IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Isaya 7:14
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 14 Ngoko ke uYehova ngokwakhe uya kuninika umqondiso: Khangelani! Intombi+ okunene iya kumitha,+ izale unyana,+ ize imbize ngegama elinguImanuweli.

  • Isaya 9:6
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 6 Kuba sizalelwe umntwana,+ sinikwe unyana;+ yaye ukuphatha njengenkosana kuya kuba segxalabeni lakhe.+ Igama lakhe liya kubizwa ngokuba nguMcebisi Omangalisayo,+ uThixo Onamandla,+ uBawo ongunaPhakade,+ iNkosana yoXolo.+

  • Yeremiya 23:5
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 5 “Khangela! Kuza imihla,” utsho uYehova, “endiya kuthi ngayo ndimvelisele ihlumelo lobulungisa uDavide.+ Ngokuqinisekileyo ke loo kumkani uya kulawula+ aze enze ngengqiqo, aphumeze okusesikweni nobulungisa elizweni.+

  • Hezekile 34:23
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 23 Ndiya kuvelisa phezu kwazo umalusi omnye, yaye umele azondle,+ umkhonzi wam kanye uDavide.+ Yena uya kuzondla, kwaye yena uya kuba ngumalusi wazo.+

  • Daniyeli 9:24
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 24 “Bamiselwe iiveki ezingamashumi asixhenxe abantu bakowenu+ nesixeko sakowenu esingcwele,+ zokuba kupheliswe ukunxaxha,+ ngokunjalo nesono sicinywe,+ sicanyagushelwe isiphoso,+ kubekho ubulungisa ukusa kwixesha elingenammiselo,+ kutywinwe+ umbono nomprofeti, neNgcwele yeeNgcwele ithanjiswe.+

  • Mika 5:2
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 2 “Nawe, Bhetelehem Efrata,+ wena umncinane gqitha ukuba ube phakathi kwamawaka akwaYuda,+ kuwe+ ndiya kuphunyelwa ngulowo uza kuba ngumlawuli wakwaSirayeli,+ omvelaphi yakhe isusela kumaxesha angaphambili, ukususela kwimihla yexesha elingenammiselo.+

  • Malaki 3:1
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 3 “Khangela! Ndithumela umthunywa wam,+ yaye umele ahlahle indlela phambi kwam.+ Iya kuza ngequbuliso etempileni Yayo,+ iNkosi yokwenyaniso,+ leyo niyifunayo, engumthunywa+ womnqophiso+ eniyoliswayo nguye.+ Khangela! Ngokuqinisekileyo uya kuza,” utsho uYehova wemikhosi.+

  • Yohane 1:45
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 45 UFilipu wafumana uNathaniyeli+ waza wathi kuye: “Simfumene lowo uMoses, eMthethweni,+ nabaProfeti+ babhala ngaye, uYesu, unyana kaYosefu,+ waseNazarete.”

  • IZenzo 10:43
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 43 Kuye bonke abaprofeti banikela ubungqina,+ bokuba wonk’ ubani okholwayo kuye ufumana uxolelo lwezono ngegama lakhe.”+

  • IZenzo 26:22
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 22 Noko ke, ngenxa yokuba ndizuze uncedo+ oluvela kuThixo ndiyaqhubeka ukusa kule mini ndinikela ubungqina kwabancinane nabakhulu, kodwa ndingathethi nto ngaphandle kwezinto abazixelayo abaProfeti+ kwakunye noMoses+ ukuba zaziza kwenzeka,

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share