6 Kwaye abazange bathi, ‘Uphi na uYehova, Lowo wasinyusayo esikhupha kwilizwe laseYiputa,+ Lowo wasihambisa entlango, kwilizwe lethafa eliyinkqantosi+ nomhadi, kwilizwe elingenamanzi+ nelinethunzi elimnyama,+ kwilizwe ekungadluli mntu kulo nekungahlali mntu wasemhlabeni kulo?’