Kutheni Kukho—IMboniselo Eyenziwe Lula?
SELE kudlule amashumi eminyaka, abantu ehlabathini lonke beyixabisa inkcazelo esekelwe eBhayibhileni epapashwe kwiMboniselo. Kuthe ngoJulayi 2011, kwapapashwa uhlelo lokuqala lokufundisa lweli phephancwadi olwenziwe lula ngolwimi lwesiNgesi. Kule nkupho kwathiwa: “Olu hlelo lutsha luza kulingwa kangangonyaka, yaye ukuba luyasebenza, luza kuqhubeka luprintwa.”
Siyavuyiswa kukunichazela ukuba siye sagqiba kwelokuba luqhubeke luprintwa olu hlelo. Kanti, ekuhambeni kwexesha kuza kuprintwa uhlelo olwenziwe lula nangesiFrentshi, isiPhuthukezi nesiSpanish.
ISIZATHU SOKUBA LUTHANDWE
Emva kokufumana uhlelo olwenziwe lula, abaliqela kuMzantsi Pasifiki banikela le ngxelo: “Ngoku abazalwana bayakwazi ukuyiqonda kakuhle iMboniselo.” Kwenye ileta kwathiwa: “Kunokuchitha ixesha ukhangela intsingiselo yamagama namabinzana, olu hlelo lukunceda uqonde izibhalo ezibonisiweyo nendlela ezidibana ngayo nesifundo.”
Omnye umfundi ophumelele kwanokholeji eUnited States uthi: “Ndichithe iminyaka eli-18 ndithetha yaye ndibhala ulwimi olunzima lwaseyunivesithi. Nam ndangenwa yinto yokuthetha nokucinga ngendlela entsonkothileyo ngokungeyomfuneko. Ndaqonda ukuba kufuneka ndiyitshintshe indlela endicinga nendithetha ngayo.” Njengoko sele ephumelela ekushumayeleni iindaba ezilungileyo, ubhala athi: “Uhlelo lweMboniselo olwenziwe lula luye lwandinceda gqitha. Lundibonise indlela esemagqabini yokuzibeka lula izinto.”
Omnye udade waseNgilani owabhaptizwa ngowe-1972 ubhale wathi ngale Mboniselo yenziwe lula: “Ukufunda kwam uhlelo lwayo lokuqala, ibingathi uYehova uhleli ecaleni kwam, undibambe egxalabeni njengoko silufunda kunye. Ibingathi ngutata ondizalayo endifundela ibali ngaphambi kokuba ndilale.”
Omnye udade oseBheteli eUnited States, owabhaptizwa kwiminyaka engaphezu kwama-40 eyadlulayo wathi, le nkupho yenziwe lula imncedile maxa wambi wazibona ngokutsha izinto. Ngokomzekelo, ibhokisi ethi, “Some Expressions Explained” kwinkupho kaSeptemba 15, 2011 yalichaza ngolu hlobo ibinzana elithi ‘ilifu lamangqina’ elikumaHebhere 12:1: “Kwakunzima nokuwabala ngendlela awayemaninzi ngayo.” Wathi: “Le nto yenze ndayiqonda kakuhle le ndinyana.” Waleka ngelithi xa wayethetha ngeentlanganiso zeveki: “Kwanokuba umntwana uye waphendula ngokusuka kuhlelo olwenziwe lula, akaphenduli ngamazwi akuhlelo oluqhelekileyo lweMboniselo oluphethwe ngabo bonke abantu. Ngoko iimpendulo zalo mntwana ziba ntsha kubaphulaphuli.”
Omnye udade oseBheteli wabhala wathi: “Ndisoloko ndilangazelela ukuva amagqabaza abantwana ebandleni. IMboniselo eyenziwe lula iyabanceda baphendula ngamazwi abo. Andihlaziya ngokwenene amagqabaza abo.”
Ebulela olu hlelo lwenziwe lula, omnye udade owabhaptizwa ngowe-1984 wathi: “Ingathi lubhalelwe mna. Lundinceda ndikuqonde kakuhle oko ndikufundayo. Sele kulula kum ukuphendula kwiSifundo seMboniselo.”
BALUXABISA GQITHA ABAZALI
Unina wenkwenkwe eneminyaka esixhenxe ubudala wathi: “Ibidla ngokuba luzengezenge into yokufuneka ndicacise izivakalisi ezininzi xa silungiselela iSifundo seMboniselo.” Lumncede njani olu hlelo lwenziwe lula? Uthi: “Okumangalisayo kukuba naye uyakwazi ukufunda iziqendu xa silungiselela yaye uyakwazi ukuphulaphula kwiintlanganiso. Akasoyiki kuphendula kuba amagama akulo alula nezivakalisi zifutshane. Sele ewalungiselela ngokwakhe amagqabaza yaye ngalo lonke ixesha sifunda, ujonga iphephancwadi lakhe.”
Unina wentombazana eneminyaka esithoba ubudala wathi: “Sasikade simncedisa xa elungiselela amagqabaza. Ngoku uwalungiselela ngokwakhe. Akusafane kwenzeke ukuba sihlale naye sizama ukucacisa inkcazelo. Ngenxa yokuba ingasamxaki, ngoku uziva eyinxalenye yeSifundo seMboniselo.”
INDLELA ABAVAKALELWA NGAYO ABANTWANA
Abantwana bavakalelwa kukuba iMboniselo eyenziwe lula ilungiselelwe bona. URebecca oneminyaka eli-12 ubudala uthi: “Sicela ningaluyekisi olu hlelo lutsha! Ndiyalithanda icandelo elithi ‘Some Expressions Explained.’ Lilula kakhulu kubantwana.”
NoNicolette oneminyaka esixhenxe ubudala uvakalelwa ngendlela efanayo: “Bendidla ngokungayiqondi iMboniselo. Ngoku kulula ukugqabaza izihlandlo eziliqela.” UEmma oneminyaka esithoba wabhala wathi: “Isincedile nomntan’ asekhaya oyinkwenkwe oneminyaka emithandathu ubudala! Ngoku siziva bhetele izinto! Enkosi!”
Lizicacele elokuba le Mboniselo inceda abantu abaninzi kuba isebenzisa amagama nezivakalisi ezilula. Yanelisa iimfuno zabantu yaye iya kuqhubeka ipapashwa kunye nohlelo oluqhelekileyo obeluxabiseke ukususela ngowe-1879.