IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Genesis 34:14
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 14 Bathi kubo: “Asinakuyenza into enjalo, yokuba sinikele udade wethu kwindoda enejwabi,+ kuba oko kulungcikivo kuthi.

  • 1 Samuweli 14:6
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 6 Ngoko uYonatan wathi kumlindi, umphathi wezikrweqe zakhe: “Yiza size siwelele kwinkampu yala madoda angalukanga.+ Mhlawumbi uYehova uya kusisebenzela, kuba akukho sithintelo kuYehova ukuba asindise ngabaninzi okanye ngabambalwa.”+

  • 1 Samuweli 17:26
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 26 NoDavide wathi kumadoda awayemi kufuphi naye: “Kuya kwenziwa ntoni na kwindoda exabele laa mFilisti+ uphaya ize okunene isuse ungcikivo phezu koSirayeli?+ Kuba ungubani na lo mFilisti ungalukanga+ ukuba angcikive+ izintlu zedabi zoTHIXO ophilayo?”+

  • 1 Samuweli 31:4
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 4 Wandula ke uSawule wathi kumphathi wezikrweqe zakhe: “Rhola ikrele lakho+ uze undihlabe ngalo, ukuze la madoda angalukanga+ angezi aze ngokuqinisekileyo andihlabe, andiphathe kakubi.” Umphathi wezikrweqe zakhe akavumanga,+ ngenxa yokuba wayesoyika kakhulu. Ngoko uSawule walithabatha ikrele waza waziwisa phezu kwalo.+

  • 2 Samuweli 1:20
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 20 Musani ukukuxela eGati;+

      Ningakwazisi ezitratweni zeAshkelon,+

      Ngokoyikela ukuba iintombi zamaFilisti zisenokuba nemihlali,

      Ngokoyikela ukuba iintombi zabantu abangalukanga zisenokugcoba.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share