Eksodus 13:21 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 21 UYehova wahamba phambi kwabo emini ngomqulu welifu ukuba abakhokele endleleni,+ nangomqulu womlilo ebusuku ukuba abakhanyisele ukuze bahambe emini nasebusuku.+ Eksodus 23:20 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 20 “Uyabona, ndithumela ingelosi+ phambi kwakho ukuba ikugcine endleleni ize ikuse endaweni endiyilungisileyo.+ Eksodus 29:45 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 45 Ndiya kuwumisa umnquba wam phakathi koonyana bakaSirayeli, ndibe nguThixo wabo.+ Eksodus 34:9 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 9 Wandula wathi: “Ukuba ndikholekile emehlweni akho, Yehova, nceda uhambe phakathi kwethu,+ kuba esi sizwana sintamo-lukhuni,+ ngoko ke sixolele isiphoso sethu nesono sethu,+ usenze ilifa lakho.”+ Isaya 8:10 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 10 Cebani icebo, lotshitsha!+ Thethani naliphi na ilizwi, aliyi kuma, ngokuba uThixo unathi!+
21 UYehova wahamba phambi kwabo emini ngomqulu welifu ukuba abakhokele endleleni,+ nangomqulu womlilo ebusuku ukuba abakhanyisele ukuze bahambe emini nasebusuku.+
20 “Uyabona, ndithumela ingelosi+ phambi kwakho ukuba ikugcine endleleni ize ikuse endaweni endiyilungisileyo.+
9 Wandula wathi: “Ukuba ndikholekile emehlweni akho, Yehova, nceda uhambe phakathi kwethu,+ kuba esi sizwana sintamo-lukhuni,+ ngoko ke sixolele isiphoso sethu nesono sethu,+ usenze ilifa lakho.”+