IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Eksodus 34:28
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 28 Wahlala apho ke kunye noYehova iintsuku ezingamashumi amane nobusuku obungamashumi amane. Akadla sonka, akasela manzi.+ Wawabhala emacwecweni amazwi omnqophiso lowo, aMazwi Alishumi.+

  • Numeri 12:3
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 3 Ke indoda leyo inguMoses yayiyeyona ilulamileyo+ kubantu bonke ababephezu komhlaba.

  • Malaki 3:1
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 3 “Khangela! Ndithumela umthunywa wam,+ yaye umele ahlahle indlela phambi kwam.+ Iya kuza ngequbuliso etempileni Yayo,+ iNkosi yokwenyaniso,+ leyo niyifunayo, engumthunywa+ womnqophiso+ eniyoliswayo nguye.+ Khangela! Ngokuqinisekileyo uya kuza,” utsho uYehova wemikhosi.+

  • Mateyu 4:2
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 2 Emva kokuba ezile ukutya iimini ezingamashumi amane nobusuku obungamashumi amane,+ wandula ke walamba.

  • Mateyu 11:29
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 29 Thabathani idyokhwe+ yam nize nifunde kum,+ kuba ndinomoya wobulali,+ ndithobekile ngentliziyo, kwaye niya kuyifumanela ukuhlaziyeka+ imiphefumlo yenu.

  • Luka 24:27
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 27 Yaye eqalela kuMoses+ nakubaProfeti+ bonke wabatolikela izinto eziphathelele yena kuzo zonke iZibhalo.

  • Luka 24:44
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 44 Ke kaloku wathi kubo: “Ngawo la amazwi am endawathetha kuni ngoxa ndandisekunye nani,+ ukuba zonke izinto ezibhaliweyo ngam emthethweni kaMoses nakubaProfeti+ nakwiiNdumiso+ zimelwe kukuzaliseka.”

  • Yohane 5:46
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 46 Enyanisweni, ukuba nanikholelwe kuMoses beniya kukholelwa nakum, kuba yena wabhala ngam.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share