Ekubeni abazali babengakholelwa kuThixo, babecinga ukuba ubugqi babungenabungozi babuyinto nje yokuchitha isithukuthezi. Kodwa xa ndandigqiba isikolo, ndandisele ndivele kaninzi kwinkundla yabantwana. Ndajoyina iqala elinogonyamelo. Ndandiphatha incakuba netyathanga lebhayisekile ukuze ndilwe ngazo. Ndafumana umsebenzi kodwa ndaphulukana nawo kuba ndakhe ndavalelwa entolongweni. Emva kokuba ndikhululwe, ndaqalisa ukonakalisa izinto zabantu ndabanjwa ndaza ndagwetywa iminyaka emibini. Ijaji yathi ndinguncanyelweni kwaye andiloncedo ebantwini.
Emva kokuba ndikhululwe entolongweni, ndadibana nesidala sam, uAnita. Satshata, kwakhe kwadlula ixeshana ndingebi yaye ndingaqhwayi dushe. Emva kweminyaka embalwa, ndavukwa likakade. Ndaqhekeza amashishini, ndaqalisa ukusebenzisa iziyobisi, ndalinxila ndafumana nompu. Ndaphinda ndabanjwa ndaza ndavalelwa entolongweni.
Indlela endandiphila ngayo yayimenza axinezeleke kakhulu uAnita. Ugqirha wakhe wamnika amayeza okuphelisa uxinezeleko kodwa wamxelela ukuba eyona nto yayifuneka yayikukuba aqhawule umtshato. Ngethamsanqa, akazange alithabathe icebiso lakhe.
INDLELA EBUTSHINTSHE NGAYO UBOMI BAM IBHAYIBHILE: Xa sasisandula ukutshata, uAnita wakha wafunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova. Xa ndandisele ndiza kuphuma entolongweni, waphinda wadibana namaNgqina. Kwangaloo mini ndathandaza kuThixo ndisithi: “Ukuba ukho ndibonise.”
Emva kokuba ndikhululwe entolongweni iinyanga ezimbalwa, ndacela umfundisi ukuba asifundise iBhayibhile. Wathi uza kusifundisa imithetho yecawa nokuthandaza.
Ekugqibeleni ndaqalisa ukufunda iBhayibhile. Ndothuka ndakufumanisa ukuba iBhayibhile iyabalela ubugqi. (Duteronomi 18:10-12) Kamva, ndafumana IMboniselo uAnita awayeyishiyelwe ngamaNgqina ngala mhla ndandithandazela uncedo kuThixo. Into endayifundayo yandenza ndafuna amaNgqina.
Iintsapho zethu, abahlobo neminye imigewu yayingonwabanga isakuva ukuba sifunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova. Abanye babesithi ndiyalahlekiswa. Xa ndithetha inyani ingqondo yam yayifuna ukucocwa. Ndandineengxaki ezininzi, isazela sam sifile, ukongezelela kwezinye izinto endandizenza, ndanditshaya imidiza engama-60 ngosuku. AmaNgqina awayefunda iBhayibhile nathi nabazalwana basebandleni aye nomonde kakhulu nobubele. Ekugqibeleni ndahlukana nemikhwa emibi.—2 Korinte 7:1.
INDLELA ENDINGENELWE NGAYO: Mna noAnita sineminyaka engama-35 sitshatile. Omnye wabantwana bethu nabazukulwana bethu ababini bakhonza uYehova nathi. Kwiminyaka yakutshanje, siye sanceda abantu abangakumbi bafunda iBhayibhile.
Ukukhonza uYehova uThixo kuye kwenza ubomi bethu banenjongo. Emva phaya ngowe-1970 ijaji yathi ndinguncanyelweni. Noko ke, ngokuncedwa nguThixo neBhayibhile loo jaji ndiye ndayiginyisa amazwi ayo.