IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w15 9/1 iphe. 5
  • Yintoni Ayikholelwayo AmaNgqina kaYehova?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Yintoni Ayikholelwayo AmaNgqina kaYehova?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • Amanqaku Afanayo
  • AmaNgqina KaYehova
    Ukuqiqa NgeZibhalo
  • Kutheni Sishumayela Nje?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • Yintoni Ayikholelwayo AmaNgqina KaYehova?
    Imibuzo Abantu Abaqhele Ukuyibuza NgamaNgqina KaYehova
  • Yintoni UBukumkani BukaThixo?
    Yintoni UBukumkani BukaThixo?
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
w15 9/1 iphe. 5
Isibini esingamaNgqina kaYehova sifunda iBhayibhile nabantwana baso

INQAKU ELINGUMXHOLO | NGOOBANI AMANGQINA KAYEHOVA?

Yintoni ayikholelwayo amaNgqina kaYehova?

AmaNgqina kaYehova akholelwa ukuba “sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo kwaye siyingenelo.” (2 Timoti 3:16) Sikhokelwa yiBhayibhile, ibe yiyo esifundisa ngoMdali nendlela yokuphila ubomi obunenjongo.

IBhayibhile ithi: “Ukuze abantu bazi ukuba wena, ogama linguYehova, nguwe wedwa Oyena Uphakamileyo phezu komhlaba wonke.” (INdumiso 83:18) Ngoko ke, sinqula uYehova Thixo kuphela yaye sizama ukwazisa igama lakhe njengamaNgqina akhe.—Isaya 43:10-12.

NjengamaKristu, sikholelwa ukuba uYesu ‘nguNyana kaThixo,’a weza emhlabeni waza waba nguMesiya. (Yohane 1:34, 41; 4:25, 26) Emva kokufa kwakhe, wavuselwa ezulwini. (1 Korinte 15:3, 4) Kamva, waba nguKumkani woBukumkani bukaThixo. (ISityhilelo 11:15) Obo Bukumkani ngurhulumente wokwenene oya kubuyisela iParadesi emhlabeni. (Daniyeli 2:44) IBhayibhile ithi: “Abalulamileyo baya kuwudla ilifa umhlaba, baziyolise ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo.”—INdumiso 37:11, 29.

“Xa efunda iBhayibhile, akholelwa ukuba uThixo uthetha nawo. Nanini na edibana nengxaki ebomini, athatha iLizwi likaThixo aze akhangele isicombululo kulo. . . . KumaNgqina iLizwi likaThixo lisaphila.”—Umfundisi wamaKatolika uBenjamin Cherayath, kwiphepha-ndaba laseJamani iMünsterländische Volkszeitung

AmaNgqina kaYehova akholelwa ukuba imigaqo yeBhayibhile inokubanceda abantu nanamhlanje. (Isaya 48:17, 18) Ngenxa yoko, sizama ukuphila ngemigaqo yayo. Ngokomzekelo, ekubeni iBhayibhile isilumkisa ukuba siphephe imikhwa enokungcolisa ingqondo nemizimba yethu, asitshayi okanye sisebenzise iziyobisi. (2 Korinte 7:1) Siyayiphepha nemikhwa egxekwayo yiBhayibhile, njengokunxila, ukuziphatha kakubi ngokwesondo nobusela.—1 Korinte 6:9-11.

a IBhayibhile ikwathi uYesu ‘nguNyana okuphela kozelweyo kaThixo’ kuba wayengowokuqala kwindalo yaye nguye kuphela awamdala ngokwakhe uYehova.—Yohane 3:18; Kolose 1:13-15.

Abazali abavuyayo babukele unyana wabo evula isipho

Ukuze ufunde ngeenkolelo zethu, kuquka nesizathu sokuba singazibhiyozeli iiholide okanye singavumi ukutofelwa igazi, yiya ku-www.pr2711.com/xh, uze ukhangele kwindawo ethi INKCAZELO ENGAKUMBI NGATHI > IMIBUZO ABANTU ABAQHELE UKUYIBUZA.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share