Umsebenzi WamaNgqina KaYehova Kula Maxesha
ENicaragua
Eli lizwe liyintombazana linomhlaba ongamahla-ndinyuka nabantu abahlukahlukeneyo. Noko ke, okubuhlungu kukuba iNicaragua iye yathwaxwa ziintlekele, ezingokwemvelo nezibangelwe ngabantu. Kodwa la mashwangusha akakhange awathintele amawakawaka ukuba amkele iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. Khawukhe uve ngendlela intsikelelo kaYehova eye yaneziqhamo ezihle ngayo kweli lizwe likweleenjiko lambeswe ngamachibi, imilambo neentaba.
KwiiPhilippines
Khawucinge nje ngocelomngeni lokushumayela iindaba ezilungileyo kwilizwe elineziqithi ezingaphezu kwama-7 000, uninzi lwazo ekunzima ukungena kulo ngenxa yamahlathi okanye iintaba! Ngaphezu koko, izaqhwithi, izikhukula, iinyikima neentaba-mlilo zixhaphakile apho. Funda ngendlela unqulo olunyulu oluye lwahambela phambili ngayo kwiiPhilippines nakuba kukho iziphazamiso ezinjengezi.