Imibuzo Evela Kubafundi
Ndifanele ndenze ntoni xa ndinombuzo ngento ethile endiyifunde eBhayibhileni okanye xa ndifuna icebiso ngengxaki endinayo?
IMizekeliso 2:1-5 ibongoza ngamnye kuthi ukuba ‘aqhubeke ephanda’ ukuqonda ngokungathi ufuna ‘ubuncwane obufihliweyo.’ Oku kubonisa ukuba simele sizibhokoxe xa siphanda ngeempendulo zemibuzo yeBhayibhile esinayo naxa sifuna isicombululo seengxaki zethu. Sinokuyenza njani le nto?
Incwadi ethi Zuza Kwimfundo YeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, iphepha 33 ukuya kwelama-38 ichaza “Indlela Yokwenza Uphando” usebenzisa izixhobo ezilungiselelwe “likhoboka elithembekileyo neliyingqondi.” (Mat. 24:45) Iphepha lama-36 lithetha ngendlela yokusebenzisa iWatch Tower Publications Index, yaye uhlelo ngalunye lwayo lwahlulwe lwaba sisalathiso semixholo nesezibhalo. Oku kwenza sikwazi ukuphanda enoba siphanda ngamagama aziintloko okanye ngeendinyana zeBhayibhile, apho uya kufumana uludwe lweembekiselo onokuya kuzo. Yiba nomonde xa uphanda ngempendulo engqalileyo okanye xa ufuna ulwalathiso. Khumbula ukuba ukhangela ‘ubuncwane obufihliweyo,’ obufuna ixesha nomgudu.
Kakade ke, ikho imiba nezibhalo ekungathethwa ngokungqalileyo ngayo kwiimpapasho zethu. Yaye nokuba siye sathetha ngeSibhalo esithile, kusenokwenzeka ukuba asikhange siwuchaphazele umbuzo onawo engqondweni. Kwakhona, ezinye iingxelo zeBhayibhile ziphakamisa imibuzo ngenxa yokuba iZibhalo azizichazi zonke ezinye iinkcukacha. Ngenxa yoko asinako ukufumana iimpendulo ezikhawulezileyo zayo yonke imibuzo ephakamayo. Kwimeko enjalo, simele sikuphephe ukufuna isitya emnyameni ngezinto ezingenakuze ziphenduleke, ukuze singabandakanyeki kwiingxoxo ‘zemibuzo efuna uphando kunokwabiwa kwayo nantoni na nguThixo ngokunxibelelene nokholo.’ (1 Tim. 1:4; 2 Tim. 2:23; Tito 3:9) Iofisi yesebe, kanti nekomkhulu alinakukwazi ukuchaza nokuphendula yonke imibuzo ekungakhange kuxutyushwe ngayo kwiincwadi zethu. Sinokwaneliswa kukuba iBhayibhile isinika inkcazelo eyaneleyo yokusikhokela ebomini nangona ingazivezi zonke ezinye iinkcukacha, nto leyo eya kusinceda sibe nokholo olomeleleyo kuMbhali wayo.—Funda iphepha 185 ukuya kwele-187 lencwadi ethi Sondela KuYehova.
Kuthekani ukuba wenze konke obunokukwenza ukuphanda ngomba okuchaphazelayo kodwa sekunjalo awukalufumani ulwalathiso okanye isicombululo osifunayo? Yiya kumzalwana okanye udade oqolileyo, mhlawumbi omnye wabadala basekuhlaleni. Banolwazi lweBhayibhile kunye namava endlela yokuphila kwamaKristu. Indlela elungeleleneyo abaya kukunceda ngayo iya kukulungela nangakumbi ukuba ufuna icebiso ngengxaki onayo nangesigqibo ofuna ukuzenzela sona, kuba bayakwazi yaye basondele kuwe nakwimeko yakho. Ungaze ulibale ukuthandaza kuYehova kwaye umngqale ngezinto ezikuxhalabisayo uze umcele akhokele iingcinga zakho ngomoya wakhe oyingcwele, “kuba uYehova unika ubulumko . . . nokuqonda.”—IMize. 2:6; Luka 11:13.