Eksodus 1:14 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 14 Yaye abenza bakrakra ubomi babo ngokubatsalisa nzima ebukhobokeni, besenza udaka lodongwe+ nezitena nawo wonke umsebenzi wobukhoboka wasendle,+ ewe, wonke umsebenzi wobukhoboka ababanyanzela ngobuzwilakhe ukuba bawenze.+ Eksodus 3:7 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 7 Wongezelela uYehova wathi: “Ngokungathandabuzekiyo ndiyibonile inkxwaleko yabantu bam abaseYiputa, yaye ndisivile isikhalo sabo ngenxa yabo babaqweqwedisayo emsebenzini; kuba ndiyazi kakuhle intlungu yabo.+ Duteronomi 26:6 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 6 Asiphatha kakubi amaYiputa, asixhwalekisa, asikhobokisa kalukhuni.+
14 Yaye abenza bakrakra ubomi babo ngokubatsalisa nzima ebukhobokeni, besenza udaka lodongwe+ nezitena nawo wonke umsebenzi wobukhoboka wasendle,+ ewe, wonke umsebenzi wobukhoboka ababanyanzela ngobuzwilakhe ukuba bawenze.+
7 Wongezelela uYehova wathi: “Ngokungathandabuzekiyo ndiyibonile inkxwaleko yabantu bam abaseYiputa, yaye ndisivile isikhalo sabo ngenxa yabo babaqweqwedisayo emsebenzini; kuba ndiyazi kakuhle intlungu yabo.+