Eksodus 12:29 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 29 Kwathi ke ezinzulwini zobusuku uYehova waxabela onke amazibulo ezweni laseYiputa,+ kususela kwizibulo likaFaro ohleli etroneni yakhe kwasa kwizibulo lomthinjwa osemngxunyeni wentolongo, nezibulo ngalinye lesilo.+ Eksodus 14:13 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 13 Wathi uMoses ebantwini: “Musani ukoyika.+ Yimani ngokuqinileyo, nilubone usindiso lukaYehova, aya kunenzela lona namhlanje.+ Kuba amaYiputa lawo niwabonayo namhlanje, anisayi kuze niphinde niwabone kwakhona.+ INdumiso 12:5 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 5 “Ngenxa yokuphangwa kwabo baxhwalekileyo, ngenxa yokuncwina kwabo bangamahlwempu,+Ngesi sihlandlo ndiya kuvuka,” utsho uYehova.+“Ndiya kumbeka endaweni ekhuselekileyo kuye nabani na omfuthelayo.”+
29 Kwathi ke ezinzulwini zobusuku uYehova waxabela onke amazibulo ezweni laseYiputa,+ kususela kwizibulo likaFaro ohleli etroneni yakhe kwasa kwizibulo lomthinjwa osemngxunyeni wentolongo, nezibulo ngalinye lesilo.+
13 Wathi uMoses ebantwini: “Musani ukoyika.+ Yimani ngokuqinileyo, nilubone usindiso lukaYehova, aya kunenzela lona namhlanje.+ Kuba amaYiputa lawo niwabonayo namhlanje, anisayi kuze niphinde niwabone kwakhona.+
5 “Ngenxa yokuphangwa kwabo baxhwalekileyo, ngenxa yokuncwina kwabo bangamahlwempu,+Ngesi sihlandlo ndiya kuvuka,” utsho uYehova.+“Ndiya kumbeka endaweni ekhuselekileyo kuye nabani na omfuthelayo.”+