Numeri 11:25 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 25 Wandula ke wehla uYehova ngelifu,+ wathetha kuye,+ wacaphula umoya okuye,+ wawubeka kwindoda nganye enkulu kulawo angamashumi asixhenxe. Wathi wakuhlala umoya phezu kwawo, aprofeta; kodwa akaphindanga kwakhona.+ Numeri 27:20 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 20 Uze uthabathe kwisidima sakho,+ ubeke phezu kwakhe, ukuze imphulaphule yonke indibano yoonyana bakaSirayeli.+ 2 Kumkani 2:9 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 9 Kwathi kamsinya nje bakuba bewelile uEliya wathi kuElisha: “Cela into emandikwenzele yona ngaphambi kokuba ndithatyathwe kuwe.”+ Waza wathi uElisha: “Ndicela ukuba iinxalenye ezimbini+ zomoya wakho+ zize kum.”+ Isaya 11:2 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 2 Kwaye umoya kaYehova umele uhlale phezu kwalo,+ umoya wobulumko+ nowokuqonda,+ umoya wecebo nowamandla,+ umoya wokwazi+ nowokoyika uYehova;+
25 Wandula ke wehla uYehova ngelifu,+ wathetha kuye,+ wacaphula umoya okuye,+ wawubeka kwindoda nganye enkulu kulawo angamashumi asixhenxe. Wathi wakuhlala umoya phezu kwawo, aprofeta; kodwa akaphindanga kwakhona.+
20 Uze uthabathe kwisidima sakho,+ ubeke phezu kwakhe, ukuze imphulaphule yonke indibano yoonyana bakaSirayeli.+
9 Kwathi kamsinya nje bakuba bewelile uEliya wathi kuElisha: “Cela into emandikwenzele yona ngaphambi kokuba ndithatyathwe kuwe.”+ Waza wathi uElisha: “Ndicela ukuba iinxalenye ezimbini+ zomoya wakho+ zize kum.”+
2 Kwaye umoya kaYehova umele uhlale phezu kwalo,+ umoya wobulumko+ nowokuqonda,+ umoya wecebo nowamandla,+ umoya wokwazi+ nowokoyika uYehova;+