IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Genesis 48:16
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 16 Ingelosi endihlanguleyo kuyo yonke intlekele,+ ngamana ingawasikelela la makhwenkwe.+

      Igama lam malibizwe phezu kwawo negama loobawo, uAbraham noIsake,+

      Mawande abe maninzi emhlabeni.”+

  • Eksodus 32:34
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 34 Ke ngoko, hamba, ubakhokelele abantu kuloo ndawo ndathethayo ngayo kuwe. Yabona! Ingelosi yam iya kuhamba phambi kwakho,+ yaye ngemini yokohlwaya kwam ngokuqinisekileyo ndiya kubohlwaya ngenxa yesono sabo.”+

  • Numeri 20:16
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 16 Ekugqibeleni sadanduluka kuYehova,+ waliva ilizwi lethu, wathumela ingelosi+ yasikhupha eYiputa; naku ke ngoku silapha eKadeshe, isixeko esisekupheleni kommandla wakho.

  • Yuda 9
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 9 Kodwa xa uMikayeli+ isiphatha-zingelosi+ wayeneyantlukwano+ noMtyholi yaye ephikisana naye ngomzimba kaMoses,+ akazange abe nobuganga bokuzisa umgwebo nxamnye naye ngamazwi okutshabhisa,+ kodwa wathi: “Ngamana uYehova angakukhalimela.”+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share