IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 12/11 iphe. 2
  • Ibhokisi Yemibuzo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ibhokisi Yemibuzo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2011
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Uyaluxabisa Uncwadi Lwethu?
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
  • Luhambise Kakuhle Uncwadi LweBhayibhile
    Ubomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela—Incwadi Yentlanganiso—2017
  • Masilusebenzise Ngobulumko Uncwadi Lwethu Olusekelwe EBhayibhileni
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2005
  • Ukuhambisa Uncwadi Kwintsimi Ekuthethwa Iilwimi Ezininzi Kuyo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2003
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2011
km 12/11 iphe. 2

Ibhokisi Yemibuzo

◼ Yintoni egqibayo ukuba simshiyele kusini na umntu uncwadi?

Eyona nto ibalulekileyo ngumdla womntu. Ukuba unomdla wokwenene, sinokumshiyela amaphephancwadi amabini, incwadana enemifanekiso, incwadi okanye naluphi na uncwadi esiluhambisayo. Sinokulushiya nokuba umntu unemali encinane yokunikela okanye akanayo. (Yob 34:19; ISityhi. 22:17) Kwelinye icala, uncwadi lwethu asilushiyeli abantu abangaluxabisiyo.—Mat. 7:6.

Umninimzi unokuwubonisa njani umdla? Ukufuna kwakhe ukuncokola nathi kuya kubonisa ukuba unawo. Ngokuthi anikele ingqalelo njengoko sithetha, aphendule imibuzo aze avakalise izimvo zakhe. Ukuhambisana nathi njengoko sifunda iBhayibhile kubonisa ukuba uyalihlonela iLizwi likaThixo. Kudla ngokuba luncedo ukumbuza enoba uza kulufunda kusini na uncwadi alushiyelwayo. Abavakalisi bamele basebenzise ingqiqo ukuze babone umdla womntu. Ngokomzekelo xa sinikele ubungqina esitratweni, bekungayi kufaneleka ukunika nabani na odlulayo uncwadi singakhange sisebenzise ingqiqo. Ukuba asiqinisekanga ngomdla womntu kungakuhle ukumnika iphecana.

Ngokufanayo, inani loncwadi olufunyanwa ngumvakalisi ebandleni lifanele libe lelo aza kukwazi ukulusebenzisa entsimini, lingaxhomekeki kubungakanani bomnikelo awenzayo. Iminikelo ayenzelwa kuhlawulela uncwadi kodwa ukuxhasa zonke iinkalo zomsebenzi wethu wokushumayela owenziwa ehlabathini. Enoba injani na imeko yethu yemali, luxabiso oluya kusiqhubela ekubeni sinikele ukuze sixhase izilangazelelo zoBukumkani kungekhona intsalela esinayo. (Marko 12:41-44; 2 Kor. 9:7) Oko kuya kusiqhubela ukuba sithathe kuphela uncwadi esiludingayo, ngaloo ndlela sikuphephe ukulusafaza.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 2]

Abavakalisi baya kusebenzisa ingqiqo ukuze babone umdla womntu

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share