Numeri 11:17 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 17 Ndiya kuhla+ ndithethe nawe khona;+ ndicaphule kumoya+ okuwe ndiwubeke kuwo, aze akuncedise ekuthwaleni umthwalo waba bantu, ungawuthwali wedwa.+ 2 Kumkani 2:9 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 9 Kwathi kamsinya nje bakuba bewelile uEliya wathi kuElisha: “Cela into emandikwenzele yona ngaphambi kokuba ndithatyathwe kuwe.”+ Waza wathi uElisha: “Ndicela ukuba iinxalenye ezimbini+ zomoya wakho+ zize kum.”+ 2 Kumkani 2:15 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 15 Xa oonyana babaprofeti ababeseYeriko bambonayo bemgama, bathi: “Umoya+ kaEliya uhleli kuElisha.” Ngako oko beza kumhlangabeza baza baqubuda+ kuye emhlabeni.
17 Ndiya kuhla+ ndithethe nawe khona;+ ndicaphule kumoya+ okuwe ndiwubeke kuwo, aze akuncedise ekuthwaleni umthwalo waba bantu, ungawuthwali wedwa.+
9 Kwathi kamsinya nje bakuba bewelile uEliya wathi kuElisha: “Cela into emandikwenzele yona ngaphambi kokuba ndithatyathwe kuwe.”+ Waza wathi uElisha: “Ndicela ukuba iinxalenye ezimbini+ zomoya wakho+ zize kum.”+
15 Xa oonyana babaprofeti ababeseYeriko bambonayo bemgama, bathi: “Umoya+ kaEliya uhleli kuElisha.” Ngako oko beza kumhlangabeza baza baqubuda+ kuye emhlabeni.